Ukufunda Inyaniso Ngesihogo Kukuchaphazela Njani?
ABO bafundisa ukuba isihogo yindawo ekuthuthunjiswa kuyo abantu banyelisa uYehova uThixo neempawu zakhe. Kuyavunywa ukuba iBhayibhile ithi uThixo uza kubatshabalalisa abangendawo. (2 Tesalonika 1:6-9) Kodwa umsindo asilophawu abalasele ngalo uThixo.
UThixo akakhohlakalanga okanye akananqala. Ude abuze athi: “Ndiyayoliswa na kukufa kongendawo?” (Hezekile 18:23, King James Version) Ukuba uThixo akayoliswa kukufa kongendawo, inokwenzeka njani into yokuba abukele abangendawo bethuthunjiswa ngonaphakade?
Uphawu abalasele ngalo uThixo luthando. (1 Yohane 4:8) Ewe, “INKOSI ilungile kubo bonke; inemfesane kubo bonke.” (INdumiso 145:9, The Holy Bible—New International Version) Nathi, ufuna simthande ngokusuka entliziyweni.—Mateyu 22:35-38.
Yiyiphi Ekukhuthazayo—Kukoyika Isihogo okanye Kukuthanda UThixo?
Imfundiso yokuba umphefumlo uthuthunjiswa esihogweni ibangela ukuba uThixo oyikwe. Ngokwahlukileyo koko, umntu ofunda ngoThixo aze amthande uya kumoyika ngendlela efanelekileyo. INdumiso 111:10 ithi: “Ukoyika INKOSI kukuqala kobulumko; banengqiqo bonke abayoyikayo.” (The New American Bible) Ukoyika uThixo asikokumngcangcazelela, kunoko kukumhlonela ngokunzulu uMdali. Kusenza soyike ukungamkholisi.
Phawula indlela ukufunda inyaniso okwamtshintsha ngayo uKathleen oneminyaka engama-32 ubudala, nowayesebenzisa iziyobisi. Wayengumntu othanda iziyolo, ugonyamelo, engazithandi yaye eziphethe kakubi. Uthi: “Ndandisithi xa ndijonga intwazana yam enonyaka ubudala, ndithi, ‘Kodwa yintoni le ndiyenza yona. Ndiza kutsha esihogweni ngenxa yale nto.’” UKathleen wazama ukuyeka iziyobisi kodwa kwaba nzima. Uthi: “Ndandifuna ukwenza okulungileyo, kodwa kwakusenzeka izinto ezibuhlungu ebomini bam nasehlabathini. Kwakubonakala kungekho sizathu sokwenza izinto ezilungileyo.”
Emva koko uKathleen wadibana namaNgqina kaYehova. Uthi: “Ndafunda ukuba akukho nto isisihogo somlilo. Imfundiso yeZibhalo yayisengqiqweni. Ndakhululeka ndakuva ukuba andizi kutsha esihogweni.” Kwakhona wafunda ngesithembiso sikaThixo sokuba abantu banokuphila ngonaphakade kumhlaba ongenabo abantu abangendawo. (INdumiso 37:10, 11, 29; Luka 23:43) Uthi: “Ngoku ndinethemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiParadesi!”
Ngaba uKathleen wakwazi ukuyeka iziyobisi ngaphandle kokoyikiswa ngokuba uza kutsha esihogweni? Ubalisa athi: “Xa ndandinqanqatheka ndifuna iziyobisi, ndandithandaza kuYehova uThixo ndimcela ukuba andincede. Ndandicinga ngendlela ayijonga ngayo loo mikhuba ingcolisayo yaye ndandingafuni ukumenza buhlungu. Wayiphendula imithandazo yam.” (2 Korinte 7:1) Ukoyika ukungamkholisi uThixo kwamnceda uKathleen wahlukana neziyobisi.
Ewe, ukuthanda uThixo nokumoyika ngendlela efanelekileyo—singoyiki ukutshiswa esihogweni—kunokusikhuthaza ekubeni senze ukuthanda kukaThixo ukuze sonwabe ngonaphakade. Umdumisi wathi: “Usikelelekile wonke umntu owoyika uYehova, ohamba ngeendlela zakhe.”—INdumiso 128:1, American Standard Version.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 9]
NGOOBANI ABAZA KUKHULULWA ESIHOGWENI?
Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zibenza badideke abantu kuba ziguqulela amagama amabini esiGrike—uGeʹen·na noHaiʹdes—ngegama elinye elithi “isihogo.” EBhayibhileni igama elithi Geʹen·na lithetha intshabalalo, ekungekho lovuko kuyo. Ngokwahlukileyo koko, abo baseHaiʹdes, okanye eHadesi, banethemba lovuko.
Ngenxa yoko, emva kokufa nokuvuka kukaYesu, umpostile uPetros wabaqinisekisa abaphulaphuli bakhe esithi uYesu “akazange ashiywe esihogweni.” (IZenzo 2:27, 31, 32; INdumiso 16:10, King James Version) Kule ndinyana igama lesiGrike elithi Haiʹdes liguqulelwe ngokuthi ‘isihogo.’ UYesu akazange aye kwindawo etshisayo. IHadesi okanye ‘isihogo,’ yayilingcwaba. Kodwa asingoYesu kuphela owakhululwa nguThixo eHadesi.
Xa ithetha ngovuko iBhayibhile ithi: “Ukufa nesihogo zabakhulula abafileyo abakuzo.” (ISityhilelo 20:13, 14, KJ) Ukukhupha abantu “esihogweni” kuya kuthetha ukuba uThixo ubabuyisela ebomini bonke abo bafanele bavuswe. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Elinjani ukuba lihle ikamva—ukubona abafileyo esibathandayo bevuswa emangcwabeni! UYehova uThixo onothando olungapheliyo, uza kukwenza oku.