Ukunceda Intsapho Yethu Yamakholwa EBosnia
AMANGQINA KAYEHOVA akabi nanxaxheba kungquzulwano lwezobupolitika. (Yohane 17:16) Noko ke, elandela isiluleko sikaPawulos sokwenza okulungileyo “ngokukodwa ke kwabendlu yokholo,” ahlala ekulungele ukunikela uncedo kwamanye amaKristu kwimimandla edlakazwe yimfazwe. (Galati 6:10) Njengoko kwakusondela ubusika bowe-1993-94, amaNgqina aseOstriya nawaseCroatia abeka ubomi bawo esichengeni ukuze ancede intsapho yawo yamakholwa eBosnia. Anikela le ngxelo ilandelayo.
Ukususela ngoMatshi ukusa kuOktobha 1993, kwakungekho ndlela yakuthumela iimpahla zokunceda eBosnia. Noko ke, ekuqaleni kukaOktobha, abasemagunyeni bathi iimpahla zingathunyelwa. Oku kwakusaya kuba kukuzibeka engozini, njengokuba kwakusiliwa ngamandla kuyo yonke imimandla kafayayo eBosnia.
Sekunjalo, ngoLwesibini, ngo-Oktobha 26, 1993, iilori zethu zanduluka eVienna zithwele iitoni ezili-16 zokutya neenkuni zokubasa ukwenzela amaKristu esikhonza nawo aseBosnia. Safaka iibheji zethu zendibano yesithili ukuze saziwe.
Sathi sakufika kumda weCroatia neBosnia, saphelekwa ukuya kwiziko lomkhosi apho iilori zethu zahlolwa ngokucokisekileyo. Isicelo sethu sokuhamba kumhlaba waseSerbia asizange samkelwe. Sasiza kunikwa imvume yokusebenzisa kuphela indlela edlula kumbindi weBosnia—kanye kwindawo yomlo!
Ngaba Yayiyimigudu Elilize?
Njengokuba aba basemkhosini babesigadile besisa kwiindawo ekuhlolwa kuzo, seva ukudubula kweenkanunu noombayimbayi ababesitsho ngesandi esikhulu. Ebusuku, sasihamba emahlathini sigadwe ziinkanunu ezimbini nenqwelo-mafutha eyijeep. Iilori zethu zazithe chu zihamba kanye kummandla wedabi! Sadlula ngempumelelo de kwakusasa xa kwadutyulwa izithonga phezu kweentloko zethu saza sazimela ngaphaya kwenduli. Emva kwexeshana ukudubula kwanqumama, saza saqhubeka nohambo lwethu.
Xa safika enkampini, igosa eliphetheyo lasibuza ukuba singoobani yaye sifuna ntoni. Emva kokuba sichaze injongo yethu lathi: “Ngokuqinisekileyo awusokuze uphumelele umgudu wenu. Akukho ndlela yakuphuma nikhuselekile kule nkampu, aninakuhamba kwaneemitha ezimbalwa. Indlala iyagquba kweli lizwe kangangokuba abantu baya kunihlasela baze baphange iimpahla zenu.” Lasibongoza ukuba sijike size sijongise imibombo emva.
Ngaba imigudu yethu ‘yayingasokuze iphumelele’? Ngaba kwakulilize ukulindela ukuba sinokuhamba ukutyhubela imimandla edlakazwe yimfazwe nethwaxwa yindlala kuze sekunjalo iimpahla nobomi bethu bukhuseleke? Kwakumele kwenziwe isigqibo esinzulu. Sasisele sizivile izithonga zemipu nokudubula kweebhombu okwakusitsho iindlebe zivaleke. Njengoko sachitha ubusuku namajoni, sasibona ukuba ayelungele iimeko ezinzima zedabi. Ayenxibe iihempe zangaphantsi ekungangeni mbumbulu kuzo yaye ayexhobe af’ amacala. Kwanompheki wayegaxe umbayimbayi emqolo. Yaye thina sasinxibe iihempe, amaqhina, neebheji! Ngaba yayibubulumko ukuba siqhubeke nohambo?
Ukufika ETravnik
Kwakubonakala ukuba ekuphela kwethemba esasinalo, yayikukuthetha neqela lesithathu elalinenxaxheba kule mfazwe. Ngentsasa elandelayo sabuza elinye ibhinqa eliselula ngendawo esinokulifumana kuyo ikomkhulu leli qela, lathi: “Likufutshane. Nqumlani nje apha ehlathini, niya kufumana isakhiwo esasisakuba sisibhedlele.” Sasingxamele ukuhamba. Amajoni amangaliswa kukuba sibe nobuganga bokushiya inkampu singaxhobanga.
Esi sakhiwo sasisakuba sisibhedlele sasingamabhodlo, kodwa kwakukho igosa. Lavuma ukunikela uncedo, lasicebisa ukuba sithethe negosa eliphetheyo kuqala. Lasikhwelisa kwinqwelo-mafutha yalo etyobokileyo laza layiqhuba ngesantya esiphezulu ukuya kummandla kafayayo. Samisa kwisakhiwo apho igosa eliphetheyo lasamkelela kwigumbi elimnyama.
Lathi: “Phezolo besifuna ukunidubula, nifuna ntoni?”
“SingamaNgqina kaYehova, yaye sifuna ukunikela iimpahla zokunceda kubazalwana bethu.”
Labamb’ ongezantsi—yaye lachukumiseka—ekubeni kangangeeveki kwakungekho zilori zazithwele amalungiselelo okunceda ezazibeka engozini yokuya eBosnia. Emva kokuhlolwa ngokucokisekileyo, sanikwa isiqinisekiso esibhaliweyo. Kubusuku obudluleyo sasicinga ukuba sasingenakukwazi ukuqhubeka nohambo lwethu, yaye ngoku sasinokuhamba singagadwanga!
Sasihamba sityhubela amahlathi, sidlula kwiindawo ekuhlolwa kuzo, yaye maxa wambi sasihamba kufuphi nommandla kafayayo. Phezu kwayo nje ingozi, safika sikhuselekile eTravnik. Elinye ijoni elevayo ngokufika kwethu labaleka ukuya kwindlu ababehlanganisene kuyo abazalwana bethu. Lakhwaza lathi: “Abantu benu bafikile kunye neelori!” Unokuyithelekelela ke indlela abavuya ngayo. Sathabatha ukutya sakungenisa endlwini, sabetha koomofu, kodwa sasimele sidlulele phambili. Kwakurhatyela, yaye kwakufuneka sihambe kummandla oyingozi umgama oziikhilomitha ezingama-32.
Ukuya EZenica
Inqwelo-mafutha eyayisigadile yasikhokela ukutyhubela amahlathi ibaleka ngesantya esiphezulu. Bambi babesithi asinakufika eZenica, kodwa safika. Le dolophu yayibonakala igutyungelwe bubumnyama. Izibane zazingakhanyisanga yaye kungekho neenqwelo-mafutha endleleni. IZenica yayirhangqwe macala onke, nto leyo eyaphumela kwindlala enkulu nasekuphelelweni lithemba.
Njengoko sasihamba ngesitrato, sabona into emangalisayo—oodade ababini abangamaKristu benikela ubungqina! Safumanisa ukuba kusuku oludluleyo kwintlanganiso yabo, kwakugqitywe kwelokuba abazalwana babemele bahambe baye kukhangela ukutya ehlathini, njengokuba ukutya kwakukuncinane. Safika ngexesha elifanelekileyo! Sathula imithwalo kwenye yeelori ngentsimbi yesine kusasa, ngoxa kwakungekho namnye esitratweni.
Ngosuku olulandelayo saqhagamshelana nenjengele, eyayimangaliswe kakhulu kukuba siye sazokufika eZenica. Ngoku sabuza ngohambo lwethu olusinge kwindawo elandelayo, iSarajevo.
Le njengele yathi: “Akukho mntu uye wabeka ubomi bakhe engozini ngokuya apho ngelori kangangeenyanga.” Ekugqibeleni yasinika imvume yokuhamba ezintabeni. Yalumkisa yenjenje: “Kodwa ndiyanixelela, kunzima. Andiqinisekanga ukuba iilori zenu zomelele ngokwaneleyo ukuba zingaya kufika.”
Le njengele yayingazibaxi izinto. Xa sasimalunga neekhilomitha ezingama-40 kuphela ukuba sifike eSarajevo, kwafuneka siphambuke sihambe iikhilomitha ezili-140 ukutyhubela amahlathi! Asinakuze silulibale olu hambo lusuka eZenica ludlula eSarajevo ukuya eJablanica olwathabatha iintsuku ezintathu neengokuhlwa ezimbini, ngesantya esimalunga neekhilomitha ezintlanu kuphela ngeyure. Le “ndlela” yayingumzila owabakho ngenxa yokuba iinqwelo-mafutha ezixhobileyo zomkhosi zazisihla zinyuka zihamba kuwo. Sadlula ematyeni nakwimingxuma eyoyikekayo. Ngokufuthi kwakufuneka siqhube singazikhanyisanga izibane, yaye izihlandlo ezibini iilori zethu zaphantse zatyibilika kwiinduli ezimtyibilizi. Ilori yomkhosi eyayilandela iqela lethu yakhanyisa izibane okwexeshana nje yaye ngoko nangoko yadutyulwa. Maxa wambi sasimele silungise iibhulorho ezazitshatyalalisiwe size silungise namatayala.
Xa sathi safika kwimimandla emelene neSarajevo, sacela ukuthetha nenjengele ephetheyo. Ngoxa sasilindile, sabona ilori esitratweni ilayishe izidumbu ezilishumi nengxowa eneentloko; amajoni ayexubusha ngokunikezela ngezo zidumbu—ngenene lowo yayingumbono ongemhle, owasenza salangazelela imini yaxa imfazwe iya kuba ingasekho.—Isaya 2:4.
Ngeye–10:00 kusasa, omnye wethu wanikwa ithuba lokuthetha nenjengele neengqwayingqwayi zayo kwigumbi elimnyama, elalikhanyiswe ngekhandlela kuphela.
Le njengele yabuza: “Ningoobani?”
“SingamaNgqina kaYehova. Sifuna ukusa ukutya kwamanye amaNgqina eSarajevo.”
“Ngaba niyazi ukuba kukho amaNgqina kaYehova amaninzi eSarajevo?”
“Ewe, yiloo nto silapha.”
Yandula ke le njengele yakhankanya igama lelinye iNgqina. “Niyamazi?”
“Ewe, ngumhlobo wethu.”
Le njengele yathi: “Ukwangumhlobo wam. Sasifunda kunye esikolweni. Ukususela ekubeni waba liNgqina, ndimxabisa ngakumbi. Unenzele izinto ezininzi gqitha. Ncedani nisixelele okungakumbi ngamaNgqina kaYehova.”
Kwaqalisa ingxubusho eyathabatha iyure, ekwathi emva kwayo kwahanjiswa amaphephancwadi neencwadana ezinemifanekiso ezininzi kakhulu. Emva kwentlanganiso yesibini, le njengele yavuma ukwenza amalungiselelo akhethekileyo ukuze iimpahla zokunceda zisiwe kubazalwana baseSarajevo.
Lo yayingumsebenzi omkhulu. Abantu abamalunga nama-30, kuquka ababengengomaNgqina, barhuqa imithwalo enobunzima obumalunga nama-27 eekhilogram umnye. Basebenza nzima ukususela ngentsimbi yesi-8:00 ngokuhlwa ukuya kweyesi-5:00 ngonyezi ngeengokuhlwa ezimbini ezahlukeneyo—isimbuku seeyure ezili-18. Omnye umdala wanikela ingxelo yokuba abamelwane bakhe bamangaliswa gqitha yimigudu yokunceda kangangokuba baguqa ngamadolo kunye nabazalwana baza bambulela uYehova! Kakade ke, nabo bakufumana ukutya.
Khawuthelekelele indlela abavuya ngayo abazalwana bethu xa bafumana iikhilogram ezili-11 000 zempahla yokunceda! Imeko yayimaxongo. Ekuhlaleni, ikhilogram enye yomgubo yayixabisa phakathi kweeDM450 neeDM1 000 (R1 090 neR2 400). Ingxowa yeenkuni yayixabisa malunga neeDM400 (R945), yaye iilitha ezimbini zediesel zazixabisa iiDM30 (R70).
Kwakubonakala ngathi sasivuzwa ngenxa yazo zonke iingozi esajamelana nazo endleleni. Savuya sakucinga ngovuyo lwabazalwana bethu xa bafumana ezi mpahla zoncedo. Yayingamava abangasokuze bona—kunye nathi—bawalibale. Kodwa ngoku sasimele siqalise ukucinga ngocelomngeni lokubuyela ekhaya.
Ukubuyela Ekhaya
Sabuza injengele: “Sifanele sihambe ngayiphi indlela ukubuyela emva?”
Yaphendula yathi: “Kwangalaa ndlela benize ngayo.”
Sasidinwe kakhulu, kungekho mafutha aneleyo, yaye kungekho matayala aseleyo. Kwaqalisa ukuna, yaye sasingenakuhamba eludakeni. Sabuza kule njengele enoba sasinokuhamba ngendlela esinge emazantsi kusini na.
Yathi: “Kuliwa ngamandla apho. Kwanempuku le ayinakugqitha ngokunqabisekileyo.” Phofu ke, emva kwexeshana, yaphinda yathi: “Khanizame. Ngapha koko, nikwazile ukuza apha.”
Kwafuneka sishiye enye ilori ngasemva size sithe amafutha ayo kwezinye iilori ezintathu. Sanduluka ezinzulwini zobusuku saza kwakhona sahamba emahlathini.
Uhambo lwethu lokuphindela emva lwaluneengxaki. Sadibana nelori yamajoni ilele ngecala, ngokuyinxenye ivale ibhulorho esasifuna ukunqumla kuyo. Sabona ukuba ukuba sasinokukhupha ivili elinye layo, kwakunokubakho indawo eyaneleyo yokugqitha.
Sabongoza elinye ijoni elalixhobile. “Ngaba singalikhupha eli vili size silifake kwakhona emva kokuba sigqithile apha ebhulorhweni?”
Eli joni laphendula, lijolisa ngesixhobo salo: “Ukuba nikhe nalichukumisa elo vili, ndiya kunidubula.”
Sacinga ukuba kungakuhle senze ikofu size sinike eli joni ikomityi. Kangangeeyure ezithile, salibalisela ngeendibano zezizwe ngezizwe zowe-1991, njengenye eyayiseZagreb. Emva koko, lathamba, laza lasivumela salikhupha ivili.
EJablanica, omnye wethu wathetha nomphathi ngendlela esasifuna ukuhamba ngayo. Akazange akukholelwe oko wayekuva. “Ngaba nifuna ukunqumla iNtlambo iNeretva?”
Wayenesizathu esifanelekileyo sokuxhalaba. Amageduka eNtlambo iNeretva ayenemikhosi eyahlukahlukeneyo. Isoloko idubulana. Phantse iikhilomitha ezili-16, indlela imtyibilizi. Le njengele yathi: “Imi ngolo hlobo kanye, yaye sekunjalo nifuna ukugqitha khona?”
Emva kokuwuhlolisisa ngenyameko lo mcimbi, le njengele yathi singahamba—kodwa sasinokuhamba kuphela ukuba sasinokugadwa ngabantu abagunyaziswe ngokusemthethweni. Noko ke, aba bantu bagunyaziswe ngokusemthethweni babethandabuza ukuhamba nathi! Ekugqibeleni, sacela ukuba banxibelelane nelinye icala baze balazise ngohambo lwethu. Ngentsasa elandelayo sasiza kuhamba singagadwanga.
Iilori zethu saziphawula ngoonobumba abakhulu njengezithwele uncedo loluntu. Emva kokuthandaza, saya entlanjeni. Savumelana kwelokuba ukuba kuyadutyulwa, asiyi kusinyusa isantya sethu size sibangele ukukrokra.
Sawela ibhulorho saya kwelinye icala lomlambo saza saqhubeka sisiya kwintlambo elandelayo, sidlula kwizidumbu zezilwanyana nobutyobo beelori neenkanunu. Ngequbuliso sabona iziqhushumbisi esitratweni, nto leyo eyabangela sangakwazi ukudlula. Sakhalisa ixilongo lelori de amajoni amabini akrwaqula engaphaya kwamatye. Abuza: “Ningoobani? Nifuna ntoni?”
Emva kokuzazisa, sawacela ukuba asuse iziqhushumbisi esitratweni, yaye avuma. Ekugqibeleni, safika kwelinye icala.
Apho amajoni ayemangalisiwe kukusibona. Eza ethe chu ephuma kwiindawo awayezimele kuzo, esiza elorini imipu yawo ijoliswe ngqo kuthi. Saveza amaphepha ethu emvume ndawonye namacwecwe ethu eenombolo, esasiwakhuphile ngenxa yezizathu zokhuseleko ngoxa sasihamba kummandla wemfazwe.
Elinye ijoni lathi: “Akukho mntu ubenilindele. Nize njani apha?”
Ngokuchasene nesicelo sethu, akukho namnye kule ndawo owaziswayo ngokuza kwethu! Eli joni laqhubeka lathi: “Imipu yethu ibilungele ukudubula, yaye besesiza kuqalisa ukudubula.”
Sabuza isizathu sokuba bangadubuli.
Eli joni laphendula lathi: “Andazi. Ndicinga ukuba bekudalwe ngolo hlobo. Kodwa sithe sakukhangela ngezibonakude zethu, sabona umbhalo othi ‘uncedo loluntu,’ yaye asazanga ukuba senze ntoni ngani. Nisinde ngolo hlobo.” Kamva sathandaza ngokusuka entliziyweni simbulela uYehova ngenkuselo yakhe.
Nangona iimeko zabo zinzima, umoya wabazalwana noodade wethu baseBosnia uyakhuthaza. Babelana ngezinto eziphathekayo abanazo kunye namazwi amaninzi okholo. EZenica, kukho amaNgqina akhutheleyo angama-40, kuquka oovulindlela abakhethekileyo aba-2, oovulindlela abangabancedani abali-11, nabantu abasandul’ ukubhaptizwa abali-14. AmaNgqina angama-65 noovulindlela abangabancedani aba-4 abasahlala kwisixeko saseSarajevo baqhuba izifundo zeBhayibhile ezili-134. Nyanga nganye amaNgqina achitha umlinganiselo weeyure ezingama-20 ethetha nabanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.
Ngokwenyaniso, amaNgqina kaYehova abumba intsapho yamakholwa yehlabathi lonke. Akulungele ukubeka ubomi bawo esichengeni ukuze enze okulungileyo kwabendlu yokholo—kwanakwabo angabaziyo. Ngoba? Ngenxa yokuba ayabathanda. UYesu Kristu wathi: “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.” (Yohane 13:35) Ngokuqinisekileyo oku kube yinyaniso ngentsapho yethu yamakholwa eBosnia.
[Imaphu/Imifanekiso ekwiphepha 24]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Adriatic Sea
AUSTRIA
SLOVENIA
HUNGARY
CROATIA
BOSNIA
Travnik
Zenica
Sarajevo
SERBIA
[Imifanekiso]
Ukusa iimpahla zokunceda eBosnia naseHerzegovina
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Sihamba kancinane sigqitha kwilori ewileyo