Sondela KuThixo
Sifanele Simdumise UMdali
NGABA wakha wazibuza ukuba iyintoni injongo yobomi? Abo bakholelwa ukuba ubomi babakho ngendaleko abade bayifumane impendulo. Akunjalo kwabo bamkela inyaniso yokuba uYehova uThixo nguMthombo wobomi. (INdumiso 36:9) Bayazi ukuba wasidala enenjongo. Loo njongo ichazwe kwiSityhilelo 4:11. Makhe sibone indlela loo mazwi awabhalwa ngumpostile uYohane asichaza ngayo isizathu sokuba sibe lapha.
UYohane ubhala le ngoma yasezulwini edumisa uThixo: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” NguYehova kuphela ofanele azukiswe ngaloo ndlela. Ngoba? Ngenxa yokuba “wadala zonke izinto.” Ngoko ke, yintoni ezifanele ziyenze izidalwa zakhe ezikrelekrele?
Kuthiwa uYehova ufanele ‘amkele’ uzuko nembeko namandla. Ngokungathandabuzekiyo ngoyena mntu uzukileyo, ofanele adunyiswe, noyena Mntu unamandla kwindalo yonke. Sekunjalo, inkoliso yabantu ayivumi ukuba unguMdali wezinto zonke. Nakuba kunjalo, bakho abantu abazibona kakuhle ‘iimpawu zakhe ezingabonakaliyo’ kwizinto azidalileyo. (Roma 1:20) Benombulelo ongazenzisiyo, bayamzukisa uYehova baze bamdumise. Baxelela bonke abantu abevayo ngobungqina obuchukumisayo bokuba nguYehova owenze zonke izinto ezimangalisayo nokuba ufanele ahlonelwe.—INdumiso 19:1, 2; 139:14.
Ngoko ke, uYehova uwafumana njani amandla kubanquli bakhe? Kakade ke, asikho isidalwa esinokumnika amandla uMdali ongusomandla. (Isaya 40:25, 26) Ekubeni sidalwe ngomfanekiso kaThixo sinomlinganiselo othile weempawu zikaThixo, olunye lwazo ngamandla. (Genesis 1:27) Ukuba sikuxabisa ngokunyanisekileyo oko asenzele kona uMdali wethu, siya kusebenzisa loo mandla sinawo ukuze simzukise size simdumise. Kunokuba siwaqongqothele kwizinto ezithandwa sithi, sivakalelwa kukuba sifanele sikhonze uYehova uThixo ngamandla ethu onke.—Marko 12:30.
Ngoko ke, kutheni silapha? Inxalenye yokugqibela yeSityhilelo 4:11 iwuphendula ngolu hlobo lo mbuzo: “Nangenxa yokuthanda kwakho [zonke izinto ezidaliweyo] zabakho yaye zadalwa.” Asizange sizidale. Sikho ngenxa yokuthanda kukaThixo. Ngenxa yesi sizathu, xa siziphilela ubomi buba lilize buze bungabi nantsingiselo. Ukuze sibe noxolo, uvuyo nolwaneliseko, sifanele sifunde ukuthanda kukaThixo size sivisisanise ubomi bethu nako. Kuxa sisenjenjalo kuphela apho siya kuyazi injongo yokudalwa nobukho bethu.—INdumiso 40:8.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 31]
NASA, ESA, and A. Nota (STScI)