Tsolisa Amehlo Akho Emvuzweni
“Ndisukela umvuzo.”—FIL. 3:14.
1. Nguwuphi umvuzo owawubekwe phambi kukampostile uPawulos?
UMPOSTILE uPawulos, okwabizwa ngokuba nguSawule waseTarso, wayezalwa kwintsapho eyaziwayo. Wafundiswa unqulo lookhokho bakhe ngumfundisi odumileyo woMthetho uGamaliyeli. (IZe. 22:3) UPawulos wayebonakala eza kuba nekamva eliqaqambileyo; kodwa walushiya olo nqulo lwakhe waza waba ngumKristu. Wandula ke wakhangela phambili kumvuzo wobomi obungunaphakade owawubekwe phambi kwakhe—lowo wokuba ngukumkani nombingeleli ongafiyo woBukumkani bukaThixo basezulwini. Obo Bukumkani buya kulawula umhlaba oyiparadesi.—Mat. 6:10; ISityhi. 7:4; 20:6.
2, 3. UPawulos wayewuxabisa kangakanani umvuzo wokuphila ezulwini?
2 Ebonisa indlela awayewuxabisa ngayo loo mvuzo, uPawulos wathi: “Izinto ebeziyinzuzo kum, ndazigqala ziyilahleko ngenxa kaKristu. Ngako oko, ndikwazigqala zonke izinto ziyilahleko ngenxa yexabiso eligqwesileyo lolwazi olungoKristu Yesu iNkosi yam. Ngenxa yakhe ndiye ndalahlekelwa zizinto zonke yaye ndizigqala njengenkunkuma eninzi.” (Fil. 3:7, 8) Izinto ezigqalwa zibalulekile ngabantu abaninzi—isikhundla, ubutyebi, umsebenzi, iwonga—uPawulos wazigqala njengenkunkuma emva kokuba efunde ngenjongo anayo uYehova ngabantu.
3 Ukususela ngoko, eyona nto yayibalulekile kuPawulos yaba lulwazi oluxabisekileyo ngoYehova noKristu, lwazi olo awathi ngalo uYesu xa wayethandaza kuThixo: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yoh. 17:3) Umnqweno onyanisekileyo kaPawulos wokufumana ubomi obungunaphakade ubonakala kumazwi akhe akweyabaseFilipi 3:14 athi: “Ndisukela umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo ngoKristu Yesu.” Ngokwenene amehlo akhe ayetsoliswe kumvuzo wobomi obungunaphakade ezulwini njengenxalenye yorhulumente woBukumkani bukaThixo.
Ukuphila Ngonaphakade Emhlabeni
4, 5. Nguwuphi umvuzo obekwe phambi kwezigidi zabantu ezenza ukuthanda kukaThixo namhlanje?
4 Uninzi lwabo bakhetha ukwenza ukuthanda kukaThixo, lufanele lusebenzele umvuzo okukuphila ngonaphakade kumhlaba omtsha olungiselelwe nguThixo. (INdu. 37:11, 29) UYesu waqinisekisa ukuba eli lithemba lokwenene. Wathi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mat. 5:5) UYesu ungowokuqala ukufumana umhlaba njengelifa, ngokutsho kweNdumiso 2:8, yaye uya kulawula nabali-144 000 ezulwini. (Dan. 7:13, 14, 22, 27) Abo banjengezimvu abaza kuphila emhlabeni baya ‘kuwudla ilifa’ phantsi koBukumkani ‘obalungiselelwa bona ukususela ekusekweni kwehlabathi.’ (Mat. 25:34, 46) Siyaqinisekiswa ukuba oku kuya kwenzeka kuba kuthenjiswe nguThixo “ongenakuxoka.” (Tito 1:2) Siqiniseke njengoYoshuwa ukuba izithembiso zikaThixo ziza kuzaliseka, kuba wathi kumaSirayeli: “Akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni. Onke abe yinyaniso kuni. Akusilelanga nalinye ilizwi kuwo.”—Yosh. 23:14.
5 Ihlabathi elitsha likaThixo alisayi kufana neli siphila kulo lizele ziinkathazo. Liya kwahluka gqitha kuba: alisayi kuba nazimfazwe, ulwaphulo-mthetho, ubuhlwempu, okungekho sikweni, ukugula nokufa. Ngelo xesha abantu baya kuba bengabikwa nowempumlo yaye baya kuhlala kumhlaba oguqulwe waba yiparadesi. Obo iya kuba bubomi obanelisayo ngendlela esingenakuyithelekelela. Eneneni, imini nganye iya kuba myoli ngendlela engathethekiyo. Lowo iya kuba ngumvuzo ongenakuthelekiswa nanto!
6, 7. (a) UYesu wakubonisa njani oko sinokukulindela kwihlabathi elitsha likaThixo? (b) Kuya kwenzeka njani ukuba nabafileyo banikwe ithuba lokuqala ngokutsha?
6 Xa uYesu wayesemhlabeni, uThixo wamnika amandla esebenzisa umoya oyingcwele ukuze abonise izinto ezimangalisayo eziya kwenzeka emhlabeni wonke kwihlabathi elitsha. Ngokomzekelo, uYesu waxelela indoda eyayigogeke kangangeminyaka engama-38 ukuba ihambe. IBhayibhile ithi le ndoda yahamba. (Funda uYohane 5:5-9.) Ngesinye isihlandlo, uYesu wadibana ‘nomntu owayeyimfama kwasekuzalweni’ waza wamphilisa. Kamva, le ndoda yayiyimfama yaphendula yathi xa yayibuzwa ngalowo wayinyangayo: “Kwakudala akuzange kuviwe ukuba nabani na wavula amehlo alowo uzelwe eyimfama. Ukuba lo mntu ebengaveli kuThixo, ebengenakwenza nto konke konke.” (Yoh. 9:1, 6, 7, 32, 33) UYesu wayenza yonke le nto ngenxa yokuba wayenikwe amandla nguThixo. Naphi na apho wayesiya khona, uYesu “wabaphilisa abo babengenampilo.”—Luka 9:11.
7 UYesu akazange aphelele nje ekuphiliseni abagulayo nabakhubazekileyo kodwa wavusa nabafileyo. Ngokomzekelo, kwakha kwasweleka intwazana eneminyaka eli-12 ubudala, nto leyo eyabashiya bexhelekile abazali bayo. Kodwa uYesu wathi kuyo: “Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka!” Yavuka ke ngokwenene! Unokuyithelekelela indlela abavakalelwa ngayo abazali kunye nabantu ababelapho. (Funda uMarko 5:38-42.) Kwihlabathi elitsha likaThixo, abantu baya ‘kuthabatheka ngokugqithiseleyo’ xa kuvuswa amawaka ezigidi, kuba “kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZe. 24:15; Yoh. 5:28, 29) Aba baya kunikwa ithuba lokuqala ngokutsha ebomini benethemba lokuphila ukususela ngelo xesha ukusa phambili, nangonaphakade.
8, 9. (a) Ebudeni boLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka, kuya kwenzeka ntoni kwisono esasizuza njengelifa kuAdam? (b) Baza kugwetywa ngokusekelwe entwenini abafileyo?
8 Abantu abavusiweyo baya kunikwa ithuba lokufumana ubomi. Aba bavusiweyo abasayi kohlwaywa ngenxa yezono abazenze ngaphambi kokuba bafe. (Roma 6:7) Kusetyenziswa iingenelo zedini lentlawulelo, kuya kuthi ebudeni boLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka, abalawulwa boBukumkani abathobelayo benziwe bafezeke, de ekugqibeleni bakhululeke ngokupheleleyo kuyo yonke imiphumo yesono sika-Adam. (Roma 8:21) UYehova “okunene uya kuginya ukufa ngonaphakade, yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke.” (Isa. 25:8) ILizwi likaThixo likwathi ‘kuza kuvulwa imisongo,’ nto leyo ethetha ukuba abo baya kuba bephila ngelo xesha baya kunikwa inkcazelo entsha. (ISityhi. 20:12) Njengoko umhlaba usenziwa iparadesi, “ngokuqinisekileyo abemi belizwe elinemveliso baya kufunda ubulungisa.”—Isa. 26:9.
9 Abantu abavusiweyo abasayi kugwetyelwa isono abasizuza njengelifa kuAdam, kodwa baza kugwetyelwa indlela abakhetha ukuphila ngayo. ISityhilelo 20:12 sithi: “Baza abafileyo bagwetywa ngokwezinto ezibhalwe kuloo misongo ngokwezenzo zabo,” yaye ezi zenzo zezo bazenza emva kokuba bevusiwe. Le nto ibonisa ukuba uYehova ubalasele ngokuba sesikweni, ukuba nenceba nothando! Ukongezelela koko, izinto ezibuhlungu ezibehlele kwixa elidluleyo kweli hlabathi lidala “aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.” (Isa. 65:17) Njengoko kuza kubakho inkcazelo entsha buze ubomi buzaliswe zizinto ezimyoli, abasayi kuphinda bakhathazwe zizinto ezibuhlungu zexa elidluleyo. Baya kuba belibele ngezo zinto. (ISityhi. 21:4) Kuya kuba njalo ‘nakwisihlwele esikhulu’ esiya kusinda kwiArmagedon.—ISityhi. 7:9, 10, 14.
10. (a) Buya kuba njani ubomi kwihlabathi elitsha likaThixo? (b) Yintoni eya kukunceda utsolise amehlo akho emvuzweni?
10 Kwihlabathi elitsha likaThixo, abantu abasayi kuphinda bagule okanye bafe. “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Isa. 33:24) Ekugqibeleni, abantu abaya kuphila kumhlaba omtsha baya kuvuka ntsasa nganye beyimiqabaqaba ngakumbi, bekhangele phambili kwenye imini emyoli. Baya kuba benomsebenzi owanelisayo, yaye baya kuhlala nabanye abantu ababakhathaleleyo. Ubomi obunjalo buya kuba bungumvuzo wokwenene! Sicebisa ukuba ukhe utyhile iBhayibhile yakho uze ufunde isiprofeto esikuIsaya 33:24 nesikwesama-35:5-7. Zama ukuzibona ulapho. Oko kuya kukunceda utsolise amehlo akho emvuzweni.
Abo Bawulibalayo Umvuzo
11. Chaza isiqalo esihle solawulo lukaSolomon.
11 Emva kokuba sifundile ngomvuzo, kufuneka sizame ngamandla ukutsolisa amehlo ethu kuwo kuba ukuba asenzi ngolo hlobo singalibala ngawo. Ngokomzekelo, xa waba ngukumkani wakwaSirayeli wamandulo, uSolomon wathandaza ngokuthobeka kuThixo ecela ukuqonda ukuze akwazi ukubagweba kakuhle abantu bakhe. (Funda eyoku-1 yooKumkani 3:6-12.) Ngenxa yoko iBhayibhile ithi, “uThixo waqhubeka emnika uSolomon ubulumko nokuqonda ngomlinganiselo omkhulu kakhulu.” Eneneni, “ubulumko bukaSolomon babubuninzi ngakumbi kunobulumko bonke baseMpumalanga nakunabo bonke ubulumko baseYiputa.”—1 Kum. 4:29-32.
12. UYehova wabalumkisa ngelithini abo babeza kuba ngookumkani bakaSirayeli?
12 Noko ke, ngaphambilana uYehova wayelumkise ngelokuba nabani na oba ngukumkani akamele ‘azandisele amahashe,’ engamele kananjalo ‘azandisele abafazi, ukuze ingaphambuki intliziyo yakhe.’ (Dut. 17:14-17) Ukuzandisela amahashe kwakuya kubonisa ukuba ukumkani uthembele ngomkhosi kunokuba athembele kuMkhuseli onguYehova. Ukuzandisela abafazi kwakuza kuba yingozi kuba kusenokwenzeka ukuba abanye kwabo bafazi babengabezizwe ezingabahedeni eziselumelwaneni ezaziqhelisela unqulo lobuxoki, yaye babenokumwexula ukumkani kunqulo lokwenyaniso lukaYehova.
13. USolomon wakulibala njani oko wayekunikiwe?
13 USolomon akazange aziphulaphule ezo zilumkiso. Kunoko, wenza kanye oko uYehova wathi ookumkani mabangakwenzi. Wazandisela amawakawaka amahashe nabakhweli bawo. (1 Kum. 4:26) Waba nabafazi abangama-700 namashweshwe angama-300, abaninzi kubo babevela kwiintlanga ezingabahedeni eziselumelwaneni. Aba bafazi “bayenza intliziyo yakhe yatyekela ekulandeleni abanye oothixo; kwaye intliziyo yakhe ayizange iphelele kuYehova.” USolomon wangena kunqulo lobuxoki olulizothe lweentlanga ezingabahedeni lwabafazi bakhe basemzini. Ngenxa yoko, uYehova wathi ‘uya kubukrazula ubukumkani’ kuSolomon.—1 Kum. 11:1-6, 11.
14. Ukungathobeli kukaSolomon kunye nohlanga lwakwaSirayeli kwaphumela entwenini?
14 USolomon walibala ngelungelo elixabisekileyo awayenalo lokumela uThixo oyinyaniso. Lo kumkani wangena zwabha kunqulo lobuxoki. Ekuhambeni kwexesha, uhlanga lonke lwawexuka, nto leyo eyaphumela ekutshatyalalisweni kwalo ngowama-607 B.C.E. Nakuba ekugqibeleni amaYuda aphinda abuyela kunqulo oluyinyaniso, kwiinkulungwane kamva kwanyanzeleka ukuba uYesu athi: “Ubukumkani bukaThixo buya kuthatyathwa kuni buze bunikwe uhlanga oluvelisa iziqhamo zabo.” Kwenzeka kanye oko. UYesu wathi: “Khangelani! Indlu yenu ishiyelwa kuni.” (Mat. 21:43; 23:37, 38) Ngenxa yokungathembeki, olu hlanga lwaphulukana nelungelo elingathethekiyo lokumela uThixo oyinyaniso. Ngowama-70 C.E., umkhosi wamaRoma watshabalalisa iYerusalem netempile eyayilapho, yaye uninzi lwamaYuda awasalayo lwaba ngamakhoboka.
15. Ngawaphi amadoda awazilibalayo ezona zinto zazibalulekile?
15 UYudas Skariyoti wayengomnye wabapostile bakaYesu abali-12. UYudas wayekho xa uYesu wayefundisa ngendlela esemagqabini waza wazibonela imimangaliso awayenzayo encedwa ngumoya kaThixo. Sekunjalo, uYudas akazange ayilondoloze intliziyo yakhe. Wayegcina imali kaYesu nabapostile abali-12. Kodwa “wayelisela yaye wayenebhokisi yemali ibe wayedla ngokuyithabatha imali eyayifakwa kuyo.” (Yoh. 12:6) Ukubawa kwakhe kwaphelela ekubeni enze iyelenqe nababingeleli abaziintloko abangabahanahanisi lokungcatsha uYesu ngamaqhosha esilivere angama-30. (Mat. 26:14-16) Omnye umntu ongazange atsolise amehlo akhe emvuzweni nguDemas, owayeliqabane likampostile uPawulos. UDemas akazange ayilondoloze intliziyo yakhe. UPawulos wathi: “Undishiyile . . . ngenxa yokuthanda inkqubo yezinto yangoku.”—2 Tim. 4:10; funda iMizekeliso 4:23.
Isifundo Kuye Ngamnye Wethu
16, 17. (a) Sijamelene nenkcaso enamandla kangakanani? (b) Yintoni enokusinceda sixhathise nayiphi na indlela uSathana asihlasela ngayo?
16 Bonke abakhonzi bakaThixo bafanele bacingisise ngemizekelo eseBhayibhileni, kuba sixelelwa oku: “Ke kaloku ezi zinto zabahlela njengemizekelo, yaye zabhalelwa ukulumkisa thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto.” (1 Kor. 10:11) Namhlanje, siphila kwimihla yokugqibela yale nkqubo yezinto ingendawo.—2 Tim. 3:1, 13.
17 USathana uMtyholi, “uthixo wale nkqubo yezinto,” uyazi ukuba “ixesha analo lifutshane.” (2 Kor. 4:4; ISityhi. 12:12) Uya kwenza konke anokukwenza ukuze abangele ukuba abakhonzi bakaYehova balahle ingqibelelo yabo njengamaKristu. USathana ulawula eli hlabathi, kuquka amaziko alo osasazo. Noko ke, abantu bakaYehova banesixhobo abathembele ngaso—“amandla angaphaya koko kuqhelekileyo.” (2 Kor. 4:7) Sinokuthemba ukuba la mandla kaThixo anokusinceda ukuba sixhathise nayiphi na indlela uSathana asihlasela ngayo. Kungenxa yoko, sibongozwa ukuba sizingise emthandazweni, sinethemba lokuba uYehova uya “kubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo.”—Luka 11:13.
18. Sisiphi isimo sengqondo esifanele sibe naso ngeli hlabathi?
18 Enye into esomelezayo kukwazi ukuba yonke inkqubo kaSathana iza kutshatyalaliswa kungekudala kuze kusinde amaKristu ayinyaniso. “Ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (1 Yoh. 2:17) Ngenxa yoku, bekuya kuba bubudenge kuye nawuphi na umkhonzi kaThixo ukucinga ukuba kukho into kule nkqubo yezinto exabiseke ngaphezu kolwalamano lwakhe noYehova! Eli hlabathi lilawulwa nguSathana liyafana nje nenqanawa ezikayo. Ibandla lamaKristu lifana nephenyane elisindis’ ubomi uYehova alilungiselele abakhonzi bakhe abathembekileyo. Njengoko besingise kwihlabathi elitsha, baqinisekile ngeli themba: “Abenzi bobubi baya kunqunyulwa, kodwa abathembela kuYehova baya kuwudla ilifa umhlaba.” (INdu. 37:9) Ngenxa yoko, tsolisa amehlo akho kulo mvuzo ungathethekiyo!
Ngaba Uyakhumbula?
• UPawulos wayevakalelwa njani ngomvuzo owawubekwe phambi kwakhe?
• Baya kugwetywa ngokusekelwe entwenini abo baza kuphila ngonaphakade emhlabeni?
• Yintoni ekuya kuba bubulumko ukuba uyenze ngoku?
[Umfanekiso okwiphepha 12, 13]
Ngaba umvuzo uthi thaa engqondweni yakho xa ufunda iingxelo zeBhayibhile?