Ilungiselelo Lokuzalisekisa Injongo KaThixo
“[UThixo] wenza zonke izinto ngokokuthanda kwakhe.”—EFESE 1:11.
1. Amabandla amaNgqina kaYehova aza kube ehlanganisene ngayiphi injongo ngoAprili 12, 2006?
NGOKUHLWA ngoLwesithathu, ngoAprili 12, 2006, abantu abamalunga ne-16 lezigidi baya kube behlanganisene ukuze babhiyozele iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Kuzo zonke iindawo abaya kube behlanganisene kuzo kuya kubakho itafile enesonka esingenagwele esifanekisela umzimba kaKristu newayini ebomvu efanekisela igazi lakhe elaphalalayo. Ngasekupheleni kwentetho echaza intsingiselo yeSikhumbuzo sokufa kukaYesu, kuya kuhanjiswa le mifuziselo, kuya kuqalwa ngesonka kuze kulandele iwayini. Kumabandla ambalwa amaNgqina kaYehova kuya kuthabatha umntu omnye okanye ngaphezulu. Noko ke, kumabandla amaninzi akukho mntu uya kuthabatha kwimifuziselo. Kutheni ingamaKristu ambalwa anethemba lokuphila ezulwini kuphela athabathayo ngoxa uninzi lwabo banethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni lungathabathi?
2, 3. (a) Ngokuvisisana nenjongo yakhe, uYehova waqalisa njani ukudala? (b) UYehova wayenayiphi injongo ngokudala umhlaba nabantu?
2 UYehova nguThixo wenjongo. Xa ezalisekisa injongo yakhe, “wenza zonke izinto ngokokuthanda kwakhe.” (Efese 1:11) Okokuqala wadala okuphela koNyana amzeleyo. (Yohane 1:1, 14; ISityhilelo 3:14) Emva koko, uYehova wasebenzisa uNyana wakhe ukudala intsapho yoonyana bokomoya yaye ekugqibeleni wadala indalo ebonakalayo, kuquka umhlaba waza wabeka abantu kuwo.—Yobhi 38:4, 7; INdumiso 103:19-21; Yohane 1:2, 3; Kolose 1:15, 16.
3 UYehova akazange adale umhlaba ngenjongo yokubona ukuba angakwazi kusini na ukwandisa intsapho yoonyana bakhe bokomoya abasezulwini, njengoko iicawa ezininzi zeNgqobhoko zifundisa njalo. Wawudala enenjongo eqinisekileyo, wawudalela “ukuba umiwe.” (Isaya 45:18) UThixo wadala umhlaba ukuze kuhlale abantu kuwo. (INdumiso 115:16) Umhlaba wonke wawuza kuba yiparadesi, uzaliswe ngabantu abangamalungisa, ababeza kuwulima baze bawunyamekele. Isibini sokuqala esingabantu asizange sithenjiswe ukuba ekugqibeleni siya kuya ezulwini.—Genesis 1:26-28; 2:7, 8, 15.
Injongo KaYehova Icelw’ Umngeni
4. Ulawulo lukaYehova lwacelw’ umngeni njani ekuqaleni kwembali yoluntu emhlabeni?
4 Unyana kaThixo wokomoya wavukela waza wazimisela ukukatyisa injongo kaYehova, esebenzisa kakubi inkululeko yokuzikhethela awayeyinikwe nguThixo. Waphazamisa uxolo lwabo bazithoba ngokunothando kulongamo lukaYehova. USathana waphembelela isibini sokuqala esingabantu ukuba sizahlukanise noThixo. (Genesis 3:1-6) Akazange alikhanyele elokuba uYehova unamandla, kodwa wathandabuza indlela asebenzisa ngayo ulongamo lwakhe ngaloo ndlela ethandabuza ilungelo lakhe lokulawula. Ngoko, imbambano yolongamo lukaYehova yaqala ekuqaleni kwembali yoluntu emhlabeni.
5. Yiyiphi enye imbambano eyavuswayo yaye yayiquka bani?
5 Ngemihla kaYobhi, uSathana wavusa enye imbambano enokuthanani nembambano enkulu yolongamo. USathana wathandabuza injongo yokuba izidalwa zikaYehova zimthobele yaye zimkhonze. USathana wathi abantu bakhonza uThixo ngenjongo yokuzingca yaye xa benokuvavanywa banokumjikela. (Yobhi 1:7-11; 2:4, 5) Nangona oku kwakubhekisela kubakhonzi bakaYehova abangabantu, noonyana bakaThixo bokomoya babebandakanyekile, kuquka uNyana kaYehova okuphela kwamzeleyo.
6. UYehova wabonisa njani ukuba uyabambelela kwinjongo yakhe nakwintsingiselo yegama lakhe?
6 Ebambelela kwinjongo yakhe nakwintsingiselo yegama lakhe, uYehova wazenza umProfeti noMsindisi.a Wathi kuSathana: “Ndiya kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe. Yona iya kukutyumza intloko uze wena uyityumze isithende.” (Genesis 3:15) Esebenzisa iMbewu ‘yomfazi’ wakhe okanye inxalenye yentlangano yakhe yasezulwini, uYehova wayeya kuphendula ibango likaSathana aze anike inzala ka-Adam ithemba lokuhlangulwa nelokufumana ubomi.—Roma 5:21; Galati 4:26, 31.
“Imfihlelo Engcwele Yokuthanda Kwakhe”
7. Yiyiphi injongo awayityhilayo uYehova ngompostile uPawulos?
7 Xa wayebhalela amaKristu ase-Efese, umpostile uPawulos wayichaza kakuhle indlela uYehova alungiselela ngayo izinto ukuze aphumeze injongo yakhe. UPawulos wabhala wathi: “[Usazisile] imfihlelo engcwele yokuthanda kwakhe. Yona ivumelana nokuthanda kwakhe elungiselela ukuzaliseka kwamaxesha amisiweyo, okuba, kuhlanganiselwe zonke izinto kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni.” (Efese 1:9, 10) Injongo kaYehova ezukileyo kukwenza ummandla wendalo emanyeneyo ekuya kuhlala kuwo izidalwa ezizithoba ngokunothando kulongamo lwakhe. (ISityhilelo 4:11) Ngaloo ndlela igama lakhe liya kungcwaliswa, uSathana angqineke elixoki yaye injongo kaThixo iya kuzalisekiswa “nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mateyu 6:10.
8. Iyintoni intsingiselo yegama eliguqulelwe ngokuthi ‘ilungiselelo’?
8 ‘Ukuthanda’ okanye injongo kaYehova iya kuzalisekiswa ‘ngelungiselelo.’ UPawulos wasebenzisa igama ngokoqobo elithetha “ukwalathisa imicimbi entsatsheni.” Eli binzana libhekisela kwindlela yokunyamekela imicimbi. Indlela ebalaseleyo uYehova alathisa ngayo imicimbi ukuze aphumeze injongo yakhe ibandakanya “imfihlelo engcwele” eyayiza kutyhilwa ngokuthe ngcembe ukutyhubela iinkulungwane.—Efese 1:10; 3:9, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.
9. UYehova wayityhila njani ngokuthe ngcembe imfihlelo engcwele yokuthanda kwakhe?
9 Ngeminqophiso emininzi, uYehova wayityhila ngokuthe ngcembe indlela eyayiza kuzaliseka ngayo injongo yakhe ngokuphathelele iMbewu eyathenjiswa e-Eden. Ngomnqophiso wakhe awawenza noAbraham, uYehova watyhila ukuba iMbewu yayiza kuvela kumnombo ka-Abraham yaye “zonke iintlanga zomhlaba” zaziya kuzisikelela ngayo. Loo mnqophiso wabonisa ukuba abanye babeya kunxulumana nenxalenye ephambili yaloo mbewu. (Genesis 22:17, 18) Umnqophiso woMthetho owenziwa noSirayeli wemvelo watyhila ukuba uYehova wayenenjongo yokuba ‘nobukumkani bababingeleli.’ (Eksodus 19:5, 6) Umnqophiso awawenza noDavide wabonisa ukuba iMbewu yayiya kuba yiNtloko yoBukumkani ukusa kwixesha elingenammiselo. (2 Samuweli 7:12, 13; INdumiso 89:3, 4) Emva kokuba umnqophiso woMthetho ukhokelele amaYuda kuMesiya, uYehova watyhila ezinye iinkalo zokuzalisekiswa kwenjongo yakhe. (Galati 3:19, 24) Abo bantu babeza kunxulumana nenxalenye ephambili yembewu babeya kubumba ‘ubukumkani bababingeleli’ yaye babeya kungena ‘kumnqophiso omtsha’ ‘njengoSirayeli’ omtsha, wokomoya.—Yeremiya 31:31-34; Hebhere 8:7-9.b
10, 11. (a) UYehova wayityhila njani iMbewu eyayixelwe kwangaphambili? (b) Kwakutheni ukuze uNyana kaThixo okuphela kwamzeleyo eze emhlabeni?
10 Ngokuvisisana nenjongo kaThixo, lafika ixesha lokuba iMbewu eyayixelwe kwangaphambili ibonakale emhlabeni. UYehova wathumela ingelosi egama linguGabriyeli ukuba iye kuxelela uMariya ukuba uza kuzala unyana oza kubizwa ngokuba nguYesu. Le ngelosi yathi kuye: “Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOyena Uphakamileyo; yaye uYehova uThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise, kwaye uya kulawula njengokumkani phezu kwendlu kaYakobi ngonaphakade, yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.” (Luka 1:32, 33) Ngaloo ndlela iMbewu ethenjisiweyo yacaca ukuba ingubani.—Galati 3:16; 4:4.
11 UNyana kaYehova okuphela kwamzeleyo wayeza kuza emhlabeni aze avavanywe. Impendulo kwibango likaSathana yayixhomekeke kuYesu. Ngaba wayeza kuhlala ethembekile kuYise? Imfihlelo engcwele yayibandakanyekile koku. Kamva umpostile uPawulos wachaza indima kaYesu: “Inkulu ngokuqinisekileyo yona imfihlelo engcwele yozinikelo lwethu lobuthixo, eyile: ‘Wabonakaliswa esenyameni, wavakaliswa elilungisa esemoyeni, wabonakala kwiingelosi, kwashunyayelwa ngaye phakathi kweentlanga, lakholwa kuye ihlabathi, wanyuswa waba sebuqaqawulini.’” (1 Timoti 3:16) Ewe, ngokugcina kwakhe ingqibelelo de kube sekufeni, uYesu wanikela impendulo engqalileyo kwibango likaSathana. Kodwa ezinye iinkcukacha eziphathelele imfihlelo engcwele azizange zityhilwe.
“Imfihlelo Engcwele YoBukumkani BukaThixo”
12, 13. (a) Yiyiphi enye inkalo ‘yemfihlelo engcwele yobukumkani bukaThixo’? (b) Yintoni eyayibandakanyekile ekunyuleni kukaYehova abantu abambalwa ukuba baye kuphila ezulwini?
12 Ebudeni besinye sezihlandlo zokushumayela kwakhe eGalili, uYesu wabonisa ukuba imfihlelo engcwele yayinxulumene ngokusondeleyo norhulumente wakhe woBukumkani obungoMesiya. Wathi kubafundi bakhe: “Nina nikunikiwe ukuziqonda iimfihlelo ezingcwele zobukumkani bamazulu [‘ubukumkani bukaThixo,’ Marko 4:11].” (Mateyu 13:11) Enye inkalo yaloo mfihlelo yayibandakanya ukunyula kukaYehova ‘umhlambi omncinane’ wabantu abali-144 000, ababeza kuba yinxalenye yembewu, balawule noNyana wakhe ezulwini.—Luka 12:32; ISityhilelo 14:1, 4.
13 Ekubeni abantu babedalelwe ukuphila emhlabeni, kwafuneka ukuba abanye abantu ‘badalwe ngokutsha’ nguYehova ukuze bakwazi ukuya kuphila ezulwini. (2 Korinte 5:17) Ethetha njengomnye wabo banyuliweyo ukuba babe neli themba likhethekileyo, umpostile uPetros wabhala wathi: “Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu, kuba ngokwenceba yakhe enkulu wasizala ngokutsha ngokubhekisele kwithemba eliphilayo ngokuvuka kukaYesu Kristu kwabafileyo, kwilifa elingenakonakala nelingadyobhekanga nelingambatshiyo. Libekelwe nina emazulwini.”—1 Petros 1:3, 4.
14. (a) Abo bangengomaYuda baqukwa njani ‘kwimfihlelo engcwele yobukumkani bukaThixo’? (b) Yintoni esinceda siqonde ezi ‘zinto zinzulu zikaThixo’?
14 Enye inxalenye yemfihlelo engcwele ngokuphathelele uBukumkani obuzayo kukuba uThixo wayefuna ukuquka abantu abangengomaYuda kubantu abambalwa ababeza kubizelwa ukuya kulawula noKristu ezulwini. UPawulos wachaza le nkalo ‘yelungiselelo’ likaYehova okanye indlela yakhe yokuphumeza injongo yakhe, ngale ndlela: “Kwezinye izizukulwana oonyana babantu abazange bayaziswe le mfihlelo njengoko iye ngoku yatyhilwa kubapostile bakhe abangcwele nabaprofeti ngomoya, eyile, yokuba abantu beentlanga bafanele babe ziindlalifa ezimanyeneyo namalungu omzimba angamadlelane yaye babe nesabelo kunye nathi kwisithembiso ngokumanyene noKristu Yesu ngazo iindaba ezilungileyo.” (Efese 3:5, 6) Le nxalenye yemfihlelo engcwele yatyhilwa ‘kubapostile abangcwele.’ Ngokufanayo namhlanje, ngaphandle koncedo lomoya oyingcwele, besingayi kuziqonda ‘izinto ezinzulu zikaThixo.’—1 Korinte 2:10; 4:1; Kolose 1:26, 27.
15, 16. Kwakutheni ukuze uYehova anyule abo baza kulawula noKristu phakathi koluntu?
15 “Ikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka” elabonwa limi ‘neMvana’ phezu kweNtaba yeZiyon esezulwini kuthiwa ‘lathengwa emhlabeni,’ ‘lathengwa phakathi koluntu njengeentlahlela kuThixo nakuyo iMvana,’ uKristu Yesu. (ISityhilelo 14:1-4) UYehova wanyula owokuqala koonyana bakhe basezulwini ukuba abe yinxalenye ephambili yembewu ekwathenjiswa ngayo e-Eden kodwa kwakutheni ukuze anyule abo baza kulawula noKristu phakathi koluntu? Umpostile uPawulos uthi abantu abambalwa ‘babizwa ngokuvumelana nenjongo kaYehova,’ “ngokokuthanda kwakhe.”—Roma 8:17, 28-30; Efese 1:5, 11; 2 Timoti 1:9.
16 Injongo kaYehova kukungcwalisa igama lakhe elikhulu nelingcwele nokuthethelela ulongamo lwakhe. ‘Ngelungiselelo’ lakhe lobulumko obungenakuthelekiswa nanto, uYehova wathumela uNyana wakhe wamazibulo emhlabeni, owavavanywa ngendlela egqithiseleyo. Ngaphezu koko, uYehova wagqiba kwelokuba kuBukumkani boNyana wakhe obungoMesiya uya kuquka abantu abaye baxhasa ulongamo lwakhe de kwasekufeni.—Efese 1:8-12; ISityhilelo 2:10, 11.
17. Kutheni imele isivuyise into yokuba uKristu nabo aza kulawula kunye nabo bakha baphila njengabantu?
17 UYehova wabonisa uthando ngenzala ka-Adam ngokuthumela uNyana wakhe emhlabeni nangokunyula phakathi koluntu abo babeza kuba ziindlalifa zoBukumkani kunye noNyana wakhe. Babeza kungenelwa njani ke abanye abaye bazingqina bethembekile kuYehova, ukususela kuAbheli? Ekubeni bengamakhoboka esono nokufa, kwakuza kufuneka ukuba abantu abangafezekanga baphiliswe ngokomoya nangokwenyama baze baziswe emfezekweni, ngokuvisisana nenjongo kaYehova yantlandlolo. (Roma 5:12) Hayi indlela ekuthuthuzela ngayo kwabo bakhangele phambili kubomi obungunaphakade emhlabeni ukwazi ukuba baza kuba noKumkani onothando nobonakalisa ukuqonda kanye njengoko wayenjalo kubafundi bakhe ngoxa wayesemhlabeni! (Mateyu 11:28, 29; Hebhere 2:17, 18; 4:15; 7:25, 26) Yaye hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukwazi ukuba ookumkani abangababingeleli abaza kulawula noKristu ezulwini babefudula bengamadoda nabafazi abanokholo yaye nabo balwisana nobuthathaka, bajamelana nezinto ezilucelomngeni ebomini kanye njengoko kunjalo nakuthi!—Roma 7:21-25.
Injongo KaYehova Engasileliyo
18, 19. Yintoni ebangela siwaqonde ngakumbi amazwi kaPawulos akweyabase-Efese 1:8-11 yaye siza kufunda ntoni kwinqaku elilandelayo?
18 Ngoku siyayiqonda intsingiselo yamazwi kaPawulos abhekiswe kumaKristu athanjisiweyo, afumaneka kwabase-Efese 1:8-11. UPawulos wathi, uYehova wawazisa “imfihlelo engcwele yokuthanda kwakhe,” yokuba ‘amiselwa njengeendlalifa’ kunye noKristu, yaye ‘amiselwa kwangaphambili ngulowo wenza zonke izinto ngokokuthanda kwakhe.’ Siyaqonda ukuba oku kuvisisana ‘nelungiselelo’ likaYehova elimangalisayo lokuphumeza injongo yakhe. Oku kusinceda siqonde isizathu sokuba abe mbalwa amaKristu athabathayo kwimifuziselo, kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa.
19 Kwinqaku elilandelayo, siza kufunda ngentsingiselo yeSikhumbuzo sokufa kukaKristu kumaKristu anethemba lokuphila ezulwini. Siza kufunda nangesizathu sokuba abantu abazizigidi abanethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni befanele babe nomdla koko kufanekiselwa siSikhumbuzo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Igama likaThixo ngokoqobo, lithetha ukuba “Ubangela Kubekho.” UYehova unokuba yiyo nantoni na afuna ukuba yiyo ukuze azalisekise injongo yakhe.—Eksodus 3:14, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.
b Ukuze ufumane ingxubusho eneenkcukacha yale minqophiso enokuthanani nokuphunyezwa kwenjongo kaThixo, funda IMboniselo kaFebruwari 1, 1989, iphepha 10-15.
Impinda
• Kwakutheni ukuze uYehova adale umhlaba aze abeke abantu kuwo?
• Kwakutheni ukuze kufuneke uNyana kaYehova okuphela kwamzeleyo avavanywe emhlabeni?
• Kwakutheni ukuze uYehova anyule abo baza kulawula kunye noKristu phakathi koluntu?