Ngaba ‘Unesimo Sengqondo Sokulinda’?
“Luhlobo luni lwabantu enifanele nibe lulo ngokuphathelele ihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo, nihlale nibulindile yaye nibukhumbula ubukho bemini kaYehova!”—2 PETROS 3:11, 12.
1, 2. Sinokukuzekelisa njani ukuba ‘nesimo sengqondo sokulindela’ imini kaYehova?
KHAWUBE nomfanekiso-ngqondweni wentsapho ilindele iindwendwe. Ixesha lokufika kwazo liyasondela. Umfazi uyaququzela ugqibezela ukupheka. Umyeni nabantwana bayancedisa beqinisekisa ukuba yonk’ into ilungile. Wonk’ ubani akakwazi kuzibamba yimincili. Kubo bonke, ingathi ezi ndwendwe azisafiki ukuze kuqalise isidlo esiluncuthu kuze kuncokolwe kamnandi.
2 Thina njengamaKristu, silindele into ebaluleke nangakumbi. Yintoni leyo? Kaloku, sonke silindele ‘imini kaYehova’! De ifike, sifanele sibe njengomprofeti uMika owathi: “Ndiza kuhlala ndikhangele kuYehova. Ndiza kubonisa isimo sengqondo sokulindela kuThixo wosindiso lwam.” (Mika 7:7) Ngaba oko kuthetha nje ukusong’ izandla? Akunjalo. Umsebenzi usemkhulu.
3. Ngokutsho kweyesi-2 kaPetros 3:11, 12, sisiphi isimo sengqondo amaKristu afanele abe naso?
3 Umpostile uPetros uyasinceda ukuze sibe nesimo sengqondo esifanelekileyo ngoxa silindile. Uthi: “Luhlobo luni lwabantu enifanele nibe lulo ngokuphathelele ihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo, nihlale nibulindile yaye nibukhumbula ubukho bemini kaYehova!” (2 Petros 3:11, 12) Phawula ukuba apha uPetros wayengabuzi mbuzo, kodwa wayeyalela. Kwiileta zakhe ezimbini eziphefumlelweyo, wachaza indlela afanele aziphathe ngayo amaKristu. Kwakhona wawayalela ukuba aqhubeke esenza ‘izenzo zozinikelo lobuthixo.’ Nangona kwakusekudlule iminyaka enokuba ngama-30 emva kokuba uYesu Kristu enikele umnqondiso “wokupheliswa kwenkqubo yezinto,” amaKristu ayengafanele ayekelel’ umxakatho. (Mateyu 24:3) Kwakufuneka ‘ahlale elindile yaye abukhumbule’ ubukho bemini kaYehova.
4. ‘Ukuhlala sibukhumbula ubukho bemini kaYehova’ kuquka ntoni?
4 Igama lesiGrike eliguqulelwe apha ngokuthi ‘nihlale nibukhumbula’ ngokoqobo lithetha “ukukhawulezisa.” Phofu ke, ‘asinakuyikhawulezisa’ ngokoqobo imini kaYehova. Kaloku, “akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa” lokufika kukaYesu Kristu eze kugweba iintshaba zikaYise. (Mateyu 24:36; 25:13) Enye incwadi icacisa isithi, ingcambu yesenzi segama eliguqulelwe ngokuthi “khawulezisa” apha ithetha “‘ukugxabhagxabhisa’ yaye ngenxa yoko inxulumene ngokusondeleyo ‘nokuba nenzondelelo, ukukhuthala, ukuxhalatyiswa yinto ethile.’” Ngoko ke uPetros wayekhuthaza amanye amakholwa ukuba akulangazelele ukufika kwemini kaYehova. Ayenokukwenza oku ngokusoloko ecinga ngayo. (2 Petros 3:12) Ekubeni ngoku ‘imini kaYehova enkulu nebangela uloyiko’ isondele kangaka, sifanele sibe nesimo sengqondo esifanayo.—Yoweli 2:31.
Ukulinda ‘Sinehambo Engcwele’
5. Sinokubonisa njani ukuba siyakulangazelela ukubona “imini kaYehova”?
5 Ukuba siyakulangazelela ukusinda ngemini kaYehova, siya kukubonakalisa oko ‘ngehambo yethu engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo.’ Ibinzana elithi ‘ihambo engcwele’ lisenokuba lisikhumbuza ngesiluleko sikaPetros esithi: “Njengabantwana abathobelayo, musani ukumilisa ngokweminqweno enaninayo ngaphambili ekungazini kwenu, kodwa, ngokuvumelana naLowo Ungcwele wanibizayo, yibani ngcwele nani kuyo yonke ihambo yenu, ngenxa yokuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Nimele nibe ngcwele, ngenxa yokuba ndingcwele mna.’”—1 Petros 1:14-16.
6. Ukuze sibe ngcwele, yintoni esifanele siyenze?
6 Ukuze sibe ngcwele, sifanele sihlale sicocekile emzimbeni, engqondweni, ngokuziphatha nangokomoya. Ngaba “imini kaYehova” siyilungiselela ngokuzigcina singcwele njengabantu abathwele igama likaYehova? Akulula namhlanje ukuzigcina sinyulu kuba imigaqo yokuziphatha yehlabathi ngokuthe ngcembe iyawohloka. (1 Korinte 7:31; 2 Timoti 3:13) Ngaba imilinganiselo yethu yokuziphatha iya iphucuka ngakumbi kuleyo yehlabathi? Ukuba akunjalo, oko kufanele kusikhathaze. Ngaba kunokwenzeka ukuba imigaqo yethu yokuziphatha, nangona iphakamile kunaleyo yehlabathi, nayo iya iwohloka? Ukuba kunjalo, sifanele sithabathe amanyathelo afanelekileyo ukuze sikulungise oku ukuze sikholise uThixo.
7, 8. (a) Sinokukulibala njani ukubaluleka ‘kwehambo engcwele’? (b) Yintoni esinokuyenza ukuze silungise le meko?
7 Omnye ugqirha uthi ukufumaneka kwemifanekiso engamanyala kwi-Internet nokukwazi kwabantu ukuyibukela ekhusini, kubangele ukuba bambi ngaphambili ababengakwazi ukubukela izinto ezingcole ngale ndlela ngoku bakwazi “ukuzibukela nanini na befuna.” Ukuba sifuna ukubukela ukungcola okunjalo kwi-Internet, besiya kuba siyawutyeshela umyalelo weBhayibhile othi ‘singachukumisi into engahlambulukanga.’ (Isaya 52:11) Ngaba ngokwenene besiya kuba ‘sihlala sibukhumbula ubukho bemini kaYehova’? Okanye ngaba besiya kuba siyalibala ngayo, siqiqa ngelithi enoba sizingcolisa ngala manyala iingqondo zethu, sisenexesha lokuwakhupha engqondweni? Ukuba siye sanengxaki ngokuphathelele lo mbandela, kubaluleke gqitha ukuba simbongoze uYehova ukuba ‘adlulise amehlo ethu angaboni oko kungento yanto aze asigcine siphila ngokwendlela yakhe’!—INdumiso 119:37.
8 Inkoliso yamaNgqina kaYehova, akhulileyo naselula, ibambelele ngokuqinileyo kwimigaqo kaThixo emihle yokuziphatha yaye iyakuphepha ukuziphatha okubi kweli hlabathi. Ekuqonda ukungxamiseka kwamaxesha esiphila kuwo nesilumkiso sikaPetros ‘sokuza kwemini kaYehova njengesela,’ ayaqhubeka ‘enehambo engcwele.’ (2 Petros 3:10) Izenzo zawo zingqina ukuba ‘ahlala elindile yaye ayabukhumbula ubukho bemini kaYehova.’a
Lindani ‘Ninezenzo Zozinikelo Lobuthixo’
9. Izenzo zokuzinikela kuThixo zifanele zisikhuthaze ukuba senze ntoni?
9 ‘Izenzo zozinikelo lobuthixo’ nazo zibalulekile ukuze sihlale siyikhumbula imini kaYehova. ‘Uzinikelo lobuthixo’ luquka ukuhlonela uThixo okusenza senze oko kumkholisayo. Ukunyaniseka ngokupheleleyo kuYehova kusikhuthaza ukuba senze izinto ezibonisa ukuzinikela kuye. Kukuthanda kwakhe ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Timoti 2:4) UThixo “akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Ngoko ke, ngaba uzinikelo lwethu lobuthixo alufanele lusikhuthaze ukuba sizimisele ngakumbi ukunceda abantu ukuze bafunde ngoYehova baze bamxelise?—Efese 5:1.
10. Kutheni sifanele siwalumkele “amandla akhohlisayo obutyebi”?
10 Ubomi bethu buya kuphuphuma zizenzo zozinikelo lobuthixo ukuba sifuna kuqala uBukumkani bukaThixo. (Mateyu 6:33) Oku kuquka ukuba nembono elungeleleneyo ngezinto eziphathekayo. UYesu walumkisa: “Gcinani amehlo enu evulekile nize nizilinde kulo lonke uhlobo lwenkanuko, kuba kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.” (Luka 12:15) Nangona kusenokuba nzima ukuzibona xa sinengxaki yokuthand’ imali, kubalulekile ukuqonda ukuba ‘ixhala lale nkqubo yezinto namandla akhohlisayo obutyebi anokuliminxa ilizwi’ likaThixo. (Mateyu 13:22) Kusenokuba nzima ukufumana izinto zokuphila. Ngenxa yoko, kweminye imimandla yehlabathi, abaninzi baqiqa ngelithi ukuze baphile ubomi obubhetele, bafanele bafudukele kwilizwe elifumileyo, mhlawumbi beshiya iintsapho zabo ngasemva ixesha elide. Kwanabathile kubantu bakaThixo baye baqiqa ngale ndlela. Ngokuya kwelinye ilizwe, basenokukwazi ukuthengela iintsapho zabo izinto eziphambili zezi mini. Noko ke, yintoni enokwenzeka kwimeko yokomoya yabo babathandayo abasele ekhaya? Xa engekho okhokelayo njengentloko ekhaya, ngaba baya kuba bephilile ngokomoya ukuze basinde ngemini kaYehova?
11. Omnye umntu owayesebenza kwelinye ilizwe wabonisa njani ukuba izenzo zozinikelo lobuthixo zibaluleke ngakumbi kunobutyebi?
11 Omnye ummi wakwiiPhilippines owayesebenza kwelinye ilizwe wafunda inyaniso yeBhayibhile kumaNgqina kaYehova aseJapan. Wathi akuva ngeembopheleleko ezingokweZibhalo zobuntloko, wayibona imfuneko yokunceda intsapho yakhe ukuze ibe ngabanquli bakaYehova. (1 Korinte 11:3) Umfazi wakhe ekhaya wayengafuni nokuva ngolu nqulo lwakhe lutsha kangangokuba wayefuna ukuba aqhubeke ethumela imali nje kuphela kunokugoduka aze kufundisa intsapho yakhe ezi nkolelo zakhe zisekelwe eBhayibhileni. Noko ke, eqhutywa kukungxamiseka kwamaxesha nenkxalabo anayo ngabo abathandayo, wagoduka. Ukuwaphatha kwakhe ngomonde nangothando amalungu entsapho yakhe kwaba nomvuzo. Ekuhambeni kwexesha, intsapho yakhe yamanyana kunqulo lokwenyaniso, yaye umfazi wakhe waqalisa inkonzo yexesha elizeleyo.
12. Kutheni sifanele sibeke izinto zokomoya kwindawo yokuqala ebomini?
12 Imeko yethu inokufaniswa naleyo yabantu abakwisakhiwo esitshayo. Ngaba bekuya kuba bubulumko ukunyuk’ usihla ubhuduzela ufuna izinto onokuzisindisa kweso sakhiwo siza kudilika? Kunoko, ngaba bekungayi kuba yinto ebaluleke ngakumbi ukusindisa ubomi babantu—obethu nobo bentsapho yethu nobabanye abahlala kweso sakhiwo? Kaloku, eli hlabathi lingendawo seliza kudilika ngokukhawuleza, yaye ubomi babantu busengozini. Ukuba siyakuqonda oko, ngokuqinisekileyo sifanele sibeke izinto zokomoya kwindawo yokuqala size ngenzondelelo sinikele ingqalelo kumsebenzi osindisa ubomi wokushumayela ngoBukumkani.—1 Timoti 4:16.
Sifanele ‘Singabi Nabala’
13. Sifuna ukuba kwiyiphi imeko xa imini kaYehova ifika?
13 Egxininisa ukubaluleka kokuhlala silindile, uPetros uthi: “Zintanda, ekubeni nilindele ezi zinto, yenzani unako-nako ukuze ekugqibeleni anifumane [uThixo] ningenabala, ningenasiphako yaye niseluxolweni.” (2 Petros 3:14) Esongezelela kwisibongozo sakhe sehambo engcwele nezenzo zokuzinikela kuThixo, uPetros ugxininisa ukubaluleka kokuba ekugqibeleni sifunyanwe nguYehova singabantu abahlanjululwe ngegazi elixabisekileyo likaYesu. (ISityhilelo 7:9, 14) Oku kuthetha ukuba ubani ufanele abe nokholo kwidini likaYesu aze abe ngumkhonzi ozahluleleyo nobhaptiziweyo kaYehova.
14. Kuthetha ukuthini ‘ukungabi nabala’?
14 UPetros usikhuthaza ukuba senze konke okusemandleni ethu ukuze sifunyanwe ‘singenabala.’ Ngaba izambatho zethu zehambo yobuKristu nezobuntu bethu sizigcina zingenabala, zingadyojwanga lihlabathi? Xa sibona ibala kwimpahla yethu, ngoko nangoko sizama ukulisusa. Ukuba leyo yimpahla esiyithandayo, silisusa ngononophelo olukhulu. Ngaba sivakalelwa ngendlela efanayo ukuba izambatho zethu zobuKristu ngandlel’ ithile ziba nebala, ngenxa yesiphako esithile kubuntu bethu okanye kwihambo yethu?
15. (a) Kwakutheni ukuze kufuneke amaSirayeli azenzele imiphetho emasondweni ezambatho zawo? (b) Kutheni abakhonzi bakaYehova banamhlanje bahlukile?
15 AmaSirayeli ayefanele ezenzele ‘imiphetho emasondweni ezambatho zawo’ aze “afake umtya oluhlaza emphethweni wesondo elo.” Kwakusenzelwa ntoni oku? Ukuze ayikhumbule imiyalelo kaYehova, ayithobele, aze ‘abe ngcwele’ kuThixo wawo. (Numeri 15:38-40) Njengabakhonzi bakaYehova bale mihla, sahlukile ehlabathini kuba sigcina imithetho nemigaqo kaThixo. Ngokomzekelo, sihlala sicocekile ngokuziphatha, siyabuhlonela ubungcwele begazi, yaye siyaluphepha unqulo-zithixo lwalo naluphi na uhlobo. (IZenzo 15:28, 29) Abaninzi bayasihlonela ngokuzimisela kwethu ukuzigcina sicocekile.—Yakobi 1:27.
Sifanele ‘Singabi Nasiphako’
16. Kuthetha ukuthini ukuzigcina ‘singenasiphako’?
16 Kwakhona uPetros uthi sifanele sifunyanwe ‘singenasiphako.’ Kunokwenzeka njani oko? Ngokuqhelekileyo ibala linokususwa kodwa akunjalo ngesiphako. Ukuba nesiphako kubonisa ukuba kukho undonakele omkhulu. Umpostile uPawulos wawayala amanye amaKristu aseFilipi esithi: “Hlalani nisenza zonke izinto ngaphandle kokumbombozela nengxoxo, ukuze nibe ngabangenakusoleka nabamsulwa, abantwana bakaThixo abangenasiphako phakathi kwesizukulwana esigwenxa nesijijekileyo, enikhanyayo phakathi kwaso njengezikhanyiso ehlabathini.” (Filipi 2:14, 15) Ukuba siyasithobela eso siluleko, siya kukuphepha ukumbombozela nokuxambulisana size sikhonze uThixo ngokunyaniseka. Uthando lwethu ngoYehova nangabamelwane bethu luya kusenza sishumayele “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani.” (Mateyu 22:35-40; 24:14) Ngaphezu koko, siya kuqhubeka sivakalisa iindaba ezilungileyo enoba abantu abaninzi abasiqondi isizathu sokuba sinikela ngexesha nangamandla ethu ukuze sincede abanye bafunde ngoThixo nangeLizwi lakhe, iBhayibhile.
17. Ifanele ibe yintoni injongo yethu xa sizabalazela amalungelo ebandleni lobuKristu?
17 Ekubeni sinqwenela ukufunyanwa ‘singenasiphako,’ sifanele sihlole iinjongo zethu kuyo nantoni na esiyenzayo. Siyishiyile indlela yehlabathi yokwenza izinto ngenxa yokuzingca, njengokuzabalazela ukuba nobutyebi okanye igunya. Ukuba sizabalazela amalungelo athile ebandleni lobuKristu, ngamana singahlala sineenjongo ezintle yaye ngamaxesha onke siqhutywa luthando ngoYehova nangabanye. Kuyavuyisa ukubona amadoda azixabisayo izinto zokomoya ‘ezabalazela isigxina sobuveleli’ enovuyo yaye enomnqweno wokuzithoba nowokukhonza uYehova nokunceda amanye amakholwa. (1 Timoti 3:1; 2 Korinte 1:24) Enyanisweni, abo bafanelekayo ukuba ngabadala ‘bawalusa umhlambi kaThixo ngokuzithandela; kungekhona ngokuthanda inzuzo yokunganyaniseki, kodwa ngentumekelelo; abazenzi iinkosi phezu kwabo balilifa likaThixo, kodwa bayimizekelo emhlambini.’—1 Petros 5:1-4.
Sifanele Sibe “Seluxolweni”
18. AmaNgqina kaYehova aziwa ngaziphi iimpawu?
18 Ukuqukumbela, uPetros usixelela ukuba sifanele sifunyanwe ‘siseluxolweni.’ Ukuze sifumaneke sinjalo, sifanele sibe seluxolweni noYehova nommelwane wethu. UPetros ugxininisa ukubaluleka kokuba “nothando olunzulu omnye ngomnye” nokuhlala siseluxolweni namanye amaKristu. (1 Petros 2:17; 3:10, 11; 4:8; 2 Petros 1:5-7) Ukuze sihlale siseluxolweni, simele sithandane. (Yohane 13:34, 35; Efese 4:1, 2) Uthando lwethu noxolo esinalo lubonakala ngokukhethekileyo kwiindibano zethu zezizwe ngezizwe. Kwindibano eyayiseCosta Rica ngowe-1999, indoda eyayithengisa kwisikhululo seenqwelo-moya yacaphuka xa amaNgqina alapho engaqondanga asitha indawo eyayithengisela kuyo ngoxa ayesamkela iindwendwe ezazize apho. Noko ke, ngosuku lwesibini, yaphawula uthando noxolo olwalubonakaliswa apho nendlela efudumeleyo ezazisamkelwa ngayo ezo ndwendwe, nangona amaNgqina alapho ayeqala ukuzibona. Ngosuku lokugqibela, le ndoda nayo yaba nenxaxheba ekwamkeleni iindwendwe yaza yacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.
19. Kutheni kubalulekile ukuba seluxolweni namanye amakholwa?
19 Ukuzimisela kwethu ukuba seluxolweni nabazalwana noodadewethu bokomoya kusenokuyichaphazela indlela esiyilindele ngokunyaniseka ngayo imini kaYehova nehlabathi lakhe elitsha elithenjisiweyo. (INdumiso 37:11; 2 Petros 3:13) Masithi sikufumanisa kunzima ukuba seluxolweni nelinye ikholwa. Ngaba sinokuzibona sihlala nalo ngoxolo eParadesi? Ukuba umzalwana othile unento ngakuthi, sifanele ngokukhawuleza ‘sixolelane naye.’ (Mateyu 5:23, 24) Kubalulekile ukwenjenjalo ukuba siza kuba seluxolweni noYehova.—INdumiso 35:27; 1 Yohane 4:20.
20. ‘Isimo sengqondo sokulinda’ sifanele sisibonakalise ngaziphi iindlela?
20 Ngaba thina ‘sihlala sibulindile yaye sibukhumbula ubukho bemini kaYehova’? Ukulangazelela kwethu ukubona ubungendawo buphela kuboniswa kukuhlala kwethu singcwele kweli hlabathi liziphethe kakubi. Ngaphezu koko, ukulangazelela kwethu ukufika kwemini kaYehova nokuphila kulawulo loBukumkani kuboniswa zizenzo zethu zokuzinikela kuThixo. Yaye ukulindela kwethu ukuphila kwihlabathi elitsha elinoxolo kubonakaliswa kukuzabalazela kwethu ukuba seluxolweni nabo sinqula kunye nabo. Ngokwenjenjalo, sizibonakalisa ‘sinesimo sengqondo sokulinda’ yaye ‘siyabukhumbula ubukho bemini kaYehova.’
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokomzekelo, bona IMboniselo kaJanuwari 1, 2000, kwiphepha 16, neNcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowe-1997, iphepha 51.
Usakhumbula Na?
• Kuthetha ukuthini ukuhlala ‘sibukhumbula ubukho bemini kaYehova’?
• “Isimo sengqondo sokulinda” sibonakaliswa njani yihambo yethu?
• Kutheni zibalulekile ‘izenzo zozinikelo lobuthixo’?
• Yintoni esimele siyenze ukuze sifunyanwe nguYehova ‘singenabala, singenasiphako yaye siseluxolweni’?
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Ukuba ‘nesimo sengqondo sokulinda’ kuboniswa yihambo engcwele
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
Umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani usindisa ubomi
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Njengoko silindele imini kaYehova, masizabalazele ukuba seluxolweni nabanye