Imbono YeBhayibhile
Yiphephe Intetho Engakhiyo
“Kumlomo omnye kuphuma ukubonga nesiqalekiso. Akufanelekanga, bazalwana bam, ukuba kube njalo.”—YAKOBI 3:10.
UKUTHETHA lolunye lweempawu ezibalulekileyo, ezisenza sahluke kwizilwanyana. Okubuhlungu kukuba, abanye abantu basisebenzisa kakubi esi sipho. Ukuthuka, ukuqalekisa, ukutshabhisa, ukunyelisa, ubukrwada, nentetho engamanyala kunokubavisa ubuhlungu abanye abantu—yaye maxa wambi loo ntlungu inokodlula naleyo yenxeba elisemzimbeni. IBhayibhile ithi: “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele, kodwa ulwimi lwezilumko luyaphilisa.”—IMizekeliso 12:18.
Baya besanda abantu abakuthandayo ukuthuka. Ezikolweni kuthiwa bayanda abantwana abathukayo. Noko ke, abanye abantu bathi xa beye bathuka utsho uthomalale umsindo. Omnye umfundi wezobupolitika wabhala wathi: “Xa uphelelwe ngamazwi, ukuthuka yeyona ndlela ifanelekileyo yokudlulisela kakuhle oko ukucingayo.” Ngaba amaKristu afanele ayithabathe lula ngolo hlobo intetho eyenzakalisayo? Uvakalelwa njani yena uThixo ngayo?
Kwenyanye Ukuqhula Okungamanyala
Intetho engamanyala ayiqali kubakho namhlanje. Ngaba unokothuka xa kuthiwa babekho abantu ababethuka nakwimihla yabapostile, malunga neminyaka engama-2 000 eyadlulayo? Ngokomzekelo, kubonakala ukuba abathile kwibandla laseKolose babethuka xa benomsindo. Basenokuba babesenjenjalo ngenjongo yokuhlasela okanye ukukhubekisa abanye, mhlambi besenzela ukuziphindezela. Ngokufanayo, abantu abaninzi namhlanje bayathuka xa benomsindo. Ngoko ke, ileta kaPawulos awayibhalela abaseKolose iyasebenza nakumhla wethu. UPawulos wathi: “Lahlani konke, ingqumbo, umsindo, ububi, yaye makungaphumi ntetho itshabhisayo, nantetho ingamanyala emlonyeni wenu.” (Kolose 3:8) Kucacile ukuba amaKristu abongozwa ukuba akuphephe ukuthuka xa enomsindo.
Kuyavunywa ukuba, abaninzi basebenzisa izithuko bengenanjongo yokuhlasela okanye yokwenzakalisa abanye. Abanye abantu abaziva xa bethuka. Ngoko ke, ukuthuka sele kuyinto eqhelekileyo. Abanye abantu abasakwazi ukuncokola bengakhange bakhuphe isithuko. Abantu abaninzi basebenzisa intetho engcolileyo xa beqhula. Noko ke, ngaba iziqhulo ezingamanyala zifanele zijongwe njengento engenamsebenzi neyamkelekileyo? Khawuqwalasele oku kulandelayo.
Intetho engamanyala yintetho eyothusayo eyenzelwa ukuhlekisa abanye. Ubukhulu becala, izinto ezingamanyala ekuqhulwa ngazo namhlanje ziphathelele isini. Yaye abantu abaninzi abacinga ukuba banesidima bayayithanda intetho enjalo. (Roma 1:28-32) Ngoko ke, ayimangalisi into yokuba abantu abenza amabali ahlekisayo bethanda ukuqhula ngezinto eziphathelele isini. Kwiimovie ezininzi neenkqubo zikamabonwakude nezikanomathotholo zisetyenziswa kakhulu iziqhulo ezingamanyala.
IBhayibhile iyathetha ngokuqhula okungamanyala. Umpostile uPawulos wabhalela amaKristu ase-Efese wathi: “Uhenyuzo nako konke ukungahlambuluki nokubawa makungakhe kukhankanywe kwaukukhankanywa phakathi kwenu, kanye njengoko kubafaneleyo abantu abangcwele; kwanehambo elihlazo nentetho yobudenge nokuqhula okungamanyala, zinto ezo ezingafanelekanga.” (Efese 5:3, 4) Kucacile ukuba, uThixo uyithiyile intetho engamanyala, kungakhathaliseki ukuba isetyenziswa ngayiphi injongo. Iyenyanyeka. Iyenzakalisa.
Amazwi Angqwabalala Angamkholisiyo UThixo
Intetho eyenzakalisayo iquka okungakumbi kunentetho engamanyala. Ukuthuka, ukukwekwa, ukugculela nokuhlab’ amadlala ngendlela engqwabalala kunokubenzakalisa ngokunzulu abantu. Yinyaniso ukuba, sonke siyona ngolwimi lwethu, ngakumbi xa kufikelelwa kumbandela wokukwekwa nokudl’ izithende izinto ezixhaphakileyo. (Yakobi 3:2) Sekunjalo, amaKristu okwenyaniso akafanele ayigqale njengento eyamkelekileyo intetho engakhiyo. IBhayibhile ibonisa phandle ukuba uYehova uThixo akalufuni naluphi na uhlobo lwentetho engakhiyo.
Ngokomzekelo, kwincwadi yesiBini yooKumkani, iBhayibhile ithetha ngeqela lamakhwenkwe awagculela umprofeti uElisha. Le ngxelo ithi “amgculela esithi kuye: ‘Nyuka, mpandlandini! Nyuka, mpandlandini!’” UYehova, owayezazi iingcinga zabo bantwana nowayeyibona inkohlakalo yabo, wakuthabatha nzulu ukugculela kwabo. Le ngxelo ithi uThixo wabulala amakhwenkwe angama-42 ngenxa yokugculela kwabo.—2 Kumkani 2:23, 24.
Abantu bakwaSirayeli “baqhubeka bebagculela abathunywa bakaThixo oyinyaniso bewadelela amazwi akhe bebenza intlekisa abaprofeti bakhe, de wafika umsindo kaYehova nxamnye nabantu bakhe, kwada akwabakho kuphiliswa.” (2 Kronike 36:16) Nangona eyona nto yayicaphukisa uThixo yayikukuba abantu bakhe babenqula izithixo yaye bengamthobeli, iBhayibhile ikhankanya ngokungqalileyo ukugculelwa kwabaprofeti bakaThixo. Oku kuyibonisa kakuhle indlela uThixo akuthiye ngayo ukugculela.
Ngoko iBhayibhile ibongoza amaKristu ithi: “Ungayihlabi amadlala ngokuqatha indoda enkulu.” (1 Timoti 5:1) Lo mgaqo sinokuwusebenzisa nakwindlela esibaphatha ngayo abanye. IBhayibhile isikhuthaza ukuba ‘singathethi kakubi nangabani na, singabi ngabathanda ukulwa, sibe ngabanengqiqo, sibonise ubulali kubantu bonke.’—Tito 3:2.
Ukunqanda Imilebe Yethu
Maxa wambi kunokuba nzima ukuzibamba ungamthuki umntu. Xa oniwe, umntu usenokuvakalelwa kukuba kufanelekile ukuziphindezela ngezithuko okanye ngamazwi arhabaxa kulowo umonileyo—enoba umxelela ngokuthe ngqo okanye uyamhleba. Sekunjalo, amaKristu afanele akuphephe oko. IMizekeliso 10:19 ithi: “Ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha, kodwa oyinqandayo imilebe yakhe wenza ngokunengqiqo.”
Iingelosi zikaThixo zisimisela umzekelo omhle kule nkalo. Ziyazazi zonk’ izinto ezimbi ezenziwa ngabantu. Nangona iingelosi zomelele kunabantu, azibamangaleli ngamazwi okutshabhisa, “ngenxa yokuhlonela uYehova.” (2 Petros 2:11) Ekubeni zisazi ukuba uThixo uzazi zonke izinto eziphosakeleyo ezenziwa ngumntu ngamnye yaye unelungelo elipheleleyo lokulungisa oko, iingelosi ziyayinqanda imilebe yazo. UMikayeli, isiphatha-zingelosi, wakuphepha ukusebenzisa amazwi atshabhisayo nkqu nakuMtyholi.—Yude 9.
AmaKristu azabalazela ukuxelisa iingelosi. Athobela isiluleko seBhayibhile esithi: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. Yenzani okuhle emehlweni abantu bonke. Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke. Musani ukuziphindezelela, zintanda, kodwa yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.’”—Roma 12:17-19.
Okubangela umdla kukuba, ilizwi nendlela esithetha ngayo zinokufak’ isandla koko sikutshoyo. Yinto eqhelekileyo ukuba amadoda nabafazi bawo bakhubekisane xa bexambulisana. Abazali abaninzi badla ngokubangxolisa abantwana babo. Noko ke, akuyomfuneko ukuba singxole xa sichaza indlela esivakalelwa ngayo. IBhayibhile iyasibongoza: “Mabususwe kuni bonke ubukrakra bolunya nomsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa nabo bonke ububi.” (Efese 4:31) IBhayibhile iphinda ithi “ikhoboka leNkosi akufuneki lilwe, kunoko kufuneka lithantamise kubo bonke.”—2 Timoti 2:24.
Amazwi Aphilisayo
Ngenxa yokuxhaphaka kwentetho etshabhisayo nengamanyala namhlanje, amaKristu afanele abe nendlela yokuxhathisa le mpembelelo iyingozi. IBhayibhile isinika icebo elifanelekileyo, elo lokuthanda abamelwane bethu. (Mateyu 7:12; Luka 10:27) Inkxalabo nothando olunyanisekileyo ngommelwane luya kusishukumisela ukuba sisoloko sisebenzisa amazwi aphilisayo. IBhayibhile ithi: “Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu, kodwa mayibe lelilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze libanike oko kukholekileyo abevayo.”—Efese 4:29.
Kwakhona, ukubethelela iLizwi likaThixo ezingqondweni zethu kusinceda siyiphephe intetho engakhiyo. Ukufunda nokucamngca ngeZibhalo Ezingcwele kunokusinceda ‘silahle bonke ubunyhukunyhuku.’ (Yakobi 1:21) Ewe, iLizwi likaThixo linokusinceda sibe nengqondo ephilileyo.