Injongo KaThixo Ngomhlaba—Sele Iza Kuzaliseka
XA UADAM noEva babeseParadesi, banikwa lo myalelo nguThixo: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise, nibe nobukhosi kwiintlanzi zolwandle nakwizidalwa eziphaphazelayo emazulwini nakuzo zonke izidalwa eziphilayo ezinambuzelayo emhlabeni.”—Genesis 1:28.
Ukoyisa umhlaba kwakungathethi nje ukulima inxalenye encinane yawo. Kwakufuneka uAdam noEva nenzala yabo bandise iParadesi de ifikelele wonke umhlaba. Noko ke, isibini sokuqala esingabantu sona saza sakhutshelwa ngaphandle komyezo wase-Eden. (Genesis 3:23, 24) Kodwa oko kwakungathethi ukuba umhlaba awunakuze woyiswe.
Abantu abathobelayo baya kuwoyisa umhlaba kuba baya kube besikelelwe nguThixo. Amasimi amaSirayeli amandulo ayechuma nemiyezo yawo yeziqhamo ivelise iziqhamo ezihle xa esikelelwe nguThixo. Kuya kuba njalo ke nangomhlaba wethu xa ngokuthe ngcembe usiba yiparadesi. Njengoko iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, iBhayibhile lithembisa, “umhlaba uya kunika imveliso yawo; uThixo, uThixo wethu, uya kusisikelela.” (INdumiso 67:6) Ngenxa yoko, amadlelo, iintaba, imithi, iintyatyambo, imilambo neelwandle ziya kuba nemihlali. (INdumiso 96:11-13; 98:7-9) Umhlaba uya kuyokozela zizityalo, uzaliswe ziintlobo ngeentlobo zeentaka, izilwanyana ezihle nabantu abanothando.
Ihlabathi Elitsha Lisemnyango!
Sele likufuphi kakhulu ngoku ihlabathi elitsha esilithenjiswe nguYehova uThixo. Umpostile uPetros wabhala wathi: “Silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) Emva kokufunda la mazwi kaPetros, abanye basenokuthi esi sijikelezi-langa asisoze sibe yiparadesi. Basenokucinga ukuba kuya kudalwa amanye amazulu nomhlaba wokoqobo. Ngaba kuya kuba njalo?
Ayintoni “amazulu amatsha”? Asingomazulu okoqobo awayedalwe nguThixo. (INdumiso 19:1, 2) UPetros wayesandul’ ukuthetha ‘ngamazulu’ okomfuziselo—oorhulumente babantu abaphakanyiselwa kwizikhundla eziphezulu kunabalawulwa babo. (2 Petros 3:10-12) La “mazulu” aye oyisakala ukulawula uluntu yaye aya kudlula. (Yeremiya 10:23; Daniyeli 2:44) “Amazulu amatsha” aya kuthabathel’ indawo aba rhulumente, buBukumkani bukaThixo obubunjwa nguKumkani uYesu Kristu namalungu ali-144 000 avuselwe ukuphila ezulwini, aza kulawula naye.—Roma 8:16, 17; ISityhilelo 5:9, 10; 14:1, 3.
Xa ethetha ‘ngomhlaba omtsha’ uPetros akabhekiseli kwisijikelezi-langa esitsha. UYehova wenza umhlaba walungela ukuba abantu baphile kuwo ngonaphakade. (INdumiso 104:5) Ngamany’ amaxesha, iBhayibhile isebenzisa igama elithi “umhlaba” xa ithetha ngabantu. (Genesis 11:1) Umhlaba oza kutshatyalaliswa kungekudala, ngabantu abazenze inxalenye yale nkqubo yezinto ingendawo. Ngokufanayo, ihlabathi labantu abangamhloneliyo uThixo latshatyalaliswa ngoMkhukula womhla kaNowa. (2 Petros 3:5-7) Ngoko ke, uyintoni ‘umhlaba omtsha’? Libutho elitsha labantu—abanquli bakaThixo bokwenyaniso, ‘abathe tye ezintliziyweni zabo.’ (INdumiso 125:4; 1 Yohane 2:17) Yonke imithetho elawula ‘umhlaba omtsha’ iya kube ivela ‘kumazulu amatsha.’ Amadoda athembekileyo aya kube ephila emhlabeni aya kuqinisekisa ukuba le mithetho iyenziwa.
Izinto Ezintsha Nezintle!
UYehova wenza ikhaya lethu elingumhlaba laba yindawo entle yokuphila abantu. Naye ngokwakhe wathi zonke izinto awayezenzile emhlabeni ‘zazilunge gqitha.’ (Genesis 1:31) USathana uMtyholi walukuhlela uAdam noEva ukuba bavukele. (Genesis 3:1-5; ISityhilelo 12:9) Noko ke, uThixo uya kuthabatha amanyathelo ukuze abathe tye bafumane ‘ubomi benene.’ Oko kuthetha ukuthi “ubomi obungunaphakade” kwiParadesi egqibeleleyo. (1 Timoti 6:12, 19) Ngoku makhe sihlolisise ezinye zeentsikelelo eziya kunanditshwa ngelo xesha.
Ebudeni BoLawulo LukaKristu Lweminyaka Eliwaka, uSathana uya kuvalelwa ukuze angabangeli ukubandezeleka ebantwini. Umpostile uYohane uthi: “Ndabona ingelosi [isiphatha-zingelosi, uMikayeli okanye uYesu Kristu] isihla iphuma ezulwini inesitshixo senzonzobila nomxokelelwane omkhulu esandleni sayo. Yayibamba inamba, loo nyoka yantlandlolo, enguMtyholi, uSathana, yaza yayibopha iminyaka eliwaka. Yayiphosa enzonzobileni yaza yayivala, yayitywina, ukuze ingabi nakuzilahlekisa iintlanga kwakhona de kuphele iminyaka eliwaka.” (ISityhilelo 20:1-3; 12:12) Ngaphandle kokukhululeka kwimpembelelo kaSathana ngoxa eya kube evalelwe, uluntu luya kunandipha nezinye iintsikelelo ezininzi phantsi kolawulo loBukumkani.
Ubungendawo, ugonyamelo neemfazwe ziya kuphela. IBhayibhile ithi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo; uya kuyikhangela indawo yakhe, abe engekho. Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo. Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:10, 11, 29) UYehova uThixo ‘uya kuphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.’ (INdumiso 46:9) Esinjani sona isiqinisekiso sonqabiseko noxolo!
Siya kufumana intabalala yokutya okumnandi nokunempilo. Umdumisi wathi: “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.” (INdumiso 72:16) Ngelo xesha, akukho mntu uya kufa yindlala.
Akukho mntu uya kugula. Eneneni, “akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Isaya 33:24; 35:5, 6) Xa uYesu Kristu wayesemhlabeni, wanyanga abaneqhenqa waphilisa iziqhwala neemfama. (Mateyu 9:35; Marko 1:40-42; Yohane 5:5-9) Khawucinge nje ngoko aya kukwenza kwihlabathi elitsha! Cinga ngendlela eziya konwaba ngayo iimfama, izithulu, iziqhwala nezimumu eziya kuba ziphilisiwe.
Njengoko uluntu oluthobelayo lusiya lufezeka, imiphumo yokwaluphala iya kunyamalala. Akuyi kubakho mfuneko yeendondo zamehlo, imisimelelo, iintonga zeziqhwala, izitulo ezinamavili zabaguli, izibhedlele namayeza. Ukubuyiselwa kwamandla ethu obutsha kuya kubangela utshintsho olukhulu! (Yobhi 33:25) Ntsasa nganye siya kuvuka sihlaziyekile silungele ukwenza umsebenzi owanelisayo.
Ukuvuswa kwabantu esibathandayo kuya kusivuyisa gqitha. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Hayi indlela ekuya kuba mnandi ngayo ukubona uAbheli, uNowa, uAbraham, uSara, uYobhi, uMoses, uRute, uDavide, uEliya, uEstere nabanye abaninzi! Kuya kuvuswa nezinye izigidi zabantu. Abaninzi kwabo bantu abazange bafunde ngoYehova, kodwa baya kwamkelwa ngabantu abanomdla wokubafundisa ngoThixo neenjongo zakhe nangoYesu Kristu uNyana wakhe. Njengoko abo bavusiweyo besiya besazi ngoMdali wabo, ulwazi ngoYehova luya kuzalisa umhlaba.
Eyona nto ibaluleke nangakumbi kukuba siya kukwazi ukunqula okuphela koThixo oyinyaniso ngonaphakade. Siya kuba nelungelo ‘lokukhonza uYehova sinemihlali’ yaye siya kuncedisana ekwakheni amakhaya amahle nasekulimeni, size ekugqibeleni siwoyise umhlaba. (INdumiso 100:1-3; Isaya 65:21-24) Hayi indlela ekuya kuba mnandi ngayo ukuphila ngonaphakade kwiparadesi echumileyo, entle nezaliswe luxolo nto leyo eya kuzisa uzuko kwigama likaYehova elingcwele!—INdumiso 145:21; Yohane 17:3.
Abantu Bavavanywa Okokugqibela
Ebudeni boLawulo Lwakhe Lweminyaka Eliwaka, uYesu uya kusebenzisa iingenelo zedini lakhe lentlawulelo kuluntu oluthobelayo. Ekugqibeleni, sonke isono siya kushenxiswa yaye abantu baya kwenziwa bafezeke. (1 Yohane 2:2; ISityhilelo 21:1-4) Yakuba imiphumo yesono sika-Adam ishenxisiwe, abantu abafezekileyo baya kukwazi ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo ngokupheleleyo. Baya kutsho “babuyele ebomini” ngokoqobo xa befezekile, bengenasono. (ISityhilelo 20:5) Hayi indlela ekuya kumzukisa ngayo uYehova oku kunye nomhlaba oyiParadesi!
Emva koLawulo LukaKristu Lweminyaka Eliwaka, uSathana uMtyholi needemon zakhe baya kukhululwa okwethutyana enzonzobileni ababevalelwe kuyo malunga neenkulungwane ezilishumi ngaphambi koko. (ISityhilelo 20:1-3) Baya kuvunyelwa ukuba baphinde bazame okokugqibela ukutyekisa abantu kuThixo. Nangona abanye abantu beya kunikezela kwiminqweno emibi, le mvukelo ayiyi kuphumelela. UYehova uya kubatshabalalisa abo bavukeli kunye noSathana nazo zonke iidemon zakhe. Ubungendawo abusayi kuze buphinde bubekho. Bonke abenzi bobubi baya kutshabalala ngonaphakade yaye amalungisa aya kufumana ubomi obungunaphakade.—ISityhilelo 20:7-10.
Ngaba Uya Kube Ukho?
Abo bathanda uYehova uThixo banethemba lokufumana ulonwabo lukanaphakade. Ubomi obungunaphakade eParadesi abuyi kuba yindinisa. Eneneni, ngokuhamba kwexesha ubomi buya kubangela umdla kuba siya kuqhubeka sifunda ngoYehova uThixo. (Roma 11:33) Uya kusoloko ufunda into entsha yaye uya kube unexesha elaneleyo lokufunda. Ngoba? Kuba uya kuphila ngonaphakade kungekhona iminyaka engama-70 okanye engama-80.—INdumiso 22:26; 90:10; INtshumayeli 3:11.
Ukuba uyamthanda uThixo, uya kusoloko ukuvuyela ukwenza ukuthanda kwakhe. Umpostile uYohane wabhala wathi: “Ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe; kwaye ayinzima imiyalelo yakhe.” (1 Yohane 5:3) Ngoko makungabikho nto ikuphazamisayo ekwenzeni oko kulungileyo ukuze ukholise uYehova uThixo. Malihlale liqaqambile kuwe ikamva olithenjiswe liLizwi likaThixo, iBhayibhile. Zimisele ukwenza ukuthanda kukaYehova yaye ungaze uphambuke kuloo mendo. Ngaloo ndlela, xa injongo kaThixo ngomhlaba izaliseka uya kubakho yaye eli khaya lethu lingumhlaba liya kuba yiparadesi ngonaphakade.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Ngentsikelelo kaThixo, amasimi amaSirayeli ayechuma
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ziziphi iintsikelelo onethemba lokuzinandipha eParadesi?