Hlala Uyilungele Imini kaYehova
“Hlalani nilungile, kuba uNyana womntu uza ngelixa eningacinganga ukuba lilo.”—MATEYU 24:44.
1. Kutheni sifanele sicinge ngemini kaYehova?
IYA kuba yimini yedabi nomsindo, imbandezelo nosizi, ubumnyama nentshabalaliso. ‘Imini kaYehova enkulu nebangela uloyiko’ ngokuqinisekileyo iya kuyifikela le nkqubo yezinto ingendawo, kanye njengokuba uMkhukula walirhaxa ihlabathi elingendawo ngomhla kaNowa. Ngokuqinisekileyo iyeza. Kodwa, ‘wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.’ (Yoweli 2:30-32; Amosi 5:18-20) UThixo uya kuzitshabalalisa iintshaba zakhe aze abasindise abantu bakhe. Ekhathazekile, umprofeti uZefaniya wathi: “Imini enkulu kaYehova ikufuphi. Ikufuphi, yaye ikhawuleza kakhulu.” (Zefaniya 1:14) Noko ke, uThixo uya kuwuphumeza nini umgwebo wakhe?
2, 3. Kutheni kubalulekile ukuyilungela imini kaYehova?
2 UYesu wathi: “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi neengelosi zamazulu engazi noNyana, kodwa nguBawo kuphela.” (Mateyu 24:36) Ekubeni singalazi ixesha elingqalileyo, kubalulekile ukuba siwathobele amazwi omxholo wonyaka wama-2004 othi: “Hlalani nilindile . . . Hlalani nilungile.”—Mateyu 24:42, 44.
3 Ebonisa indlela abaya kuhlanganiswa ngayo ngokukhawuleza baze basindiswe abo balindileyo ngoxa abanye beshiywa, uYesu wathi: “Amadoda amabini aya kube esentsimini: enye iya kuthatyathwa ize enye ishiywe; abafazi ababini baya kube besila elityeni lokuguba: omnye uya kuthatyathwa kwaye omnye uya kushiywa.” (Mateyu 24:40, 41) Ngelo xesha linzima, thina siya kube siphi? Ngaba siya kube silindile, okanye ngaba olo suku luya kufika singalindelanga? Oko kuya kuxhomekeka kwinto esiyenzayo ngoku. Ukuze sizingqine silulindile usuku lukaYehova sifanele siphephe indlela abantu abacinga ngayo namhlanje, sixhathise imeko ethile yokomoya, siphephe nokuphila ngeendlela ezithile.
Siphephe Isimo Sengqondo Sokungakhathali
4. Abantu bomhla kaNowa babenasiphi isimo sengqondo?
4 Khawucinge ngemihla kaNowa. IBhayibhile ithi: “Ngokholo uNowa, emva kokunikwa isilumkiso sobuthixo sezinto ezingekabonwa, wabonisa uloyiko lobuthixo waza wakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe.” (Hebhere 11:7) Lo mkhombe wawuza kuba yinto engaqhelekanga nephawulekayo. Ngaphezu koko, uNowa ‘wayengumshumayeli wobulungisa.’ (2 Petros 2:5) Umsebenzi kaNowa wokwakha nokushumayela awuzange ubenze abantu bomhla wakhe bayiguqule indlela yabo yokuphila. Kwakutheni? Ngenxa yokuba ‘babesidla, besela, amadoda etshata namabhinqa etshatiswa.’ Abantu uNowa awayeshumayela kubo babexakeke gqitha yimicimbi yabo naziziyolo kangangokuba “abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke.”—Mateyu 24:38, 39.
5. Babenjani abemi baseSodom ngomhla kaLote?
5 Kwakunjalo nangemihla kaLote. IZibhalo zisixelela ukuba: “Babesidla, babesela, babethenga, babethengisa, babetyala, babesakha. Kodwa ngemini uLote awaphuma ngayo eSodom kwana umlilo nesalfure ezulwini waza wabatshabalalisa bonke.” (Luka 17:28, 29) Emva kokuba iingelosi zilumkise uLote ngentshabalaliso ezayo, wathetha nabakhwenyana bakhe ngento eyayiza kwenzeka. Noko ke, emehlweni abo, “wayebonakala njengomntu oqhulayo.”—Genesis 19:14.
6. Sisiphi isimo sengqondo esimele sisiphephe?
6 Kanye njengokuba kwakunjalo ngomhla kaNowa nokaLote, uYesu wathi, “nobukho boNyana womntu” buya kuba njalo. (Mateyu 24:39; Luka 17:30) Enyanisweni, abantu abaninzi namhlanje banesimo sengqondo sokungakhathali. Sifanele sikulumkele ukuphenjelelwa sisimo sengqondo esinjalo. Akukhonto iphosakeleyo ngokutya ukutya okumnandi nokusela ngobungcathu. Ngokufanayo, umtshato lilungiselelo likaThixo. Noko ke, ukuba ezo zinto ziza kuqala ebomini bethu zize izinto zokomoya zityeshelwe, ngaba silulindele usuku oloyikekayo lukaYehova?
7. Nguwuphi umbuzo obalulekileyo esifanele sizibuze wona ngaphambi kokwenza nantoni na, yaye ngoba?
7 Umpostile uPawulos wathi: “Ixesha eliseleyo lifinyele. Ukususela ngoku abo banabafazi mababe njengabangenabo.” (1 Korinte 7:29-31) Kusele nje ixesha elifutshane ngaphambi kokuba siwugqibe umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani esiwunikwe nguThixo. (Mateyu 24:14) UPawulos wayala nabo batshatileyo ukuba bangachithi ixesha elininzi kunye kangangokuba uBukumkani bube yinto engabalulekanga ebomini babo. Ngokucacileyo, uPawulos apha wayengakhuthazi ukungakhathali. UYesu wathi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa [bukaThixo].” (Mateyu 6:33) Xa sisenza nasiphi na isigqibo okanye ngaphambi kokwenza nantoni na, kubalulekile ukuzibuza, ‘Ngaba oku kuya kukuchaphazela njani ukubeka kwam uBukumkani kwindawo yokuqala ebomini bam?’
8. Ukuba sizixakekise gqitha ngezinto zobomi bemihla ngemihla, yintoni esifanele siyenze?
8 Kuthekani ukuba sifumanisa ukuba sixakeke gqitha zizinto zobomi bemihla ngemihla kangangokuba asinaxesha lezinto zokomoya? Ngaba indlela esiphila ngayo yahluke kancinane kweyabamelwane bethu abangenalo ulwazi oluchanileyo lweZibhalo yaye abangengabo abavakalisi boBukumkani? Ukuba kunjalo, sifanele sikuthandazele oko. UYehova unokusinceda sibe nesimo sengqondo esifanelekileyo. (Roma 15:5; Filipi 3:15) Unokusinceda sizibeke kwindawo yokuqala izinto zoBukumkani, senze oko kulungileyo, size sifeze imbopheleleko yethu kuye.—Roma 12:2; 2 Korinte 13:7.
Kuxhathise Ukozela Ngokomoya
9. Ngokutsho kweSityhilelo 16:14-16, kutheni kubalulekile ukubugxotha ubuthongo bokomoya?
9 Isiprofeto esithetha ‘ngemfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla’ ezayo yeArmagedon silumkisa sisithi abanye basenokungahlali bephaphile. INkosi uYesu Kristu ithi: “Khangela! Ndiza njengesela. Unoyolo lowo uhlala ephaphile aze azigcine izambatho zakhe zangaphezulu, ukuze angahambi ze baze abantu bakhangele ukuhlazeka kwakhe.” (ISityhilelo 16:14-16) Izambatho zangaphandle ekuthethwa ngazo apha zibhekisela kwizinto ezisenza sibe ngamaKristu angamaNgqina kaYehova. Oku kuquka umsebenzi wethu njengabavakalisi boBukumkani nokuziphatha kwethu njengamaKristu. Ukuba siyozela ngokomoya, sinokuphelelwa ziimpawu ezisenza sifaneleke njengamaKristu. Oko kuziintloni yaye kuyingozi. Simele sibugxothe ubuthongo bokomoya okanye ukungakhathali. Sinokukwenza njani oko?
10. Kutheni ukufunda kwethu iBhayibhile imihla ngemihla kusinceda sihlale siphaphile ngokomoya?
10 Ngokuphindaphindiweyo iBhayibhile igxininisa imfuneko yokuhlala siphaphile nokuhlala sisezingqondweni. Ngokomzekelo, iingxelo zeVangeli zisikhumbuza zisithi: “Hlalani nilindile” (Mateyu 24:42; 25:13; Marko 13:35, 37); “hlalani nilungile” (Mateyu 24:44); “hlalani nikhangele, hlalani niphaphile” (Marko 13:33); “hlalani nilungile” (Luka 12:40). Emva kokuvakalisa ukuba usuku lukaYehova luza kufika eli hlabathi lingalindelanga, umpostile uPawulos ubongoza amanye amakholwa esithi: “Masingalali njengoko abanye besenza, kodwa masihlale siphaphile, sithe qwa.” (1 Tesalonika 5:6) Kwincwadi yokugqibela yeBhayibhile, uKristu Yesu ozukisiweyo ugxininisa ukufika kwakhe ngequbuliso esithi: “Ndiyeza ngokukhawuleza.” (ISityhilelo 3:11; 22:7, 12, 20) Abaprofeti abaninzi abangamaHebhere nabo bathetha baza balumkisa ngemini enkulu yomgwebo kaYehova. (Isaya 2:12, 17; Yeremiya 30:7; Yoweli 2:11; Zefaniya 3:8) Ukufunda iLizwi likaThixo iBhayibhile imihla ngemihla, size sicamngce ngoko sikufundayo kuya kusinceda gqitha ukuze sihlale siphaphile ngokomoya.
11. Kutheni kubalulekile ukuba nesifundo seBhayibhile sobuqu ukuze sihlale siphaphile ngokomoya?
11 Enyanisweni, ukusikhuthalela isifundo sobuqu seZibhalo nokusebenzisa iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni ezilungiselelwa “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi” kuya kusigcina siphaphile ngokomoya. (Mateyu 24:45-47) Noko ke, ukuze sizuze kwisifundo sobuqu, isifundo sethu sifanele sibe nenkqubela yaye siqhutywe rhoqo. (Hebhere 5:14–6:3) Simele sizondle ngokutya okuqinileyo kokomoya ngokuthe rhoqo. Kusenokuba nzima ukufumana ixesha lokwenjenjalo kule mihla nakweli xesha siphila kulo. (Efese 5:15, 16) Sekunjalo, ukufunda iBhayibhile neempapasho ezisekelwe kwiZibhalo xa iimeko zisivumela akwanele. Kufuneka sibe nesifundo sobuqu rhoqo ukuze ‘siphile elukholweni’ size sihlale siphaphile.—Tito 1:13.
12. Iintlanganiso zamaKristu, iindibano ezincinane nezinkulu zisinceda njani ukuba sigxothe ubuthongo bokomoya?
12 Iintlanganiso zamaKristu, iindibano ezincinane nezinkulu nazo zinokusinceda ukuze sigxothe ubuthongo bokomoya. Njani? Ngemfundiso esiyifumanayo. Kwezi ntlanganiso, ngaba asikhunjuzwa ngokusondela kwemini kaYehova? Kwakhona iintlanganiso zamaKristu zeeveki ngeeveki zisinika amathuba ‘okuvuselelana eluthandweni nasemisebenzini emihle.’ Oko kuvuselelana, okanye ukukhuthazana, kubalulekile ukuze sihlale siphaphile ngokomoya. Akumangalisi ke ngoko kuba siyalelwa ukuba sihlanganisane njengoko ‘sibona ukuba imini iyasondela.’—Hebhere 10:24, 25.
13. Ubulungiseleli bobuKristu bunokusinceda njani sihlale siphaphile ngokomoya?
13 Kwakhona sincedwa ukuba sihlale siphaphile xa sinesabelo ngentliziyo iphela kubulungiseleli bobuKristu. Yiyiphi indlela ebhetele yokuzikhumbuza ngemiqondiso yamaxesha nentsingiselo yawo kunokuthetha nabanye ngayo? Yaye xa sibona abo sifunda nabo iBhayibhile besenza inkqubela baze baqale ukuphila ngokuvisisana noko bakufundayo, nathi sikubona oku kubalulekile. Umpostile uPetros wathi: “Iingqondo zenu ziqiniseleni umsebenzi, hlalani nithe qwa ngokupheleleyo.” (1 Petros 1:13) Into enokusinceda singalali ngokomoya, ‘kukusoloko sinokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.’—1 Korinte 15:58.
Yiphephe Indlela Yokuphila Eyingozi Ngokomoya
14. Njengokuba kuchazwe kuLuka 21:34-36, uYesu walumkisa ngaziphi iindlela zokuphila?
14 Kwisiprofeto esibalulekileyo esingomqondiso wobukho bakhe, uYesu waphinda walumkisa. Wathi: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe. Kuba iya kubazela bonke abahleliyo phezu kobuso bawo wonke umhlaba. Hlalani niphaphile, ngoko, lonke ixesha nisenza isikhungo ukuze niphumelele ekubalekeni zonke ezi zinto zimiselwe ukubakho, nasekumeni phambi koNyana womntu.” (Luka 21:34-36) UYesu wayichaza ngokuchanileyo indlela abantu ngokubanzi abaphila ngayo: ukuzingxala ngokutya, ukunxila nendlela yokuphila ebangela amaxhala.
15. Kutheni sifanele sibuphephe ubudla-kudla nokunxila?
15 Ubudlakudla nobunxila abuvisisani nemigaqo yeBhayibhile, ngoko ke sifanele sibuphephe. IBhayibhile ithi: “Musa ukuba phakathi kwabasela iwayini kakhulu, phakathi kwabadli benyama abangamadla-kudla.” (IMizekeliso 23:20) Noko ke, akuyomfuneko ukuba oko kufikelele kwelo nqanaba ngaphambi kokuba kube yingozi. Kunokumenza ubani ozele yaye onqene ngaphambi koko. Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Ivila liyanqwenela, kodwa umphefumlo walo awunanto.” (IMizekeliso 13:4) Umntu onjalo usenokufuna ukukwenza ukuthanda kukaThixo, kodwa iminqweno yakhe ayizaliseki ngenxa yokungakhathali.
16. Sinokukuphepha njani ukuxhalaba ngokugqithiseleyo ngentsapho yethu?
16 Ngawaphi la maxhala obomi uYesu awalumkisa ngawo? Aquka imicimbi yobuqu, ukunyamekela intsapho nezinto ezinjengezo. Hayi indlela ekungebobulumko ngayo ukuzivumela ezi zinto ukuba zisisinde! UYesu wabuza: “Ngubani na kuni onokuthi ngokuba nexhala ongeze ikubhite enye kubude bobomi bakhe?” Waluleka abo babemphulaphule esithi: “Musani ke ukuxhala nisithi, ‘Siza kudla ntoni na?’ okanye, ‘Siza kusela ntoni na?’ okanye, ‘Siza kunxiba ntoni na?’ Kuba zonke ezi zizinto iintlanga ezizisukela ngentumekelelo. Kuba uYihlo osemazulwini uyazi ukuba ziyimfuneko kuni zonke ezi zinto.” Ukubeka uBukumkani kuqala ebomini bethu size siqiniseke ukuba uYehova uya kusinyamekela kuya kusenza singaxhalabi kangako kuze kusincede sihlale siphaphile.—Mateyu 6:25-34.
17. Ukufuna izinto eziphathekayo kunokuwabangela njani amaxhala?
17 Amaxhala anokubangelwa nakukufuna izinto eziphathekayo. Ngokomzekelo, abanye babenza nzima ubomi babo ngokuphila ngemali engaphezu kwabanayo. Abanye balukuhlelwe kwiindlela zokuzuza ubutyebi ngokukhawuleza nakwiindlela zorhwebo ezingaqinisekanga. Kwabanye, ukuyijonga imfundo yehlabathi njengendlela yokuma kakuhle ngokwasemalini kuye kwangumgibe. Kuyavunywa ukuba, umlinganiselo othile wemfundo unokuba luncedo ekufumaneni umsebenzi. Noko ke, inyaniso ikukuba ngokuchitha ixesha elide befumana imfundo ethe kratya, abanye baye bazenzakalisa ngokomoya. Hayi indlela okuyingozi ngayo oku njengokuba usuku lukaYehova lusondela! IBhayibhile iyalumkisa: “Abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo, ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni.”—1 Timoti 6:9.
18. Ukuze singabanjiswa ngumgibe wokuthanda izinto eziphathekayo, yintoni esifanele siyihlakulele?
18 Ukuze singabanjiswa ngumgibe wokuthanda izinto eziphathekayo, kubalulekile ukuba sikwazi ukwahlula okulungileyo kokubi xa sisenza izigqibo. Siya kukwazi ukukwenza oku xa sizondla rhoqo ‘ngokutya okuqinileyo kwabantu abaqolileyo’ size ‘siqeqeshe amandla ethu okuqonda ngokuwasebenzisa.’ (Hebhere 5:13, 14) Ukuqiniseka “ngezinto ezibaluleke ngakumbi” xa sibeka izinto eziza kuqala nako kuya kusinceda singenzi izigqibo ezingafanelekanga.—Filipi 1:10.
19. Ukuba sifumanisa ukuba sinexesha elincinane kakhulu lezinto zokomoya, yintoni esifanele siyenze?
19 Ukuthanda izinto eziphathekayo kunokusimfamekisa, kusishiye singenaxesha okanye sibe nexesha elincinane lezinto zokomoya. Sinokuzihlolisisa njani ukuze sikuphephe ukubanjiswa yindlela yokuphila enjalo? Sifanele sicingisise nzulu ngendlela esinokubenza lula ngayo ubomi bethu. UKumkani uSolomon wakwaSirayeli wamandulo wathi: “Bumnandi ubuthongo bokhonzayo, enoba udla kancinane okanye kakhulu; kodwa indyebo yesityebi ayisivumeli ukuba silale.” (INtshumayeli 5:12) Ngaba ukunyamekela izinto eziphathekayo ezingeyomfuneko kudla ixesha namandla ethu? Okukhona ziba zininzi izinto esinazo, kokukhona sinezinto ezininzi esifanele sizilungise, sizihlawulele i-inshorensi size sizikhusele. Ngaba kunokusinceda ukubenza lula ubomi bethu ngokwahlukana nezinto ezithile?
Zabalazela Ukuzingqina Ulungile
20, 21. (a) Sisiphi isiqinisekiso umpostile uPetros asinika sona ngokuphathelele imini kaYehova? (b) Ziziphi izenzo esifanele siqhubeke sizenza njengoko sizingqina siwulindele umhla kaYehova?
20 Ihlabathi lomhla kaNowa laphelelwa lixesha, kuza kuba njalo nangale nkqubo yezinto. Umpostile uPetros wasiqinisekisa esithi: “Imini kaYehova iya kuza njengesela, ekuya kuthi ngayo amazulu adlule eqhuqhumba, neziqalelo ezishushu kakhulu zichithakale, uze wona umhlaba, nemisebenzi ekuwo, ibhencwe.” Amazulu okomfuziselo—oorhulumente abangendawo—nomhlaba wokomfuziselo—abantu abangamhloneliyo uThixo—abasayi kusinda kubushushu bomsindo kaThixo ovuthayo. Ebonisa indlela esinokuzingqina ngayo siwulindele loo mhla, uPetros uthi: “Ekubeni ke zonke ezi zinto ziza kuchithakala, luhlobo luni lwabantu enifanele nibe lulo ngokuphathelele ihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo, nihlale nibulindile yaye nibukhumbula ubukho bemini kaYehova!”—2 Petros 3:10-12.
21 Ukuya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu nokushumayela iindaba ezilungileyo kuqukiwe kwizenzo zokuzinikela kuThixo. Ngamana ezo zenzo zokuzinikela kuThixo singazenza ngentliziyo yethu iphela ngoxa siyilinde ngomonde imini enkulu kaYehova. ‘Masenze unako-nako ukuze ekugqibeleni asifumane uThixo singenabala, singenasiphako yaye siseluxolweni.’—2 Petros 3:14.
Ngaba Usakhumbula?
• Kutheni sifanele sizingqine siwulungele umhla kaYehova?
• Ukuba sizixhalabisa gqitha ngezinto zobomi bemihla ngemihla, yintoni esifanele siyenze?
• Yintoni eya kusinceda ukuze sixhathise ubuthongo bokomoya?
• Yiyiphi indlela yokuphila eyingozi esifanele siyiphephe, yaye sinokuyiphepha njani?
[Imifanekiso ekwiphepha 20, 21]
Abantu ngomhla kaNowa abazange banikele ngqalelo ngomgwebo ozayo—kuthekani ngawe?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ngaba unokubenza lula ubomi bakho ukuze ube nexesha elingakumbi lezinto zokomoya?