Ukuxabiseka ‘Kwesitya Esibuthathaka’
UMPOSTILE uPetros wabhala wathi: “Nina madoda, qhubekani nihlala [nabafazi benu] ngokokwazi, nibanika imbeko njengesitya esibuthathaka ngakumbi, esobukhomokazi.” (1 Petros 3:7) Ngaba esi Sibhalo sibathob’ isidima abafazi ngokuthi ‘bazizitya ezibuthathaka’? Makhe sihlolisise ingcamango eyayidluliselwa ngumbhali wamandulo ophefumlelweyo.
Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “imbeko” lithetha “ixabiso, ukuxabiseka, . . . intlonelo.” Ngoko indoda yomKristu imele imthantamise umfazi wayo, ibonise ulwazelelelo kuye njengesitya esiethe-ethe nesixabisekileyo. Oku akuthobi sidima konke konke. Ngokomzekelo, khawucinge ngesibane sodidi oluphezulu esenziwa nguTiffany. Olu hlobo lwesibane esikhazimla kakhulu siethe-ethe. Ngaba ukuba ethe-ethe kwaso kuyalithoba ixabiso laso? Akunjalo konke konke! Ngowe-1997 esi sibane sikaTiffany sathengiswa efandesini ngezigidi zeerandi ezili-17,9! Ukuba cekeceke kwaso kwalinyusa ixabiso laso, kunokuba kulithobe.
Ngokufanayo, ukunika umfazi imbeko njengesitya esibuthathaka akumthobi sidima. Ukuhlala nomfazi “ngokokwazi” kuthetha ukuba indoda ihlala ikhumbula ukuba amandla akhe anganeno, yaye inikela ingqalelo nakwizinto azithandayo nangazithandiyo, kwanakwimbono yakhe nendlela avakalelwa ngayo. Indoda enenyameko iyabuqaphela ubuntu obahlukileyo phakathi kwayo nomfazi wayo. Ibonisa ulwazelelelo ngaye “ukuze imithandazo [yayo] ingathinteleki.” (1 Petros 3:7) Indoda engabukhathalelanga ubuthathaka bomfazi wayo ilubek’ engozini ulwalamano lwayo noThixo. Ngokucacileyo, iLizwi likaThixo aliwajongeli phantsi amabhinqa. Kunoko, liwanika isidima nembeko.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 32]
© Christie’s Images Limited 1997