‘Qhubekani Nindilandela’
“Nabizelwa kulo eli khondo, kuba noKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.”—1 PETROS 2:21.
1, 2. Kutheni umzekelo ogqibeleleyo kaYesu njengomfundisi ungaphakamanga kangako ukuba siwufikelele?
UYESU KRISTU wayenguMfundisi obalaseleyo owakha waphila emhlabeni. Ngaphezu koko, wayefezekile, akazange one ubudeni babo bonke ubomi bakhe njengomntu. (1 Petros 2:22) Noko ke, ngaba oko kuthetha ukuba umzekelo kaYesu njengomfundisi awunakufikelelwa sithi njengabantu abangafezekanga? Akunjalo konke konke.
2 Njengoko siye sabona kwinqaku elandulelayo, indlela uYesu awayefundisa ngayo yayibonakalisa uthando. Yaye uthando yinto sonke esinokuyihlakulela. Ngokufuthi iLizwi likaThixo lisikhuthaza ukuba sikhulise size siphucule uthando lwethu ngabanye. (Filipi 1:9; Kolose 3:14) UYehova akasoze afune ukuba izidalwa zakhe zenze into engaphezu kwamandla azo. Enyanisweni, ekubeni ‘uThixo eluthando’ yaye esenze ngokomfanekiso wakhe, kunokuthiwa usidale ukuze sibonakalise uthando. (1 Yohane 4:8; Genesis 1:27) Ngoko ke xa sifunda amazwi ompostile uPetros afumaneka kwisibhalo esingumxholo, sinokuqiniseka ukuba sinokukwazi ukwenjenjalo. Sinokuhamba emanyathelweni kaKristu. Eneneni sinokuwuthobela umyalelo kaYesu othi: ‘Qhubekani nindilandela.’ (Luka 9:23) Makhe siqwalasele indlela esinokuluxelisa ngayo uthando uKristu awalubonakalisayo, okokuqala ngenyaniso awayeyifundisa, emva koko ngabantu awayebafundisa.
Ukuhlakulela Uthando Ngeenyaniso Esizifundayo
3. Kutheni bambi bekufumanisa kunzima ukufundisisa, kodwa sisiphi isibongozo esifumaneka kwiMizekeliso 2:1-5?
3 Ukuze sizithande iinyaniso esizifundisa abanye, sifanele sikuthande ukufunda ezo nyaniso. Kwihlabathi lanamhlanje, uthando olunjalo akusoloko kulula ukuluhlakulela. Ukungabi namfundo ingako nemikhwa emibi esikhule nayo sisebancinane kubashiya abaninzi bengakuthandi kangako ukufundisisa. Noko ke, kubalulekile ukuba sifunde kuYehova. IMizekeliso 2:1-5 ithi: “Nyana wam, ukuba uya kuwamkela amazwi am uze uyigcine kuwe imiyalelo yam, khon’ ukuze unikele ingqalelo kubulumko ngendlebe yakho, ukuba uyithobele ukuqonda intliziyo yakho; ukuba uthe, ngaphezu koko, wabiza ukuqonda, nelizwi lakho walisa ekuqondeni, ukuba uyaqhubeka ubufuna njengesilivere, ubuphande njengobuncwane obufihliweyo, uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, ukufumane ukumazi uThixo.”
4. Kuthetha ukuthini ‘ukuthobela’ intliziyo, yaye sisiphi isimo sengqondo esiya kusinceda ukuba senjenjalo?
4 Phawula ukuba kwindinyana yokuqala ukusa kweyesine, sibongozwa ngokuphindaphindiweyo ukuba senze umgudu kungekuphela nje ‘ukwamkela’ ‘nokugcina’ kodwa kwakhona ‘ukuqhubeka sifuna’ size ‘siphande.’ Noko ke, yintoni eza kusikhuthaza ukuba senze konke oku? Kaloku, phawula ibinzana elithi “uyithobele ukuqonda iintliziyo yakho.” Enye incwadi ithi esi sibongozo “ayisosicelo nje sokunikela ingqalelo; sikhuthaza isimo esithile sengqondo: ukuzamkela ngenzondelelo iimfundiso.” Yaye yintoni enokusenza sifune yaye sibe nenzondelelo yokufunda oko uYehova asifundisa kona? Sisimo sethu sengqondo. Sifanele sikugqale “ukumazi uThixo” “njengesilivere” ‘nanjengobuncwane obufihliweyo.’
5, 6. (a) Yintoni enokwenzeka ekuhambeni kwexesha, yaye sinokukuthintela njani oko? (b) Kutheni sifanele siqhubeke sisongezelela kubuncwane bethu bolwazi esibufumene eBhayibhileni?
5 Akunzima ukuba nesimo sengqondo esinjalo. Ngokomzekelo, ‘ulwazi ngoThixo’ oye waluzuza lusenokuquka inyaniso yokuba injongo kaYehova ngabantu abathembekileyo kukuba baphile ngonaphakade kwiParadesi emhlabeni. (INdumiso 37:28, 29) Xa waqala ukufunda ngaloo nyaniso, ngokungathandabuzekiyo wayijonga njengobuncwane bokwenene, ulwazi olwakwenza wanethemba elinzulu waza wazaliswa luvuyo. Kuthekani ngoku? Njengoko ixesha lihamba, ngaba uxabiso ngobuncwane onabo luya luncipha? Ukuba kunjalo, zama ukwenza ezi zinto zimbini. Okokuqala, vuselela uxabiso onalo, oko kukuthi, zikhumbuze ngokuthe rhoqo ngesizathu sokuxabisa inyaniso nganye uYehova akufundise yona, nezo wazifunda kwiminyaka emininzi eyadlulayo.
6 Okwesibini, hlala usongezelela kubuncwane onabo. Ngapha koko, ukuba ubufumene ilitye lexabiso, ngaba ubuya kusuka nje ulifake epokothweni wakugqiba uhambe wanelisekile? Okanye ubuya kumba ukhangela amanye? ILizwi likaThixo lizaliswe ziinyaniso ezixabisekileyo ezinjengamatye exabiso nesilivere. Enoba zingaphi ozifumeneyo, unokufumana ezingakumbi. (Roma 11:33) Njengoko ufumana inyaniso ebifihlekile, zibuze: ‘Yintoni eyenza ukuba ibe bubuncwane? Ngaba indenza ndibuqonde ngokunzulu ubuntu bukaYehova okanye iinjongo zakhe? Ngaba indinika ulwalathiso olunokundinceda ukuba ndihambe emanyathelweni kaYesu?’ Ukucamngca ngaloo mibuzo kuya kukunceda wakhe uthando ngeenyaniso uYehova akufundise zona.
Ukubonakalisa Uthando Ngeenyaniso Esizifundisayo
7, 8. Ziziphi ezinye zeendlela esingababonisa ngazo abanye ukuba siyazithanda iinyaniso esizifunde eBhayibhileni? Nikela umzekelo.
7 Njengoko sifundisa abanye, sinokubonakalisa njani ukuba siyazithanda iinyaniso esizifunde kwiLizwi likaThixo? Xa silandela umzekelo kaYesu, sithembela ngokupheleleyo eBhayibhileni xa sishumayela naxa sifundisa. Kumaxesha akutshanje, abantu bakaThixo ehlabathini lonke baye bakhuthazwa ukuyisebenzisa kakhulu iBhayibhile kwinkonzo yabo yasesidlangalaleni. Njengoko usebenzisa eli cebiso, zama iindlela zokwazisa umninimzi ukuba wena uyakuxabisa oko umxelela kona okuvela eBhayibhileni.—Mateyu 13:52.
8 Ngokomzekelo, kungekudala emva kokuhlasela kwabagrogrisi kwisiXeko saseNew York kunyaka ophelileyo, omnye udade ongumKristu wayefunda INdumiso 46:1, 11 nabantu awayedibene nabo entsimini. Waqala ngokubabuza abo bantu indlela abaqhuba ngayo emva kwale ntlekele yenzekileyo. Waphulaphula ngenyameko kwimpendulo yabo, evumelana nabo waza wathi: “Ngaba ndinganifundela isibhalo esiye sandithuthuzela mna ebudeni bala maxesha anzima?” Bambalwa abangazange bavume, yaye oko kwaphumela kwiincoko ezimnandi. Xa ethetha nabantu abaselula, lo dade wayedla ngokuthi: “Bendifundisa iBhayibhile kangangeminyaka engama-50 ngoku, kodwa ndikuxelele into? Akukho nenye ingxaki endikhe ndadibana nayo engakwaziyo ukuyicombulula le ncwadi.” Ngokuthetha nabantu ngokunyaniseka nangehlombe, sibabonisa ukuba siyakuxabisa yaye siyakuthanda oko sikufunde kwiLizwi likaThixo.—INdumiso 119:97, 105.
9, 10. Kutheni kubalulekile ukusebenzisa iBhayibhile xa siphendula imibuzo ephathelele iinkolelo zethu?
9 Xa abantu besibuza imibuzo ngeenkolelo zethu, sinethuba elihle lokubabonisa kuba siyalithanda iLizwi likaThixo. Silandela umzekelo kaYesu, iimpendulo zethu asizisekeli kwiingcamango zethu. (IMizekeliso 3:5, 6) Kunoko, sisebenzisa iBhayibhile xa siphendula. Ngaba uyoyika ukubuzwa umbuzo ongenako ukuwuphendula? Cinga ngeendlela ezimbini onokukusingatha ngayo oku.
10 Lungiselela kangangoko unako. Umpostile uPetros wabhala: “Ngcwalisani uKristu njengeNkosi ezintliziyweni zenu, nisoloko nikulungele ukuzithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna kuni isizathu sethemba elikuni, kodwa nisenjenjalo ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.” (1 Petros 3:15) Ngaba ukulungele ukuthethelela iinkolelo zakho? Ngokomzekelo, ukuba umntu ufuna ukwazi isizathu sokuba ungenanxaxheba kwisiko okanye kwizinto ezithile ezenziwayo ezingahambisaniyo nezibhalo, musa ukusuka nje uthi, “Akuvumelani nonqulo lwam.” Impendulo enjalo isenokubonisa ukuba uvumela abanye bakwenzele izigqibo yaye oko kukwenza ube lilungu lehlelo elithile. Kusenokuba kuhle ukuthi, “ILizwi likaThixo, iBhayibhile, liyakwalela oko” okanye uthi, “Oko akuyi kumkholisa uThixo.” Wandule ke unikele inkcazelo esengqiqweni ngesizathu soko.—Roma 12:1.
11. Sisiphi isixhobo sokuphanda esinokusinceda ukuba sikulungele ukuphendula imibuzo ngeenyaniso zeLizwi likaThixo?
11 Ukuba akuqinisekanga ngendlela yokuphendula, kutheni ungachithi ixesha elithile ufundisisa incwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo ukuba iyafumaneka ngolwimi lwakho?a Khetha imibandela embalwa ocinga ukuba isenokubuzwa, uze ugcine iingongoma ezithile zeZibhalo onokuphinda uzikhumbule ngentloko. Incwadi yakho ethi Ukuqiqa neBhayibhile zifanele zihlale zikufuphi. Musa ukuba madolw’ anzima ukuzisebenzisa zombini, usithi unesixhobo sokuphanda othanda ukusisebenzisa ukuze ufumane impendulo eseBhayibhileni kwimibuzo yakhe.
12. Sisenokuphendula njani ukuba asiyazi impendulo kumbuzo othile weBhayibhile?
12 Zama ukungazixhalabisi ngokungeyomfuneko. Akakho umntu ongafezekanga onokuphendula yonke imibuzo. Ngoko xa ubuzwa umbuzo weBhayibhile ongakwaziyo ukuwuphendula, usenokuphendula ngokuthi: “Enkosi ngokubuza umbuzo obangela umdla ngolo hlobo. Enyanisweni, andiyazi impendulo, kodwa ndiqinisekile ukuba iBhayibhile iyathetha ngalo mbandela. Ndiyakuthanda ukuphanda ngeBhayibhile, ngoko ndiza kuyikhangela impendulo yombuzo wakho ndize ndibuye ukuze ndiwuphendule.” Ukuthetha ngokuphandle ngolo hlobo, kusenokuvula amathuba eencoko ezingakumbi.—IMizekeliso 11:2.
Uthando Ngabantu Esibafundisayo
13. Kutheni sifanele sibe nesimo sengqondo esihle ngokuphathelele abo sishumayela kubo?
13 UYesu wabonakalisa uthando ngabantu awayebafundisa. Sinokumxelisa njani kule nkalo? Ngamana singangaze sibe nesimo sengqondo sokungakhathali ngabantu. Liyinyaniso elokuba, “imfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla” iyasondela, yaye abaninzi abaphakathi kwamawaka ezigidi zabantu baza kutshatyalaliswa. (ISityhilelo 16:14; Yeremiya 25:33) Sekunjalo, asazi ukuba ngubani oya kusinda ingubani oya kufa. Abantu baya kugwetywa ngelo xesha, yaye uYehova unyule uYesu Kristu ukuba enze oko. De kube kugwetyiwe, umntu ngamnye simgqala njengonokuba ngumkhonzi kaYehova.—Mateyu 19:24-26; 25:31-33; IZenzo 17:31.
14. (a) Sinokuzihlola njani enoba sinovelwano ngabantu? (b) Sisenokulubonakalisa ngaziphi iindlela uvelwano nomdla ngabantu?
14 Ngoko ke, njengoYesu, sifuna ukubonakalisa uvelwano ngabantu. Sisenokuzibuza: ‘Ngaba ndinovelwano ngabantu abaye bakhohliswa ngobuxoki obuchuliweyo nobuqhetseba babantu bonqulo, bezobupolitika nabezoshishino beli hlabathi? Ukuba abasikhathalele isigidimi esibaphathela sona, ngaba ndizama ukuqonda isizathu sokuba bavakalelwe ngolo hlobo? Ngaba ndiyaqonda ukuba mna, okanye abanye abakhonza uYehova ngokuthembeka ngoku, nabo bakhe bavakalelwa ngendlela efanayo? Ngaba ndiye ndalungiselela indlela efanelekileyo yokuqalisa incoko? Okanye ndiye ndithi aba bantu abasoze baguquke?’ (ISityhilelo 12:9) Xa abantu bebona ukuba sinovelwano olunyanisekileyo ngabo, kusenokwenzeka ukuba baya kusamkela isigidimi sethu. (1 Petros 3:8) Uvelwano lusenokusenza sibe nomdla ongakumbi kubantu esidibana nabo entsimini. Sisenokuyibhala phantsi imibuzo yabo nezinto ezibaxhalabisayo. Xa sibuyela, sisenokubonisa ukuba besicinga ngezinto abazithethayo ngoxa sasibatyelele. Yaye ukuba banezinto ezibaxhalabisayo ngelo xesha sisenokukwazi ukubanceda.
15. Kutheni sifanele sikhangele iimpawu ezintle ebantwini, yaye sinokukwenza njani oko?
15 NjengoYesu, sikhangela iimpawu ezintle ebantwini. Mhlawumbi umzali ongenaqabane lomtshato usenokuba wenza umzamo oncomekayo wokukhulisa abantwana bakhe. Indoda ethile iwa ivuka izama ukondla intsapho yayo. Umntu othile osele ekhulile ubonisa umdla kwizinto zokomoya. Ngaba siyaziphawula izinto ezinjalo ebantwini esidibana nabo size sibancome ngokufanelekileyo? Ngokwenjenjalo, sikhangela into esivumelana ngayo yaye sisenokuvula ithuba lokunikela ubungqina ngoBukumkani.—IZenzo 26:2, 3.
Sifanele Sithobeke Xa Sibonakalisa Uthando
16. Kutheni kubalulekile ukuhlala sinobulali nentlonelo kwabo sishumayela kubo?
16 Uthando ngabantu esibafundisayo luya kusenza sithobele isilumkiso seBhayibhile sobulumko esithi: “Ulwazi luyakhukhumalisa, kodwa uthando luyakha.” (1 Korinte 8:1) UYesu wayenolwazi olubalaseleyo, sekunjalo wayengazikhukhumalisi. Ngoko ke njengoko uthetha nabanye ngeenkolelo zakho, kuphephe ukuxambulisana nabantu okanye uvakale ngokungathi ulumke gqitha kunabo. Injongo yethu kukufikelela iintliziyo nokutsalela abantu kwiinyaniso esizithandayo. (Kolose 4:6) Khumbula ukuba, xa uPetros waluleka amaKristu ngokuhlala ekulungele ukuzithethelela, kwakhona wasikhumbuza esithi sifanele sikwenze oko “ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.” (1 Petros 3:15) Ukuba sinomoya wobulali yaye sinentlonelo, sinamathuba angakumbi okutsalela abantu kuThixo esimkhonzayo.
17, 18. (a) Sifanele sisabele njani xa abantu besigxeka ngokufaneleka kwethu njengabalungiseli? (b) Kutheni kungabalulekanga ukuba abafundi beBhayibhile bazi iilwimi zamandulo ezazisetyenziswa ekubhaleni iBhayibhile?
17 Akukho mfuneko yakuqhayisela abantu ngolwazi okanye ngemfundo esinayo. Ukuba abanye kwintsimi yethu abafuni kuphulaphula nabani na ongenayo imfundo enomsila okanye iwonga elithile, musa ukuvumela isimo sengqondo esinjalo sikutyhafise. UYesu akazange azikhathaze xa kwakusithiwa akakhange afunde kwizikolo zoorabhi eziphezulu zomhla wakhe; yaye akazange oyiswe ngumoya wekhethe aze azame ukuqhayisela abantu ngemfundo ephakamileyo awayenayo.—Yohane 7:15.
18 Ukuthobeka nothando ziimpawu ezibaluleke gqitha kumaKristu kunayo nayiphi na imfundo yehlabathi. UMfundisi Omkhulu, uYehova, nguye osenza sifanelekele inkonzo yakhe. (2 Korinte 3:5, 6) Yaye kungakhathaliseki oko kuthethwa ngabefundisi abathile beNgqobhoko, akuyomfuneko ukufunda iilwimi zamandulo ezasetyenziswa ekubhaleni iBhayibhile ukuze sibe ngabafundisi beLizwi likaThixo. UYehova waphefumlela ukuba iBhayibhile ibhalwe ngamazwi nangamabinzana acacileyo nangaguquguqukiyo, anokwenza wonke umntu aziqonde iinyaniso ezixabisekileyo. Ezo nyaniso aziguquguquki enoba ziguqulelwe kwiilwimi ngeelwimi. Ngoko ukwazi iilwimi zamandulo, ngoxa ngamanye amaxesha kuluncedo, akubalulekanga. Ngaphezu koko, ukuzikhukhumalisa ngenxa yokwazi iilwimi kunokubangela ubani alahlekelwe luphawu oluyimfuneko kubuKristu bokwenyaniso—ukufundiseka.—1 Timoti 6:4.
19. Ubulungiseleli bethu bobuKristu buluncedo ngayiphi indlela?
19 Alithandabuzeki elokuba ubulungiseleli bethu bobuKristu ngumsebenzi ofuna isimo sengqondo sokuthobeka. Maxa wambi sisenokuchaswa, singakhathalelwa yaye sitshutshiswe. (Yohane 15:20) Ukanti, ngokunikela inkonzo yethu ngokuthembeka, sinikela uncedo olubalulekileyo. Ukuba ngokuthobeka siqhubeka sinceda abanye kulo msebenzi, sixelisa uthando uYesu Kristu awalubonakalisayo ebantwini. Khawucinge ngoku: Ukuba bekuza kufuneka sishumayele kubantu abaliwaka abangakhathaliyo okanye abasichasayo ukuze sifikelele umntu omnye onjengemvu, ngaba oko bekungayi kuwufanela loo mgudu? Ngokuqinisekileyo kunjalo! Ngoko ke ngokuzingisa kulo msebenzi, singanikezeli, ngokuthembeka sinceda abanjengezimvu ekusafuneka sibafumane. Alithandabuzeki elokuba uYehova noYesu baya kuqiniseka ukuba abantu abangakumbi abaxabisekileyo baya kufumaneka baze bancedwe ngaphambi kokuba kufike isiphelo.—Hagayi 2:7.
20. Ziziphi ezinye iindlela esinokufundisa ngazo ngomzekelo?
20 Ukufundisa ngomzekelo yenye indlela esibonakalisa ngayo ukuba sinceda abantu ngomoya ovumayo. Ngokomzekelo, sifuna ukufundisa abantu ukuba ukukhonza uYehova, ‘uThixo onoyolo,’ yeyona nto ivuyisayo ebomini. (1 Timoti 1:11) Njengoko bebona indlela esiziphatha ngayo nesisebenzisana ngayo nabamelwane, abo sifunda nabo esikolweni, nesisebenza nabo, ngaba bayabona ukuba sonwabile yaye sanelisekile? Ngokufanayo, sifundisa abo bafundisisa iBhayibhile ukuba ibandla lamaKristu yindawo esinokufumana kuyo uthando, kwihlabathi elikhohlakeleyo neliyingozi. Ngaba abo sifundisisa nabo bayabona ukuba sibathanda bonke abantu ebandleni yaye sizabalazela ukugcina uxolo phakathi kwethu?—1 Petros 4:8.
21, 22. (a) Ukuzihlolisisa ngokuphathelele ubulungiseleli bethu kunokusivulela waphi amathuba? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kumanqaku akwinkupho elandelayo yeMboniselo?
21 Ukuba nomoya ovumayo kubulungiseleli bethu, maxa wambi kuya kusenza sikwazi ukuhlola iintshukumisa zethu. Ukwenjenjalo ngokunyaniseka, kunokwenza abanye bafumanise ukuba banokuyandisa inkonzo yabo ngokuqalisa ubuvulindlela obuthe ngxi okanye bafudukele kwindawo enentswelo enkulu. Abanye baye bakhetha ukufunda olunye ulwimi ukuze bashumayele kwintsimi eyandayo yabantu basemzini kanye kwilizwe labo. Ukuba kukho amathuba anjalo, cinga ngawo nzulu nangomthandazo. Ukuxakeka enkonzweni kuzisa uvuyo olukhulu, ulwaneliseko noxolo lwengqondo.—INtshumayeli 5:12.
22 Masiqhubeke sixelisa uYesu Kristu kangangoko sinako ngokukhulisa uthando lwethu ngeenyaniso esizifundisayo nangabantu esibafundisayo. Ukukhulisa nokubonakalisa uthando kwezi nkalo zimbini kuya kusinceda ukuba sizibekele isiseko esihle sokuba ngabafundisi abanjengoKristu. Noko ke, sinokusakha njani eso siseko? Kwinkupho elandelayo yeMboniselo, kuya kubakho ungcelele lwamanqaku oluya kuthetha ngeendlela ezithile zokufundisa uYesu awazisebenzisayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Unokuphendula Uthini?
• Sisiphi isiqinisekiso esinaso sokuba umzekelo kaYesu njengomfundisi awuphakamanga kangako ukuba siwufikelele?
• Sinokubonakalisa njani ukuba siyazithanda iinyaniso esizifundileyo eBhayibhileni?
• Kutheni kubalulekile ukuhlala sithobekile njengoko sikhula elwazini?
• Ziziphi ezinye iindlela esinokubonakalisa ngazo uthando kubantu esifuna ukubafundisa?
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Lungiselela kangangoko unako
[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]
Ukuba uyaluxabisa ‘ulwazi lukaThixo,’ usenokusebenzisa iBhayibhile ngokuphumelelayo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Sibonakalisa uthando esinalo ngabantu ngokuthetha nabo ngeendaba ezilungileyo