“Hlalani Nilindile”—Lifikile Ilixa Lokugweba!
Inkcazelo ekweli nqaku isekelwe kwincwadana enemifanekiso ethi Hlalani Nilindile! eyakhululwa kwiindibano zesithili ezaziqhutywa ehlabathini lonke ebudeni bowama-2004 nowama-2005.
“Hlalani nilindile, ngenxa yokuba aniwazi umhla eza ngawo iNkosi yenu.”—MATEYU 24:42.
1, 2. UYesu wenza wuphi umzekeliso ofanelekileyo wokuza kwakhe?
UBUYA kwenza ntoni ukuba ubusazi ukuba kukho isela elizulazula kwindawo ohlala kuyo elihamba liqhekeza izindlu zabantu? Ukuze ukhusele abantu obathandayo nezinto zakho ezixabisekileyo, ubuya kuhlala uthe qwa, uphaphile. Ngapha koko, isela alithumeli leta lichaze ukuba liza nini. Ngokwahlukileyo koko, liyachwechwa lingene lingalindelwanga.
2 Izihlandlo eziliqela uYesu wenza umzekeliso ngesela. (Luka 10:30; Yohane 10:10) Ethetha ngeziganeko ezaziya kwenzeka ngexesha lesiphelo ngaphambi kokuba aphumeze umgwebo, uYesu walumkisa wathi: “Ngoko ke, hlalani nilindile, ngenxa yokuba aniwazi umhla eza ngawo iNkosi yenu. Kodwa yazini nto inye, ukuba umnini-ndlu ebesazi ukuba isela liza ngawuphi na umlindo, ebeya kuhlala ephaphile aze angavumi ukuba indlu yakhe iqhekezwe.” (Mateyu 24:42, 43) Ngoko, uYesu wafanisa ukufika kwakhe ngokungalindelekanga nokufika kwesela.
3, 4. (a) Yintoni ebandakanyekileyo ekuthobeleni isilumkiso sikaYesu ngokuphathelele ukuza kwakhe? (b) Yiyiphi imibuzo ephakamayo?
3 Wawufanelekile lo mzekeliso kuba umhla othe ngqo eza ngawo uYesu wawungayi kwaziwa. Kwakwesi siprofeto sinye, ngaphambilana, uYesu wathi: “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi neengelosi zamazulu engazi noNyana, kodwa nguBawo kuphela.” (Mateyu 24:36) Ngenxa yoko, uYesu wabongoza abo babemphulaphule esithi: “Hlalani nilungile.” (Mateyu 24:44) Abo bathobela isilumkiso sikaYesu babeya kuhlala belungile, baziphathe ngokufanelekileyo kungakhathaliseki ukuba uza nini njengoMphumezi womgwebo kaYehova.
4 Kuphakama imibuzo ebalulekileyo: Ngaba uYesu ulumkisa abantu behlabathi kuphela okanye ngaba namaKristu okwenyaniso afanele ‘ahlale elindile’? Kutheni kungxamisekile ukuba ‘sihlale silindile’ yaye kubandakanya ntoni oko?
Kulunyukiswa Bani?
5. Sazi njani ukuba isilumkiso esithi “hlalani nilindile” sibhekisa kumaKristu okwenyaniso?
5 Liyinyaniso elokuba iNkosi iya kufika njengesela kubantu behlabathi abazityeshelayo izilumkiso eziphathelele intlekele ezayo. (2 Petros 3:3-7) Noko ke, kuthekani ngamaKristu okwenyaniso? Umpostile uPawulos wabhalela amanye amakholwa wathi: “Nazi kakuhle ukuba imini kaYehova iza kanye njengesela ebusuku.” (1 Tesalonika 5:2) Asilithandabuzi elokuba ‘imini kaYehova iyeza.’ Kodwa ngaba oko kufanele kusenze siyekelele umxakatho? Phawula ukuba uYesu wayethetha nabafundi bakhe xa wayesithi: “UNyana womntu uza ngelixa eningacinganga ukuba lilo.” (Mateyu 24:44) Ngaphambilana, xa wayebongoza abafundi bakhe ukuba baqhubeke befuna uBukumkani, uYesu walumkisa wathi: “Hlalani nilungile, ngenxa yokuba uNyana womntu uza ngelixa eningalicingelanga.” (Luka 12:31, 40) Ngaba ayicacanga na into yokuba uYesu wayecinga ngabalandeli bakhe xa walumkisa esithi: “Hlalani nilindile”?
6. Kutheni kufuneka ‘sihlale silindile’?
6 Kutheni kufuneka ‘sihlale silindile’ yaye ‘sihlale silungile’? UYesu wathi: “Amadoda amabini aya kube esentsimini: enye iya kuthatyathwa ize enye ishiywe; abafazi ababini baya kube besila elityeni lokuguba: omnye uya kuthatyathwa kwaye omnye uya kushiywa.” (Mateyu 24:40, 41) Abo baye bahlala belindile baya “kuthatyathwa,” okanye basinde xa eli hlabathi lingahloneli Thixo litshatyalaliswa. Abanye baya “kushiywa” baze batshabalale kuba beye baphila ngendlela yokuzingca. Aba basenokuquka abo babekhe bakhanyiselwa ngaphambili kodwa abangazange bahlale belindile.
7. Ukungazi kwethu ukuba siya kufika nini isiphelo kusinika ithuba lokwenza ntoni?
7 Ukungawazi kwethu umhla eya kuphela ngayo le nkqubo indala kusinika ithuba lokubonisa ukuba sikhonza uThixo sinentshukumisa entle. Njani? Kusenokubonakala ngathi isiphelo sifika kade. Okulusizi kukuba, amanye amaKristu avakalelwa ngale ndlela aye avumela ukuba inzondelelo yawo ngenkonzo kaYehova inciphe. Ukanti, xa sizahlulela, sizinikela ngokungagogotye lutho kuYehova ukuba simkhonze. Abo bamaziyo uYehova bayaqonda ukuba akayi kukholiswa ngabantu ababonakalisa inzondelelo ngomzuzu wokugqibela. Ubona oko kusentliziyweni.—1 Samuweli 16:7.
8. Ukuthanda kwethu uYehova kusishukumisela njani ekubeni sihlale silindile?
8 Kuba simthanda ngokunyanisekileyo uYehova, siyayoliswa ngokwenene kukwenza ukuthanda kwakhe. (INdumiso 40:8; Mateyu 26:39) Yaye sifuna ukukhonza uYehova ngonaphakade. Loo mbono sinayo ayifiphali kuba nje kufuneka silinde ixesha elide kunokuba besilindele. Ngapha koko, sihlala silindile kuba sikhangele phambili ngolangazelelo koko imini kaYehova iya kukufeza ngokuphathelele ukuphunyezwa kwenjongo yakhe. Umnqweno wethu onyanisekileyo wokukholisa uThixo usishukumisela ukuba sisebenzise isiluleko seLizwi lakhe size sibeke uBukumkani bakhe kwindawo yokuqala ebomini bethu. (Mateyu 6:33; 1 Yohane 5:3) Makhe sihlole indlela ukuhlala silindile okufanele kuziphembelele ngayo izigqibo esizenzayo nendlela esiphila ngayo suku ngalunye.
Uzimisele Ukwenza Ntoni Ebomini?
9. Kutheni kubalulekile ukuba abantu behlabathi baqonde intsingiselo yezinto ezenzeka kwixesha esiphila kulo?
9 Abantu abaninzi namhlanje bayakubona ukuxhaphaka kweengxaki ezinzulu neziganeko ezothusayo yaye basenokungayithandi indlela abaphila ngayo. Noko ke, ngaba bayayiqonda ngokwenene intsingiselo yoko kuqhubekayo ehlabathini? Ngaba bayaqonda ukuba siphila kwixesha ‘lokupheliswa kwenkqubo yezinto’? (Mateyu 24:3) Bayaqonda na ukuba ukuxhaphaka kokuzingca, ugonyamelo nokungahloneli Thixo kubonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’? (2 Timoti 3:1-5) Kubalulekile ukuba bayiqonde intsingiselo yezi zinto zonke baze bahlolisise indlela abaphila ngayo.
10. Yintoni esimele siyenze ukuze siqiniseke ukuba sihlala silindile?
10 Kuthekani ngathi? Mihla le, simele senze izigqibo eziphathelele umsebenzi wethu wempangelo, impilo yethu, iintsapho zethu nonqulo lwethu. Siyayazi ukuba iBhayibhile ithini yaye sizabalazela ukusebenzisa oko ikutshoyo. Ngoko ke, sifanele sizibuze: ‘Ngaba ndiye ndavumela amaxhala obomi ukuba andiphazamise kusukelo lwam? Ngaba ndivumela intanda-bulumko nokucinga kwehlabathi kuphembelele ukhetho endilwenzayo?’ (Luka 21:34-36; Kolose 2:8) Kufuneka siqhubeke sibonisa ukuba sikholose ngoYehova ngentliziyo yethu yonke, singayami kokwethu ukuqonda. (IMizekeliso 3:5) Ngaloo ndlela, siya kububamba ngokuqinileyo ‘ubomi benene’—ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo.—1 Timoti 6:12, 19.
11-13. Yintoni esinokuyifunda kumzekelo woko kwenzeka (a) ngexesha likaNowa? (b) ngexesha likaLote?
11 IBhayibhile inemizekelo emininzi elumkisayo enokusinceda ukuba sihlale silindile. Cinga nje ngoko kwenzeka ngexesha likaNowa. UThixo waqinisekisa ukuba ubalumkisa kusengaphambili. Kodwa abantu abazange banikele ngqalelo ngaphandle kukaNowa nentsapho yakhe. (2 Petros 2:5) Ngokuphathelele oku, uYesu wathi: “Kanye njengokuba yayinjalo imihla kaNowa, buya kuba njalo ubukho boNyana womntu. Kuba njengokuba babenjalo ngaloo mihla yangaphambi komkhukula, besidla, besela, amadoda etshata namabhinqa etshatiswa, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; kwaye abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke, nobukho boNyana womntu buya kuba njalo.” (Mateyu 24:37-39) Sifunda ntoni koku? Ukuba sivumela izinto eziqhelekileyo ebomini zithabathe indawo yezinto zokomoya ezo uThixo asibongoza ukuba sizibeke kwindawo yokuqala, kufuneka sicingisise nzulu ngemeko yethu.—Roma 14:17.
12 Kwakhona khawucinge ngexesha likaLote. Abantu baseSodom, apho uLote wayehlala khona nentsapho yakhe, babemi kakuhle ngokwezinto eziphathekayo kodwa babenemilinganiselo ephantsi yokuziphatha. UYehova wathumela iingelosi zakhe ukuba zisitshabalalise eso sixeko. Iingelosi zabongoza uLote nentsapho yakhe ukuba basabe eSodom yaye bangakhangeli emva. Ngenxa yolo khuthazo lweengelosi bemka kweso sixeko. Noko ke, kuyacaca ukuba umkaLote waqhubeka ecinga ngomzi wakhe owawuseSodom. Ukungathobeli kwambangela ukuba ajonge emva yaye ngenxa yoko waphulukana nobomi bakhe. (Genesis 19:15-26) Ethetha ngezinto ezaziya kwenzeka kwixesha lethu, uYesu walumkisa wathi: “Khumbulani umkaLote.” Ngaba siyasithobela eso silumkiso?—Luka 17:32.
13 Abo bazithobelayo izilumkiso zikaThixo basinda, njengoNowa nentsapho yakhe noLote neentombi zakhe. (2 Petros 2:9) Xa sicingisisa nzulu ngezilumkiso esizifumana kule mizekelo, nathi siyakhuthazwa sisigidimi sosindiso esibhekiswe kubathandi bobulungisa. Oku kusenza siqiniseke ukuba siza kuzaliseka isithembiso sikaThixo ‘samazulu amatsha nomhlaba omtsha apho kumi ubulungisa.’—2 Petros 3:13.
“Lifikile Ilixa Lokugweba”!
14, 15. (a) “Ilixa” lokugweba liquka ntoni? (b) Yintoni ebandakanyekileyo ‘ekoyikeni uThixo nasekumzukiseni’?
14 Njengoko silindile, yintoni esinokuyilindela? Incwadi yeSityhilelo ichaza indlela eya kuzaliseka ngayo injongo kaThixo, ngokulandelelana kwamanqanaba. Sisenza ngokuvisisana noko ikutshoyo, kubalulekile ukuba sihlale silungile. Esi siprofeto sichaza ngokucacileyo iziganeko eziya kwenzeka ‘ngemini yeNkosi,’ eyaqalisa ekubekweni kukaKristu etroneni esemazulwini ngowe-1914. (ISityhilelo 1:10) ISityhilelo sithetha ngengelosi ethunywe ukuba ‘ivakalise iindaba ezilungileyo.’ Ngelizwi elikhulu ithi: “Moyikeni uThixo nimzukise, kuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe.” (ISityhilelo 14:6, 7) Elo ‘lixa’ lokugweba lifutshane; liquka ukuvakaliswa nokuphunyezwa kwemigwebo echazwe kweso siprofeto. Ngoku siphila kwelo xesha.
15 Ngoko, ngaphambi kokuba ilixa lokugweba liphele, siyabongozwa: “Moyikeni uThixo nimzukise.” Kuquka ntoni oku? Ukumoyika ngokwenene uThixo kufanele kusenze sishenxe ebubini. (IMizekeliso 8:13) Ukuba siyamoyika uThixo siya kumphulaphula ngentlonelo. Asiyi kuxakeka kangangokuba singabi nalo ixesha lokulifunda rhoqo iLizwi lakhe, iBhayibhile. Asiyi kusigqala njengesingabalulekanga isiluleko sakhe sokuya kwiintlanganiso zamaKristu. (Hebhere 10:24, 25) Siya kulixabisa ilungelo lokuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obungoMesiya yaye siya kuzivakalisa ngenzondelelo. Siya kukholosa ngoYehova ngamaxesha onke ngentliziyo yethu iphela. (INdumiso 62:8) Kuba siqonda ukuba uYehova nguMongami Wendalo Iphela, siyamhlonela ngokuzithoba kuLongamo lwakhe. Ngaba umoyika ngokwenene uThixo yaye ngaba uyamzukisa ngazo zonke ezi ndlela?
16. Kutheni sinokuthi umgwebo weBhabhiloni Enkulu ochazwe kwiSityhilelo 14:8, sele uphunyeziwe?
16 ISityhilelo isahluko se-14 sihlabela mgama sichaza iziganeko ezingakumbi eziza kwenzeka ngelixa lokugweba. IBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, ikhankanywe kuqala: “Kwalandela enye, eyesibini ingelosi, isithi: ‘Iwile! IBhabhiloni Enkulu iwile!’” (ISityhilelo 14:8) Ewe, ngokwembono kaThixo, iBhabhiloni Enkulu sele iwile. Ngowe-1919 abakhonzi bakaYehova abathanjisiweyo bakhululwa ekukhotyokisweni ziimfundiso namasiko aseBhabhiloni, ebephembelela abantu nezizwe kangangamawaka eminyaka. (ISityhilelo 17:1, 15) Ukususela ngoko bakwazi ukuzinikela ekuhambiseleni phambili unqulo lokwenyaniso. Ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo emhlabeni wonke kwaqaliswa ngelo xesha.—Mateyu 24:14.
17. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze siphume kwiBhabhiloni Enkulu?
17 Umgwebo kaThixo nxamnye neBhabhiloni Enkulu awuphelelanga apho. Kungekudala, iza kutshatyalaliswa ngokupheleleyo. (ISityhilelo 18:21) Kungenxa yoko le nto iBhayibhile ibongoza abantu kuyo yonke indawo, isithi: “Phumani kuyo [iBhabhiloni Enkulu] . . . ukuze ningabelani nayo ngezono zayo.” (ISityhilelo 18:4, 5) Siphuma njani kwiBhabhiloni Enkulu? Oko akuthethi nje ukungazibandakanyi nonqulo lobuxoki. Impembelelo yeBhabhiloni ibonakala kwimibhiyozo nezithethe ezininzi ezithandwayo, kwisimo sengqondo sehlabathi sokuvumela ukuziphatha kakubi ngokwesini, kwiindlela zokuzonwabisa ezibandakanya ukusebenzelana nemimoya nangezinye iindlela. Ukuze sihlale silindile, kubalulekile ukuba sibonise ngezenzo nangeminqweno yentliziyo yethu ukuba sahluke ngandlela zonke kwiBhabhiloni Enkulu.
18. Ngokuvisisana noko kuchazwe kwiSityhilelo 14:9, 10, yintoni ephetshwa ngamaKristu alumkileyo?
18 KwiSityhilelo 14:9, 10 kuchazwa enye inkalo ‘yelixa lokugweba’. Enye ingelosi ithi: “Wonke umntu onqula irhamncwa nomfanekiso walo, aze amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe okanye esandleni sakhe, uya kusela kwiwayini yomsindo kaThixo.” Ngoba? “Irhamncwa nomfanekiso walo” lifanekisela abalawuli abangabantu, abangaluthobeliyo ulongamo lukaYehova. AmaKristu alumkileyo ayakuphepha ukuphenjelelwa okanye ukuphawulwa njengalawo akhonza abo bangavumiyo ukuthobela ulongamo loThixo oyinyaniso, uYehova, enoba kungesimo sengqondo okanye ngezenzo. AmaKristu ayazi ukuba uBukumkani bukaThixo sele bumiselwe ezulwini yaye buya kutshabalalisa bonke abalawuli abangabantu buze bume ngonaphakade.—Daniyeli 2:44.
Hlala Unembono Yongxamiseko!
19, 20. (a) Njengoko imihla yokugqibela isondela esiphelweni, yintoni esiqiniseke ukuba uSathana uya kuzama ukuyenza? (b) Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?
19 Njengoko imihla yokugqibela isondela esiphelweni, iingcinezelo nezilingo ziza kuya zisiba qatha. Logama nje sisaphila kule nkqubo indala yaye singafezekanga, sithwaxwa zizinto ezifana nokugula, ukwaluphala, ukufelwa ngabantu esibathandayo, ukubandezeleka, ukudana xa sichaswa kwimizamo yethu yokushumayela iLizwi likaThixo nazezinye izinto. Ungaze ulibale ukuba uSathana angathanda ukusebenzisa elo thuba ukuze asenze sinikezele—siyeke ukushumayela iindaba ezilungileyo okanye siyeke ukuphila ngemilinganiselo kaThixo. (Efese 6:11-13) Eli asiloxesha lokuyekelel’ umxakatho!
20 UYesu wayesazi ukuba iingxaki zaziya kusibangela sinikezele, ngoko wasiluleka esithi: “Hlalani nilindile, ngenxa yokuba aniwazi umhla eza ngawo iNkosi yenu.” (Mateyu 24:42) Ngoko, masisoloko sikhangela ukuba sindawoni kumsinga wexesha. Masiyilumkele imigibe kaSathana enokusenza siyekelel’ umxakatho okanye sishiye inyaniso. Masizimisele ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo ngenzondelelo. Ewe, masihlale sithe qwa njengoko sithobela isilumkiso sikaYesu esithi: “Hlalani nilindile.” Xa sisenjenjalo, siya kuzukisa uYehova yaye siya kuba phakathi kwabo banethemba lokufumana iintsikelelo ezingunaphakade.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Sazi njani ukuba isilumkiso sikaYesu ‘sokuhlala silindile’ sibhekiswe kumaKristu okwenyaniso?
• Yiyiphi imizekelo esisilumkiso eseBhayibhileni enokusinceda ‘sihlale silindile’?
• Yintoni ilixa lokugweba yaye sibongozwa ukuba senze ntoni ngaphambi kokuba liphele?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UYesu wafanisa ukuza kwakhe nokufika kwesela
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ixesha lokutshatyalaliswa kweBhabhiloni Enkulu likufuphi
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
Masizimisele ukushumayela ngenzondelelo engakumbi