UYesu—Umzekelo Ogqibeleleyo Esimele Siwulandele
NGABA unqwenela ukonwaba ngakumbi ebomini? Umpostile uPetros usixelela indlela esinokwenza ngayo ukuze sonwabe. Uthi: “UKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.” (1 Petros 2:21) Enyanisweni, ekubeni wayephila ubomi obungaqhelekanga, uYesu Kristu wenza izinto ezininzi esinokufunda kuzo. Xa sifunda ngoYesu size simxelise, ngokuqinisekileyo siya konwaba ngakumbi. Makhe sihlolisise ezinye zeempawu awayenazo lo mntu ubalaseleyo size sibone indlela esinokungenelwa ngayo kumzekelo awawumiselayo.
UYesu wayephila ubomi obulungeleleneyo. Nakubeni uYesu wathi “akanayo nendawo le yokufaka intloko,” wayengazibandezi ulonwabo. (Mateyu 8:20) Wayesiya ezidlweni. (Luka 5:29) Ummangaliso wokuqala awawenzayo—ukujika amanzi abe yiwayini emnandi kwitheko lomtshato—ubonisa ukuba wayengelololo okanye wayengazibandezi ulonwabo. (Yohane 2:1-11) Sekunjalo, wayenza yacaca eyona nto yayibalulekile kuye. Wathi: “Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.”—Yohane 4:34.
□ Ngaba ukhe wayihlolisisa indlela ophila ngayo ukuze ubone indlela onokuzilungelelanisa ngayo izinto eziphathekayo nolwalamano lwakho olusondeleyo noThixo?
UYesu wayengeneka lula. IBhayibhile ithi uYesu wayenobubele nobuhlobo. Wayengacaphuki xa abantu besiza kuye neengxaki okanye bembuza izinto ezididayo. Ngesinye isihlandlo xa wayengqongwe sisihlwele sabantu, ibhinqa elalineminyaka eli-12 ligula lachukumisa iingubo zakhe ukuze liphile. Akazange alikhalimele ngoko abanye babecinga ukuba kuphosakele, kodwa ngobubele wathi: “Ntombi, ukholo lwakho lukuphilisile.” (Marko 5:25-34) Nabantwana babesonwaba xa bekunye naye, babengoyiki ukuya kuye kuba besithi akazi kubakhathalela. (Marko 10:13-16) Abafundi bakhe babencokola naye ngokukhululekileyo nangobuhlobo. Babengoyiki ukusondela kuye.—Marko 6:30-32.
□ Ngaba ungeneka lula?
Wayenovelwano nemfesane. Enye yezinto awayebalasele ngazo uYesu kukukwazi ukuzibeka kwimeko yabanye abantu aze abancede. Xa umpostile uYohane ebalisa ngoYesu xa wabona uMariya ekhalela ukufa komntakwabo uLazaro uthi, “Wagcuma emoyeni, wakhathazeka.” Abantu ababebukele bayibona indlela uYesu awayeyithanda ngayo le ntsapho. Wabonisa imfesane yokwenene ngokumvusa ekufeni umhlobo wakhe.—Yohane 11:33-44.
Ngesinye isihlandlo enye indoda eyayineqhenqa—isifo esonyanyekayo esayenza yaba yinkom’ edla yodwa—yabongoza uYesu isithi: “Nkosi, ukuba nje uyathanda, unako ukundenza ndihlambuluke.” Ngobubele uYesu ‘wasolula isandla sakhe, wayichukumisa, esithi: “Ndiyathanda. Hlambuluka.”’ (Mateyu 8:2, 3) UYesu wayengaphilisi abantu kuba nje efuna ukuzalisekisa isiprofeto. Wayefuna ukubosula iinyembezi. Yonke into awayeyenza yayilawulwa ngamazwi akhe ahlala enkenteza ezingqondweni zabantu athi: “Kanye njengoko nifuna abantu benze kuni, yenzani ngendlela efanayo kubo.”—Luka 6:31.
□ Ngaba izinto ozenzayo zibonisa ukuba unemfesane kwabanye?
UYesu wayenengqiqo. Nangona wayengazange enze bubi, uYesu akazange alindele ukuba nabanye abantu bafezeke okanye azenze mkhulu kubo; engazange azenze umntu ongayiqondiyo imeko abakuyo. Ngasihlandlo sithile elinye ibhinqa ‘elalisaziwa esixekweni ukuba lingumoni’ labonisa ukholo nendlela elimthanda ngayo uYesu ngokumhlamba iinyawo ngeenyembezi zalo. Lowo wayememe uYesu nowayeligxeka eli bhinqa ngenxa yezenzo zalo, wamangaliswa ngokwenene akubona uYesu eliyeka limhlambe iinyawo. Ebona ukuba oku likwenza ngokuphum’ entliziyweni, uYesu akazange aligxeke ngenxa yezinto elalizenza. Kunoko wathi: “Ukholo lwakho lukusindisile, hamba ngoxolo.” Ngenxa yendlela awaliphatha ngayo uYesu, kusenokwenzeka ukuba elo bhinqa layiyeka indlela elaliphila ngayo.—Luka 7:37-50.
□ Ngaba waziwa njengomntu okhawulezayo ukuncoma kunokugxeka?
Wayengakhethi buso yaye enentlonelo. Mhlawumbi ngenxa yobuntu obufanayo nangenxa yokuzalana, uYesu wayemthanda ngakumbi umfundi wakhe uYohane.a Sekunjalo, wayengamphathi ngendlela ekhethekileyo kunabanye abafundi. (Yohane 13:23) Xa uYohane nesalamane sakhe uYakobi bacela ukuba ababeke kwizigxina eziphakamileyo kuBukumkani bukaThixo, uYesu wathi: “Ukuhlala ngasekunene kwam okanye ngasekhohlo kwam asikokwam.”—Marko 10:35-40.
UYesu wayebahlonela abanye abantu. Wayengenabuhlanga njengabantu bomhla wakhe. Ngokomzekelo, abafazi babejongelwa phantsi. Sekunjalo, uYesu wayewahlonela amabhinqa. Umntu wokuqala awazichaza kuye ukuba unguMesiya yayilibhinqa elingumSamariya, maSamariya lawo ayejongelwa phantsi ngamaYuda, ade angawabulisi nokuwabulisa. (Yohane 4:7-26) Yayikwangamabhinqa awawanika ilungelo lokuba ngawokuqala ukumbona ukuba uvukile.—Mateyu 28:9, 10.
□ Ngaba ubaphatha ngokungenamkhethe abantu bolunye uhlanga, abesinye isini, abathetha olunye ulwimi, okanye besinye isizwe?
Wayithwala imbopheleleko yakhe njengonyana nomkhuluwa. Kuyabonakala ukuba uYosefu owakhulisa uYesu, wafa uYesu eselula. Kusenokwenzeka ukuba uYesu wayesebenza njengomchweli ukuze axhase unina nabaninawa bakhe. (Marko 6:3) Kwiiyure zakhe zokugqibela emhlabeni, wayaleza umfundi wakhe uYohane ukuba anyamekele unina.—Yohane 19:26,27.
□ Ngaba unokuxelisa uYesu ngokunyamekela intsapho yakho?
UYesu wayengumhlobo wokwenene. UYesu wayengumhlobo obalaseleyo. Kutheni sisitsho nje? Akazange abanikel’ umva abahlobo bakhe ngenxa yeempazamo abazenzayo, kwanezo babezenza ngokuphindaphindiweyo. Abafundi bakhe babengasoloko besenza ngendlela ayifunayo. Kodwa wazingqina engumhlobo wabo ngokunikel’ ingqalelo kwiimpawu zabo ezintle endaweni yokubacingela kakubi. (Marko 9:33-35; Luka 22:24-27) Wayengabanyanzeli ngezimvo zakhe, kodwa wayefuna bathethe oko kusezintliziyweni zabo.—Mateyu 16:13-15.
Ngaphezu koko, uYesu wayebathanda abahlobo bakhe. (Yohane 13:1) Wayebathanda kangakanani? Wathi: “Akukho bani unothando olukhulu kunolu, lokuba uthile anikezele umphefumlo wakhe ngenxa yabahlobo bakhe.” (Yohane 15:13) Ngaba ikho into ebaluleke ngaphezu kokuba umntu anikele ngobomi bakhe ngenxa yabahlobo bakhe?
□ Ngaba uhlala ungumhlobo nokuba abanye bayakucaphukisa?
Wayenesibindi kwaye eyindoda. UYesu wayengekho buthathaka, njengokuba abanye abazobi bembonisa ngolo hlobo. Iincwadi zeVangeli zithi wayomelele yaye enamandla. Izihlandlo ezibini, uYesu wabagxotha abo babethengisa etempileni kunye nezinto ababezithengisa. (Marko 11:15-17; Yohane 2:14-17) Xa isihlwele seza kubamba “uYesu umNazarete,” ngenkalipho wazichaza ngokukhawuleza ukuze akhusele abafundi bakhe, wathi: “Ndinguye. Ukuba, ke ngoko, ndim lo nimfunayo, bayekeni aba bahambe.” (Yohane 18:4-9) Akumangalisi ke ngoko ukuba xa uPontiyo Pilato wabona indlela akhaliphe ngayo uYesu ngoxa wayebanjiwe yaye ephethwe kakubi wathi: “Khangelani! Umntu!”—Yohane 19:4, 5.
□ Ngaba uthabatha amanyathelo akhawulezileyo yaye uba nesibindi xa ubona into ofanele uyenze?
Ezi kunye nezinye iimpawu awayebalasele ngazo uYesu zimenza abe ngumzekelo ogqibeleleyo esifanele siwuxelise. Ukuba siphenjelelwa yindlela awayeziphethe ngayo, siya konwaba ngakumbi. Ngenxa yoku, umpostile uPetros wabongoza amaKristu ukuba alandele emanyathelweni kaYesu. Ngaba uzabalazela ukulandela emanyathelweni kaYesu ngokusondeleyo?
Ungaphezulu Kokuba Ngumzekelo Nje Wokulandelwa
Noko ke, uYesu wayengaphezulu kokuba ngumzekelo esifanele siwulandele. Wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yohane 14:6) Ngaphandle kokuba uYesu wazisa inyaniso ngoThixo, esivulela indlela yokusondela kuye, uye wabangela ukuba abantu abanokholo bafumane ubomi.—Yohane 3:16.
Ethetha ngesizathu sokuza kwakhe emhlabeni, uYesu wathi: “UNyana womntu weza, kungekhona ukuze alungiselelwe, kodwa ukuze alungiselele nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mateyu 20:28) Ngokunikela ngobomi bakhe njengentlawulelo, uYesu wavulela abantu ithuba lokufumana ubomi obungunaphakade. Umntu ngamnye umele enze ntoni ukuze axhamle kwelo lungiselelo? UYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.
Ewe, ukuze sizuze ubomi obungunaphakade kufuneka singenise ulwazi ngoYesu, sixelise indlela awayephila ngayo, size sibe nokholo kwidini lakhe. Siyakucela ukuba uziphe ixesha lokufundisisa incwadi engumthombo wolo lwazi, iBhayibhile, uze uzabalazele ukwenza oko ikuthethayo, kanye njengokuba uYesu wenzayo.b
Umzekelo wobomi bukaYesu usifundisa ngohlobo lwabantu esimele sibe ngabo. Ukufa kwakhe okulidini kunokusikhulula esonweni nakumvuzo waso okukufa. (Roma 6:23) Hayi indlela ebiya kuba lusizi ngayo imeko yethu ukuba besingenayo impembelelo kaYesu Kristu enamandla! Singaze sivumele ukuxaxeka namaxhala obu bomi asithintele ekubeni sicingisise ngomzekelo woyena mntu ubalaseleyo wakha waphila, uYesu Kristu, size siwulandele ngokusondeleyo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kusenokwenzeka ukuba unina kaYohane, uSalome, wayengudadeboMariya, unina kaYesu. Thelekisa uMateyu 27:55, 56 noMarko 15:40 kunye noYohane 19:25.
b Ukuze ufumane iinkcukacha ngobomi bukaYesu emhlabeni, funda incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 7]
◼ UYesu wayengenamkhethe yaye wayehlonela wonke umntu
◼ Wayengumhlobo wokwenene kwada kwasa ekupheleni
◼ Wayenesibindi
Ngaba uzabalazela ukulandela emanyathelweni kaYesu ngokusondele ngakumbi?
[Imifanekiso ekwiphepha 5]
UYesu wayelungelelene . . .
engeneka lula . . .
enemfesane