Ibali Lobomi
Ukuncama Izinto Ezincinane Kwasizisela Iintsikelelo Ezinkulu
KUBALISA UGEORGE NOANN ALJIAN
Mna nomfazi wam asizange sicinge ukuba ngenye imini siya kuze siphazame sithi “umfundisi” “yimpuku.” Singazange siyicinge nento yokuba kwiminyaka yethu yama-60 ubudala siya kube sifunda amagama abhalwe ngendlela engaqhelekanga sizama ukuthetha nabantu abakwiMpuma Ekude. Sekunjalo, oku koko sakwenzayo mna noAnn ekupheleni kweminyaka yee-1980. Makhe sikuxelele indlela ukuncama izinto ezincinane kwiminyaka edluleyo ekuye kwakhokelela ngayo kwiintsikelelo ezininzi.
NDIZALWA kwintsapho engama-Armenia engamalungu eCawa yama-Armenia. UAnn wayengumRoma Katolika. Sobabini kwafuneka sincame iinkolelo zethu zonqulo xa satshata ngowe-1950. Ndandineminyaka engama-27 ubudala, yaye uAnn wayeneminyaka engama-24. Sahlala kwisakhiwo esingaphezu kwevenkile yam yokuhlamba impahla kwisiXeko saseJersey, eNew Jersey, eUnited States. Ngelo xesha ndandisele ndineminyaka enokuba mine ndineli shishini.
Ngowe-1955 sathenga indlu entle enamagumbi okulala amathathu eMiddletown, eNew Jersey. Loo ndlu yayimalunga neekhilomitha ezingama-60 ukusuka kwishishini lam, apho ndandisebenza khona iintsuku ezintandathu ngeveki. Ndandisoloko ndifika ebusuku ekhaya. Ndadibana namaNgqina kaYehova kuphela xa ayedla ngokuza evenkileni aze andinike iincwadi zeBhayibhile. Ndazifunda ngomdla omkhulu ezi ncwadi. Nangona umsebenzi wam wawundixakekisa ngokupheleleyo, ndandiyihlonela ngokunzulu iBhayibhile.
Kungekudala ndafumanisa ukuba kwisikhululo sikanomathotholo seWatchtower, iWBBR, kwakudlala iintetho zeBhayibhile xa ndisiya naxa ndibuya evenkileni yam. Ndandiziphulaphula ngenyameko ezi ntetho, yaye umdla wam wakhula kangangokuba ndacela amaNgqina ukuba andityelele. NgoNovemba 1957, uGeorge Blanton weza ekhayeni lam waza waqalisa isifundo seBhayibhile nam.
Intsapho Yethu Imanyana Kunqulo Olunyulu
Wavakalelwa njani uAnn ngako konke oku? Mphulaphule njengoko ekubalisela.
“Ekuqaleni ndabonakalisa inkcaso ekrakra. Ndandiphazamisa gqitha ebudeni besifundo seBhayibhile sikaGeorge kangangokuba wagqiba kwelokuba afundele kwenye indawo, esenza oko kangangeenyanga ezisibhozo. Ebudeni belo xesha, uGeorge waqalisa ukuya kwiintlanganiso zangeCawa kwiHolo yoBukumkani. Ngoko ke ndaqonda ukuba wayezimisele kwisifundo sakhe seBhayibhile kuba olu yayikukuphela kosuku angasebenzi ngalo. Sekunjalo, wahlala engumyeni notata olungileyo—nangakumbi ngoku—yaye isimo sam sengqondo saqalisa ukuguquka. Enyanisweni, maxa wambi xa ndosula uthuli kwitafile encinane kungekho bani ojongileyo, ndandiye ndithabathe iphephancwadi uVukani! uGeorge awayesoloko elishiya apho, ndize ndilifunde. Ngamanye amaxesha, uGeorge wayendifundela amanqaku akuVukani! awayengenamfundiso zingqalileyo kodwa awayebalaselisa uMdali.
“Ngobunye ubusuku ngoxa uGeorge wayeye kuMzalwan’ uBlanton kwisifundo sakhe seBhayibhile, ndathabatha impapasho unyana wethu oneminyaka emibini ubudala, uGeorge, awayeyibeke kwitafile esecaleni kwebhedi yam. Yayithetha ngethemba labafileyo. Nangona ndandidiniwe, ndaqalisa ukuyifunda kuba ndandisandul’ ukufelwa ngumakhulu, yaye ndandibuhlungu gqitha. Ngokukhawuleza ndayibona ndaza ndayiqonda inyaniso yeBhayibhile yokuba abafileyo ababandezeleki kwindawo ethile yaye baza kubuyela ebomini kuvuko oluzayo. Ngokukhawuleza ndahlala nkqo ebhedini, ndaza ndayifunda ngomdla yaye ndakrwela iingongoma endandifuna ukuzibonisa uGeorge xa ebuyile kwisifundo sakhe seBhayibhile.
“Umyeni wam wamangaliswa xa endibona. Uhambe ndichasile, yaye ngoku ubuya ndichwayitile ngenxa yeenyaniso zeBhayibhile ezimangalisayo endizifundileyo! Sahlala kwada kwasekuzeni kokusa sithetha ngeBhayibhile. UGeorge wandicacisela injongo kaThixo ngomhlaba. Ndambuza kwangobo busuku ukuba angafundela na ekhaya ukuze nam ndibekho.
“UMzalwan’ uBlanton wakhuthaza ukuba abantwana nabo babekho kwisifundo sethu. Sasicinga ukuba basebancinane gqitha, ekubeni omnye wayeneminyaka emibini kuphela ubudala yaye omnye eneminyaka emine. Noko ke, uMzalwan’ uBlanton wasibonisa iDuteronomi 31:12, ethi: ‘Uze ubahlanganise abantu, amadoda nabafazi nabantwana . . . , ukuze baphulaphule nokuze bafunde.’ Saluxabisa olo lwalathiso saza salungiselela ukuba abantwana bagqabaze ebudeni besifundo seBhayibhile. Sasiye silungiselele kunye, kodwa sasingabaxeleli oko bafanele bakuthethe. Sivakalelwa kukuba oku kwabanceda abantwana bethu bayixabisa inyaniso. Siya kusoloko siluxabisa ukhokelo awasinika lona uMzalwan’ uBlanton ukunceda intsapho yethu ikhule ngokomoya.”
Ucelomngeni Olufuna Ukuzincama
Ekubeni ngoku sasifunda iBhayibhile kunye, sasinezinye iingxaki ekwafuneka sijamelane nazo. Ekubeni ivenkile yam yayikude, ndandisoloko ndibuya ngentsimbi yethoba ebusuku. Ngenxa yoku, ndandingakwazi ukuya kwiintlanganiso phakathi evekini, nangona ndandisiya ngeeCawa. Ngelo xesha, uAnn wayesiya kuzo zonke iintlanganiso yaye wayesenza inkqubela ngokukhawuleza. Nam ndandifuna ukuya kwiintlanganiso nokuqhuba isifundo sentsapho esakhayo. Ndaqonda ukuba kufuneka kubekho izinto endizincamayo. Ngoko ke ndagqiba kwelokuba ndinciphise iiyure zam zomsebenzi, nangona ndandisenokuphulukana nabathile ababendixhasa kwishishini lam.
Oku kwaba nemiphumo emihle. Isifundo sentsapho sasigqala sibaluleke njengezinye iintlanganiso ezintlanu eziba kwiHolo yoBukumkani. Sasisibiza ngokuba yintlanganiso yethu yesithandathu. Ngoko sabeka usuku nexesha elingqalileyo—ngoLwesithathu veki nganye ngentsimbi yesi–8:00 ebusuku. Maxa wambi emva kwesidlo sangokuhlwa, njengoko sigqiba ukuhlamba izitya, omnye wethu wayesithi, “Sele kuza kuba lixesha ‘lentlanganiso’!” Ukuba ixesha lesifundo lalifika ndingekabuyi uAnn wayesiqalisa, yaye ndakuba nje ndifikile ndandiye ndiqhubeke naso.
Enye into eyasigcina somelele yaye simanyene njengentsapho yayikukufunda kunye itekisi yosuku ekuseni. Noko ke, kwakungelula ukukwenza oku. Sonke sasivuka ngexesha elahlukileyo. Sathetha ngoku saza sagqiba kwelokuba sivuke ngexesha elinye, sitye isidlo sasekuseni nge–6:30 ekuseni, size siqwalasele kunye itekisi yosuku. Oku kwasinceda gqitha. Bakuba oonyana bethu bekhulile, bakhetha ukungenela inkonzo yaseBheteli. Sasivakalelwa kukuba ezi ngxubusho zemihla ngemihla zaba negalelo ekukhuleni kwabo ngokomoya.
Amalungelo Asemva Kokubhaptizwa Afuna Ukuzincama Okungakumbi
Ndabhaptizwa ngowe-1962, yaye emva kokuba ndineshishini lam kangangeminyaka engama-21, ndalithengisa ukuze ndisondele ngakumbi kwintsapho yam size sikhonze uYehova kunye. Oku kwavulela amathuba eentsikelelo ezininzi. Sazibekela usukelo lokuba sonke siqalise inkonzo yexesha elizeleyo. Oko kwaqalisa ebutsheni beminyaka yee-1970 xa izibulo lethu, uEdward, waba ngumlungiseleli wexesha elizeleyo, okanye uvulindlela othe ngxi, emva nje kokuba egqibe ukufunda kwisikolo samabanga aphakamileyo. Kamva, unyana wethu uGeorge waqalisa ukuba nguvulindlela, kwaza kungekudala kwalandela uAnn. Bobathathu bandikhuthaza gqitha, kuba babendibalisela amava abo asentsimini. Njengentsapho, sathetha ngendlela esinokubenza lula ngayo ubomi bethu ukuze sonke sibe kwinkonzo yexesha elizeleyo. Sagqiba kwelokuba sithengise indlu. Sasihleli kangangeminyaka eli-18 kuloo ndlu yaye sasikhulise intsapho yethu kuyo. Sasiyithanda gqitha indlu yethu, kodwa uYehova wasisikelela isigqibo sethu sokuyithengisa.
Ngowe-1972 uEdward waya eBheteli, kwaza ngowe-1974 kwaya uGeorge. Nangona mna noAnn sasibakhumbula, asizange sicingisise ngendlela ebekuya kuba mnandi ngayo ukuba bebehlala kufutshane, batshate baze babe nabantwana. Kunoko, kwakusivuyisa ukukhonza koonyana bethu uYehova eBheteli.a Sivumelana neMizekeliso 23:15, ethi: “Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho, iya kuba nemihlali intliziyo yam, eyam kanye.”
Saqalisa Inkonzo Yobuvulindlela Obukhethekileyo
Ekubeni oonyana bethu bobabini babeseBheteli, saqhubeka nobuvulindlela. Kwandula ke ngenye imini ngowe-1975, safumana ileta eyayisimemela kumsebenzi wobuvulindlela obukhethekileyo kwintsimi engabelwanga bani eClinton County, eIllinois. Oko kwasimangalisa gqitha! Oku kwakuthetha ukuba kwakuza kufuneka siyishiye iNew Jersey, apho sasihlala kufuphi noonyana bethu eNew York nalapho sinabahlobo nezalamane khona. Noko ke, sasithabatha njengesabelo esivela kuYehova saza sazincama, nto leyo eye yakhokelela kwezinye iintsikelelo.
Emva kweenyanga eziliqela sisebenza kule ntsimi engabelwanga bani, saqalisa ukuqhuba iintlanganiso kwiholo yasekuhlaleni, eCarlyle, eIllinois. Kodwa sasifuna indawo esiza kuhlanganisana kuyo ngokusisigxina. Omnye umzalwana wasekuhlaleni nenkosikazi yakhe bafumana umhlaba owawunendlu encinane esayiqeshayo. Sayicoca yonke le ndlu—kuquka nendlu yangasese eyayingaphandle—saza sayenza indawo yokuhlanganisana encinane. Sisalikhumbula elinye ihashe elalisibukela. Lalidla ngokukroba ngefestile ukuze libone oko kwakusenzeka kwintlanganiso!
Ekuhambeni kwexesha, kwasekwa iBandla laseCarlyle, yaye kwasivuyisa ukuba negalelo koku. Sasincediswa sisibini esiselula esingoovulindlela, uSteve noKaril Thompson, nabo ababeze kusebenza kule ntsimi engabelwanga bani. AbakwaThompson bahlala apho kangangeminyaka eliqela yaye kamva baya kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi baza bafudukela kwisabelo sabo sobuvangeli basemazweni eMpuma Afrika, apho bakumsebenzi wokujikeleza.
Kungekudala indawo yethu encinane yokuhlanganisana yazala, yaye sasifuna iholo enkulu. Laa mzalwana wasekuhlaleni mnye nenkosikazi yakhe basihlangula kule ngxaki ngokuthenga umhlaba owawuyifanele ngakumbi iHolo yoBukumkani. Hayi indlela esavuya ngayo xa emva kweminyaka ethile, samenyelwa kunikezelo lweHolo yoBukumkani entsha eCarlyle! Ndafumana ilungelo lokunikela intetho yonikezelo. Isabelo sethu sasingamava amnandi kuthi, intsikelelo evela kuYehova.
Ukufumana Intsimi Entsha
Ngowe-1979 safumana isabelo esitsha, sokuya eHarrison, eNew Jersey. Sakhonza apho malunga neminyaka eli-12. Ebudeni belo xesha saqalisa isifundo seBhayibhile nebhinqa elingumTshayina, yaye oku kwakhokelela kwezinye izifundo ezininzi namaTshayina. Ebudeni belo thuba, safumanisa ukuba kwakukho abafundi neentsapho ezingamaTshayina ezininzi ezazihlala kwingingqi yethu. Ngenxa yoku, sakhuthazwa ukuba sifunde ulwimi lwesiTshayina. Nangona oku kwakuthetha ukuchitha ixesha suku ngalunye sifunda olu lwimi, kwasenza sanezifundo zeBhayibhile ezininzi ezivuyisayo namaTshayina akwingingqi yethu.
Ebudeni baloo minyaka, saba namava amaninzi ahlekisayo, ingakumbi kwimizamo yethu yokuthetha isiTshayina. Ngenye imini uAnn wathi “uyimpuku” yeBhayibhile kunokuba athi “ungumfundisi” weBhayibhile. La magama ayafana kakhulu. Umninikhaya wancuma waza wathi: “Nceda ungene. Andizange ndathetha nempuku yeBhayibhile ngaphambili.” Kusenzima nangoku kuthi ukuthetha olu lwimi.
Sandula ke sathunyelwa komnye ummandla waseNew Jersey apho sakwazi ukuqhubeka sisebenza kwintsimi yesiTshayina. Kamva samenyelwa ukuba sifudukele eBoston, eMassachusetts, apho kwakukho iqela lamaTshayina elikhulayo kangangeminyaka emithathu. Siye saba nelungelo lokuxhasa eli qela kule minyaka isixhenxe idluleyo yaye kuye kwasivuyisa ukulibona lisiba libandla ngoJanuwari 1, 2003.
Iintsikelelo Zobomi Bokuzincama
KuMalaki 3:10, sifunda ngoYehova emema abantu bakhe ukuba bazise iminikelo namadini abo ukuze athulule iintsikelelo zakhe kude kungasweleki nto. Sancama ishishini endandinomdla gqitha kulo. Sathengisa ikhaya lethu esasilithanda gqitha. Yaye sancama nezinye izinto. Sekunjalo, xa sithelekisa iintsikelelo esizifumeneyo, zincinane izinto esazincamayo.
Eneneni, hayi indlela uYehova aye wasithululela ngayo iintsikelelo ezinkulu! Siye safumana ulwaneliseko lokubona abantwana bethu besamkela inyaniso, safumana uvuyo lokuba kwinkonzo yexesha elizeleyo esindisa ubomi, yaye siye sabona ukuba uYehova uyazinyamekela iintswelo zethu. Eneneni, izinto ezincinane esiye sazincama ziye zasizisela iintsikelelo ezinkulu!
[Umbhalo osemazantsi]
a Nangoku basakhonza ngokuthembeka eBheteli—uEdward nenkosikazi yakhe, uConnie, basePatterson yaye uGeorge nenkosikazi yakhe, uGrace, baseBrooklyn.
[Umfanekiso okwiphepha 25]
ULouise noGeorge Blanton kunye noAnn, ngowe-1991
[Umfanekiso okwiphepha 26]
IHolo yoBukumkani eCarlyle, eyanikezelwa ngoJuni 4, 1983
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Sikunye nebandla elitsha ekuthiwa yiBoston Chinese Congregation
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Sikunye noEdward, uConnie, uGeorge noGrace