-
Indlela UGayo Awabanceda Ngayo Abazalwana BakheIMboniselo (Efundwayo)—2017 | Meyi
-
-
Ezi ndwendwe kusenokwenzeka ukuba yayingabathunywa bevangeli, abameli bakaYohane, okanye abaveleli abahamba-hambayo. Enoba yayingoobani na, babehambela iindaba ezilungileyo. UYohane wathi: “Kwakungenxa yegama lakhe abathi baphuma.” (3 Yoh. 7) UYohane wayesandul’ ukukhankanya uThixo (jonga kwivesi 6), ngoko ibinzana elithi “kwakungenxa yegama lakhe” kubonakala ukuba lalibhekisela kwigama likaYehova. Ngenxa yoko, aba bazalwana babeyinxalenye yebandla lamaKristu ibe babefanelwe kukwamkelwa ngobubele. Kunjengokuba uYohane wabhalayo: “Simele sibamkele abantu abanjalo ngomoya wokubuk’ iindwendwe, ukuze sibe ngabasebenzi abangamadlelane kuyo inyaniso.”—3 Yoh. 8.
-
-
Indlela UGayo Awabanceda Ngayo Abazalwana BakheIMboniselo (Efundwayo)—2017 | Meyi
-
-
Okokuqala, uninzi lwethu ngandlel’ ithile inyaniso siyifumene ngenxa yabazalwana abavumayo ukuhamba imigama emide ukuze bayizise kuthi. Kakade ke, asingawo onke amalungu ebandla lamaKristu langoku ahamba imigama emide ukuze asasaze iindaba ezilungileyo. Kodwa ke, njengoGayo, sinako ukubaxhasa nokubakhuthaza ngandlel’ ithile abenza loo msebenzi, njengomveleli wesiphaluka nenkosikazi yakhe. Okanye sinokubanceda abazalwana noodade abafudukela kwiindawo ezithile elizweni nakwamanye amazwe, ngenjongo yokukhonza apho kufuneka abavakalisi abangakumbi. Ngoko ‘masilandele ikhondo lokubuk’ iindwendwe.’—Roma 12:13; 1 Tim. 5:9, 10.
-