Ungayeki Ukwenza Okuhle
“Ngoko masingayeki ukwenza okuhle, kuba sovuna ngexesha elililo ukuba asidinwa.”—GALATI 6:9.
1, 2. (a) Kutheni kufuneka unyamezelo xa ukhonza uThixo? (b) UAbraham walubonakalisa njani unyamezelo, yaye yintoni eyamncedayo ukuba enjenjalo?
NJENGAMANGQINA KAYEHOVA, siyakuvuyela ukwenza ukuthanda kukaThixo. Siyahlaziyeka xa sithabatha “idyokhwe” yokuba ngabafundi. (Mateyu 11:29) Sekunjalo, ukukhonza uYehova noKristu akusoloko kulula. Umpostile uPawulos wakucacisa oku xa wayebongoza amanye amaKristu esithi: “Kufuneka ninyamezele, ukuze, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, namkele inzaliseko yesithembiso.” (Hebhere 10:36) Kufuneka unyamezelo ngenxa yokuba ukukhonza uThixo kunokuzisa ucelomngeni.
2 Ngokuqinisekileyo ubomi buka-Abraham bububungqina beso sibakala. Izihlandlo ezininzi wayejamelana nokhetho olunzima neemeko ezicinezelayo. Ukunikwa umyalelo wokushiya ubomi obutofotofo baseUre kwakusisiqalo nje. Kungekudala, kwabakho indlala, intiyo yabamelwane bakhe, waphantse waphulukana nomfazi wakhe, wajamelana nentiyo yezinye izalamane zakhe, nemfazwe. Kwakusekho iimvavanyo awayeza kujamelana nazo. Kodwa uAbraham akazange ayeke ukwenza okuhle. Oku kuhlab’ umxhelo kakhulu xa sicinga ukuba wayengenalo iLizwi likaThixo elipheleleyo, njengokuba thina sinalo namhlanje. Sekunjalo, ngokungathandabuzekiyo wayesazi isiprofeto sokuqala, apho uThixo wathi: “Ndiya kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe.” (Genesis 3:15) Njengalowo yayiza kuza ngaye iMbewu, uAbraham wayeza kuba lolona tshaba lukaSathana luphambili. Ngokungathandabuzekiyo, ukuqonda esi sibakala kwamnceda uAbraham ukuba anyamezele ukuvavanywa kwakhe ngovuyo.
3. (a) Kutheni abantu bakaYehova namhlanje befanele balindele ukubandezeleka? (b) AmaGalati 6:9 asikhuthaza ukuba senze ntoni?
3 Abantu bakaYehova namhlanje bafanele balindele ukubandezeleka. (1 Petros 1:6, 7) Ngapha koko, ISityhilelo 12:17 siyasilumkisa sisithi uSathana ‘wenza imfazwe’ nentsalela ethanjisiweyo. Ngenxa yokuba zinxulumene ngokusondeleyo nabathanjiswa, “nezinye izimvu” zingamaxhoba engqumbo kaSathana. (Yohane 10:16) Ngaphandle kwenkcaso amaKristu anokuhlangabezana nayo kubulungiseleli basesidlangalaleni, asenokufumana iingcinezelo nasebomini bawo. UPawulos uyasibongoza esithi: “Masingayeki ukwenza okuhle, kuba sovuna ngexesha elililo ukuba asidinwa.” (Galati 6:9) Ewe, nangona uSathana ezimisele ukuhlasela ukholo lwethu, simele sime ngokunxamnye naye, siqine elukholweni. (1 Petros 5:8, 9) Unokuba yintoni umphumo wekhondo lethu lokuthembeka? UYakobi 1:2, 3 uthi: “Kugqaleni kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nihlangabezana nezilingo ezahlukahlukeneyo, nisazi nje ukuba ukuvavanywa kokholo lwenu kuvelisa unyamezelo.”
Ukuhlaselwa Ngokungqalileyo
4. USathana uye wabahlasela njani ngokungqalileyo abantu bakaThixo ngelizama ukwaphula ingqibelelo yabo?
4 Ngokuqinisekileyo oko kwenzeka kubomi buka-Abraham kusibonisa ‘izilingo ezahlukahlukeneyo’ umKristu anokujamelana nazo namhlanje. Ngokomzekelo, kwafuneka athabathe amanyathelo nxamnye nabahlaseli baseShinare. (Genesis 14:11-16) Akumangalisi ukuba uSathana aqhubeke emhlasela ngokungqalileyo ngentshutshiso. Ukususela ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi II, urhulumente uye wawuvala umsebenzi wamaKristu wokufundisa owenziwa ngamaNgqina kaYehova kumazwe amaninzi. INcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2001 isixelela ngogonyamelo lweentshaba aye ahlangabezana nalo amaKristu aseAngola. Ngenxa yokuba bethembele ngoYehova, abazalwana bethu abakumazwe anjalo baye baqina abavuma ukunikezela! Abakhange babhenele kugonyamelo okanye kwimvukelo, kodwa ngobulumko baye baqhubeka nomsebenzi wokushumayela.—Mateyu 24:14.
5. Ulutsha olungamaKristu lunokuba ngamaxhoba entshutshiso njani esikolweni?
5 Noko ke, asiyiyo yonke intshutshiso ebandakanya ugonyamelo. Ekugqibeleni uAbraham wasikelelwa ngoonyana ababini—uIshmayeli noIsake. IGenesis 21:8-12 isixelela ukuba ngasihlandlo sithile uIshmayeli ‘wayesenza intlekisa’ ngoIsake. Kwincwadi yakhe eya kwabaseGalati, uPawulos ubonisa ukuba lo yayingengomdlalo nje wabantwana, kuba uthi uIshmayeli wamtshutshisa uIsake! (Galati 4:29) Ngaloo ndlela, ukugculelwa ngabo sifunda nabo nokuthukwa ngabachasi ngokufanelekileyo kunokubizwa ngokuba yintshutshiso. UmKristu oselula ogama linguRyan ukhumbula indlela awayengcungcuthekiswa ngayo ngabo wayefunda nabo: “Imizuzu eli-15 endandiyichitha ndikhwele uduladula xa ndisiya naxa ndibuya esikolweni yayibonakala ngathi ziiyure ezininzi njengoko babendithuka. Babenditshisa ngeengcingo zokudibanisa amaphepha ababezitshisa ngezinto ababeqhwitha ngazo xa betshaya.” Sasiyintoni isizathu soku kuphathwa kabuhlungu? “Uqeqesho lobuthixo lwalundenza ndahluke kwabanye abantwana besikolo.” Sekunjalo, ngenxa yenkxaso yabazali bakhe, uRyan wakwazi ukunyamezela ngokuthembeka. Lutsha, ngaba ingcinezelo yoontanga benu iye yanidimaza? Ninganikezeli! Ngokunyamezela, niya kubona inzaliseko yamazwi kaYesu athi: “Ninoyolo nina xa abantu beningcikiva, benitshutshisa, bethetha ngani lonke uhlobo lwento engendawo bexoka, ngenxa yam.”—Mateyu 5:11.
Amaxhala Emihla Ngemihla
6. Ziziphi izinto ezinokonakalisa ulwalamano phakathi kwamaKristu namhlanje?
6 Inkoliso yezilingo esijamelana nazo namhlanje iquka amaxhala emihla ngemihla. UAbraham kwafuneka ahlangabezane nembambano eyayiphakathi kwabalusi bakhe nabalusi bomtshana wakhe uLote. (Genesis 13:5-7) Ngendlela efanayo namhlanje, ukwahluka kobuntu nokuba nomona ngezinto ezingenamsebenzi kunokonakalisa ulwalamano kude kusongele noxolo lwebandla. “Kuba apho kukho ikhwele nokusukuzana, kubakho isidubedube nabo bonke ububi.” (Yakobi 3:16) Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba, njengoAbraham, singanikezeli yaye singavumeli ikratshi liphazamise uxolo, sifune izilangazelelo zabanye!—1 Korinte 13:5; Yakobi 3:17.
7. (a) Umntu ufanele enze ntoni ukuba uye wakhathazwa ngomnye umKristu? (b) UAbraham wamisela umzekelo omhle njani wokuba nolwalamano oluhle nabanye?
7 Ukuba noxolo kunokuba lucelomngeni xa sivakalelwa kukuba elinye ikholwa liye lasiphatha ngokungekho sikweni. IMizekeliso 12:18 ithi: “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele.” Amazwi angacingwanga, anokubangela intlungu enzulu, nokuba lowo uwathethayo akanantshukumisa imbi. Kuba buhlungu nangakumbi xa sivakalelwa kukuba siye satyholwa okanye siye sangamaxhoba okuhleba okwenzakalisayo. (INdumiso 6:6, 7) Kodwa umKristu akanakunikezela ngenxa yokukhathazeka! Ukuba ukuloo meko, thabatha inyathelo lokuqala ukulungisa izinto ngokuthetha ngobubele nalowo ukonileyo. (Mateyu 5:23, 24; Efese 4:26) Kulungele ukumxolela loo mntu. (Kolose 3:13) Xa singenayo ingqumbo, oko kusivulela ithuba lokuba sixole, silungise nolwalamano lwethu nomzalwana wethu. UAbraham akazange amqumbele uLote. Kaloku, uAbraham wakhawuleza ukuya kuhlangula uLote nentsapho yakhe!—Genesis 14:12-16.
Ukuzibizela Izilingo
8. (a) AmaKristu ‘anokuzingxwelerha njani ngeentlungu ezininzi’? (b) Yintoni eyabangela uAbraham waba nembono elungeleleneyo ngezinto eziphathekayo?
8 Kuyavunywa ukuba, ezinye izilingo sizibangela ngokwethu. Ngokomzekelo, uYesu wayalela abalandeli bakhe esithi: “Musani ukuziqwebela ubuncwane emhlabeni, apho kudla khona inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekeza khona ebe.” (Mateyu 6:19) Ukanti, abanye abazalwana baye ‘bazingxwelerha ngeentlungu ezininzi’ ngokubeka izilangazelelo zezinto eziphathekayo ngaphambi kwezilangazelelo zoBukumkani. (1 Timoti 6:9, 10) UAbraham wayekulungele ukuncama ubomi obutofotofo ukuze akholise uThixo. “Ngokholo wahlala njengomphambukeli kwilizwe lesithembiso njengakwilizwe lasemzini, waza wahlala ezintenteni kunye noIsake noYakobi, iindlalifa kunye naye zesithembiso esikwasinye. Kuba wayelindele isixeko esineziseko zokwenene, sixeko eso esimakhi nomenzi waso unguThixo.” (Hebhere 11:9, 10) Ukholo luka-Abraham ‘ngesixeko’ awayesilindele kwixesha elizayo, okanye ubukumkani bukaThixo, lwamnceda ukuba angathembeli ngobutyebi. Ngaba akuyi kuba bubulumko ngathi ukwenza okufanayo?
9, 10. (a) Ukunqwenela ukuba ngodumileyo kunokumbizela isilingo njani ubani? (b) Umzalwana unokuziphatha “njengomncinane” njani namhlanje?
9 Khawuqwalasele enye inkalo. IBhayibhile inikela olu lwalathiso lungqongqo: “Ukuba ubani ucinga ukuba unguthile xa engeyonto, ukhohlisa ingqondo yakhe.” (Galati 6:3) Ngapha koko, siyabongozwa ukuba ‘singenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo.’ (Filipi 2:3) Abanye bazibizela izilingo ngokungasisebenzisi esi siluleko. Ngenxa yokunqwenela ukuba ngabadumileyo kunokunqwenela ukwenza “umsebenzi omhle,” bayadimazeka baze bangonwabi xa bengafumani malungelo ebandleni.—1 Timoti 3:1.
10 UAbraham wamisela umzekelo omhle ‘ngokungazicingeli ngaphezu koko wayemelwe kukuzicingela ngako.’ (Roma 12:3) Xa wadibana noMelkitsedeki, uAbraham akazange enze ngokungathi isigxina awayebekwe kuso nguThixo sasimenza abe ngowongamileyo. Ngokwahlukileyo koko, waqonda ukuba uMelkitsedeki wayekwisigxina esongamileyo sokuba ngumbingeleli ngokumnika isishumi. (Hebhere 7:4-7) Ngokufanayo, amaKristu namhlanje afanele akulungele ukuziphatha ‘njengabancinane’ angafuni ukuba ngabantu abaphambili. (Luka 9:48) Ukuba abo bakhokelayo ebandleni babonakala bengavumi ukukunika amalungelo athile, zihlolisise ngokunyanisekileyo ukuze ubone indlela onokuphucula ngayo ubuntu bakho okanye indlela owenza ngayo izinto. Endaweni yokukhathazeka ngenxa yokungafumani malungelo, lisebenzise ngokuzeleyo ilungelo onalo—ilungelo lokunceda abanye bazi uYehova. Ewe, “zithobeni . . . phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elililo.”—1 Petros 5:6.
Ukuba Nokholo Kwizinto Ezingabonwayo
11, 12. (a) Yintoni esenokubangela abanye ebandleni baphelelwe yimvo yongxamiseko? (b) UAbraham wawumisela njani umzekelo omhle ngokuphila ngokuvisisana nokholo awayenalo kwizithembiso zikaThixo?
11 Esinye isilingo sinokuquka isiphelo sale nkqubo yezinto ingendawo esibonakala silibazisa. Ngokutsho kweyesi-2 kaPetros 3:12, amaKristu afanele ‘ahlale ebulindile yaye ebukhumbula ubukho bemini kaYehova.’ Noko ke, abaninzi bebelindele le ‘mini’ kangangeminyaka, abanye kangangamashumi eminyaka. Ngenxa yoko, bambi baye badimazeka baza baphelelwa yimvo yongxamiseko.
12 Kwakhona, phawula umzekelo ka-Abraham. Ubomi bakhe bonke wayephila ngokuvisisana nokholo awayenalo kwizithembiso zikaThixo, kwanaxa kwakungabonakali ukuba zaziya kuzaliseka zonke esadl’ amazimba. Liyinyaniso elokuba, waphila ixesha elide ngokwaneleyo ukuze abone unyana wakhe uIsake ekhula. Kodwa kwakuya kudlula iinkulungwane ngaphambi kokuba inzala ka-Abraham ithelekiswe ‘neenkwenkwezi zasemazulwini’ okanye ‘nentlabathi eselunxwemeni lolwandle.’ (Genesis 22:17) Noko ke, uAbraham akazange akhathazeke okanye adimazeke. Ngaloo ndlela, xa wayethetha ngoAbraham nabanye oosolusapho umpostile uPawulos, wathi: “Bonke aba bafela elukholweni, nangona bengazange bayifumane inzaliseko yazo izithembiso, kodwa bazibona zisekude, bazithakazelela baza bavakalisa esidlangalaleni ukuba babengabasemzini nabemi bokwexeshana elizweni elo.”—Hebhere 11:13.
13. (a) AmaKristu namhlanje afana njani ‘nabemi bokwexeshana’? (b) Kutheni uYehova eya kuzisa isiphelo kule nkqubo yezinto?
13 Ukuba uAbraham wayephila ngokuvisisana nezithembiso ezo inzaliseko yazo ‘yayisekude,’ kukangakanani ke kuthi namhlanje, apho inzaliseko yezi zinto sele isemnyango! NjengoAbraham, simele sizigqale ‘njengabemi bokwexeshana’ kule nkqubo kaSathana, singavumi ukuhlala sizinze kubomi bokuzifica. Ngokuqhelekileyo, besiya kukhetha ukuba esi ‘siphelo sezinto zonke’ sifike ngoku, kungathiwa nje sisondele. (1 Petros 4:7) Mhlawumbi sineengxaki ezinzulu zempilo. Okanye kusenokwenzeka ukuba sicinezeleke ngamandla yimeko yezoqoqosho. Noko ke, simele sikhumbule ukuba uYehova uza kuzisa isiphelo, kungekuphela nje ukuze asihlangule kwiimeko ezibuhlungu, kodwa ukuze angcwalise igama lakhe. (Hezekile 36:23; Mateyu 6:9, 10) Isiphelo siya kufika, kungekhona ngexesha elilungele thina, kodwa ngexesha elifanelekileyo ngokuphathelele iinjongo zikaYehova.
14. AmaKristu angenelwa njani namhlanje ngenxa yokuba nomonde kukaThixo?
14 Khumbula ukuba, “uYehova akacothi ngokuphathelele isithembiso sakhe, njengoko abanye becinga njalo, kodwa unomonde kuni ngenxa yokuba akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Phawula ukuba, uThixo “unomonde kuni”—malungu ebandla lobuKristu. Ngokucacileyo, bambi kuthi bafuna ithuba elingakumbi lokwenza iinguqulelo ezithile ukuze ‘asifumane singenabala, singenasiphako yaye siseluxolweni.’ (2 Petros 3:14) Ngoko ke, ngaba asifanele sibe nombulelo, kuba uThixo eye wabonakalisa umonde onjalo?
Indlela Yokufumana Uvuyo Nangona Kukho Imiqobo
15. UYesu wakwazi njani ukulondoloza uvuyo awayenalo xa wayejamelene nezilingo, yaye amaKristu anokungenelwa njani ngokumxelisa?
15 AmaKristu namhlanje afunda izinto ezininzi kubomi buka-Abraham. Wayengenakholo nje kuphela kodwa wayenomonde, ubulumko, inkalipho nothando lokungazingci. Unqulo lukaYehova wayelubeka kwindawo yokuqala ebomini bakhe. Noko ke, simele sikhumbule ukuba owona mzekelo ubalaseleyo esimele siwuxelise ngokaYesu Kristu. Naye wajamelana nezilingo neemvavanyo ezininzi, kodwa kuzo zonke, akazange aphulukane novuyo lwakhe. Ngoba? Ngenxa yokuba wamilisela ingqondo yakhe kwithemba awayenalo. (Hebhere 12:2, 3) Ngaloo ndlela uPawulos wathandaza esithi: “Ngamana ke uThixo onika unyamezelo nentuthuzelo anganenza nibe nesimo sengqondo esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu.” (Roma 15:5) Xa sinesimo sengqondo esifanelekileyo, sinokuba novuyo nangona uSathana enokubeka imiqobo phambi kwethu.
16. Yintoni esinokuyenza xa iingxaki zethu zibonakala zisongamela?
16 Xa iingxaki zibonakala zikongamela, khumbula ukuba kanye njengoko uYehova wayemthanda uAbraham, nawe uyakuthanda. Ufuna uphumelele. (Filipi 1:6) Kholosa ngoYehova ngokupheleleyo, unentembelo yokuba ‘akayi kukuyekela uhendwe ngaphaya koko unokukuthwala, kodwa kunye nesihendo eso uya kwenza nendlela yokuphuma ukuze ukwazi ukusinyamezela.’ (1 Korinte 10:13) Kwenze umkhwa ukufunda iLizwi likaThixo yonke imihla. (INdumiso 1:2) Zingisa emthandazweni, ucele uYehova ukuba akuncede unyamezele. (Filipi 4:6) Uya ‘kubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo.’ (Luka 11:13) Wasebenzise ngokuzeleyo amalungiselelo enziwe nguYehova okukomeleza ngokomoya, njengeempapasho zethu ezisekelwe eBhayibhileni. Funa inkxaso yabazalwana. (1 Petros 2:17) Yiya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu, kuba apho uya kufumana ukhuthazo olufunayo ukuze unyamezele. (Hebhere 10:24, 25) Vuya ngenxa yolweyiseko onalo lokuba unyamezelo lwakho lubangela ukuba ukholeke emehlweni kaThixo yaye ukuthembeka kwakho kuyenza ibe nemihlali intliziyo yakhe.—IMizekeliso 27:11; Roma 5:3-5.
17. Kutheni amaKristu engaphelelwa lithemba?
17 UAbraham wayethandwa nguThixo ‘njengomhlobo’ wakhe. (Yakobi 2:23) Sekunjalo, ubomi buka-Abraham babuzaliswe zizilingo neembandezelo. Ngoko ke, amaKristu afanele alindele okufanayo kule ‘mihla yokugqibela’ ingendawo. Eneneni, iBhayibhile iyasilumkisa isithi “abantu abangendawo namabhedengu baya kuhambela phambili ebubini.” (2 Timoti 3:1, 13) Kunokuba siphelelwe lithemba, simele siqonde ukuba iingcinezelo esijamelana nazo zibubungqina bokuba isiphelo senkqubo kaSathana engendawo sisemnyango. Kodwa uYesu uyasikhumbuza ukuba “lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.” (Mateyu 24:13) Ngoko ke, ‘ungayeki ukwenza okuhle!’ Xelisa uAbraham, uze ube phakathi kwabo baya kuthi “ngokholo nomonde bazidle ilifa izithembiso.”—Hebhere 6:12.
Ngaba Uphawulile?
• Kutheni abantu bakaYehova namhlanje befanele balindele izilingo neembandezelo?
• USathana unokusihlasela njani ngokungqalileyo?
• Zinokuconjululwa njani iingxabano zobuqu phakathi kwamaKristu?
• Ikratshi nokuzingca kunokuzibangela njani izilingo?
• UAbraham wasimisela njani umzekelo omhle wokulindela inzaliseko yezithembiso zikaThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ulutsha oluninzi olungamaKristu luyatshutshiswa, lungcikivwa ngoontanga
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Ngomhla ka-Abraham inzaliseko yezithembiso zikaThixo ‘yayisekude,’ ukanti waphila ngokuvisisana nazo