Abanye Baza Kulawula Baze Abaninzi Bafumane Iintsikelelo
UKUSUSELA ngemihla yabapostile, uThixo ebekhetha phakathi kwabantu iqaqobana lamaKristu athembekileyo, ewamkela njengoonyana. Aba nyana bakaThixo batshintsha ngokupheleleyo kangangokuba iLizwi likaThixo liluchaza olo tshintsho njengokuzalwa ngokutsha. Injongo yokuzalwa ngokutsha kukuba aba bakhonzi bakaThixo bazelwe ngokutsha balawule ezulwini. (2 Timoti 2:12) Ukuze babe ngabalawuli, bavuswa ekufeni ukuze baphile ezulwini. (Roma 6:3-5) Apho ke ezulwini, “baza kulawula njengookumkani phezu komhlaba” noKristu.—ISityhilelo 5:10; 11:15.
Noko ke, iLizwi likaThixo likwathi, bakho nabanye abaza kusindiswa ngonaphakade ngaphandle kwabo bazalwa ngokutsha. EBhayibhileni (kwiZibhalo zesiHebhere nakwiZibhalo zamaKristu zesiGrike), kuthethwa ngenjongo kaThixo yokusindisa amaqela amabini abantu—iqaqobana elincinane labantu abaza kulawula ezulwini neqela elikhulu labantu abaza kuphila emhlabeni belawulwa ngabo basezulwini. Ngokomzekelo khawuve into eyathethwa ngumpostile uYohane kwamanye amaKristu awayezelwe ngokutsha. Wathi ngokuphathelele uYesu: “Ungumbingelelo wokucamagushela izono zethu, kanti kungekhona ezethu kuphela kodwa kwanezehlabathi liphela [iqela elikhulu].”—1 Yohane 2:2.
Ngendlela efanayo, umpostile uPawulos wabhala: “Indalo [iqela elikhulu] ilinde ngentumekelelo ukutyhilwa koonyana bakaThixo [iqaqobana].” (Roma 8:19-21) Amele aqondwe njani la mazwi kampostile uYohane noPawulos? Ngokuba: Abo bazalwa ngokutsha baza kuba ngurhulumente wasezulwini. Kutheni beza kulawula nje? Ukuze kungenelwe izigidi ezingenakubalwa zabantu, eziza kuphila emhlabeni ngaphantsi korhulumente kaThixo. Ngenxa yoko, uYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba bathandaze bathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mateyu 6:10.
Ukusindiswa kwala maqela mabini kuyathethwa ngako nakwiZibhalo zesiHebhere. Ngokomzekelo phawula into eyathethwa nguYehova kukhokho kaYesu uAbraham: “Ngokuqinisekileyo ziya kuzisikelela ngembewu yakho [iqaqobana] zonke iintlanga zomhlaba [iqela elikhulu].” (Genesis 22:18) Ewe, zonke iintlanga zaziza kusikelelwa “ngembewu” ka-Abraham.
Ngubani loo “mbewu”? NguYesu Kristu, ethelelwa ngabo baye bazalwa ngokutsha, oonyana abamkelwe nguThixo. Umpostile uPawulos uthi: “Ukuba ningabakaKristu, ngokwenene niyimbewu ka-Abraham.” (Galati 3:16, 29) Ziziphi iintsikelelo eziza kufunyanwa ngabantu bazo zonke iintlanga ngenxa yale “mbewu”? Ilungelo lokwamkelwa nguThixo kwakhona nokunandipha ubomi obungenasiphelo kumhlaba oyiparadesi. Umdumisi uDavide waprofeta: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29; Isaya 45:18; ISityhilelo 21:1-5.
Kunjalo kanye, asinguye wonke umntu oza kulawula ezulwini, kodwa iingenelo zolawulo lwasezulwini—ubomi obungunaphakade emhlabeni neentsikelelo—ziza kufunyanwa ngabantu abaninzi. Ngamana wena nentsapho yakho ningaba phakathi kwabantu abaza kunandipha iintsikelelo ezingunaphakade zoBukumkani bukaThixo.
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Izigidi zabantu ziza kusikelelwa ngobomi obungunaphakade emhlabeni. Ngaba nawe uza kube ulapho?