-
Iincwadi, Iincwadi, Iincwadi!IMboniselo—1997 | Agasti 1
-
-
Iincwadi, Iincwadi, Iincwadi!
UKumkani osisilumko wamandulo uSolomon wabhala: “Ukwenza iincwadi ezininzi akunakuphela.” (INtshumayeli 12:12) Ebudeni bowe-1995 kuye kwapapashwa phantse incwadi enye kubantu abangama-580 babemi baseBritani, nto leyo eyenze elo lizwe lankqenkqeza phambili ngokupapasha iincwadi ezintsha ehlabathini. ITshayina, elona lizwe linabemi abaninzi, yalandela ngeencwadi ezingama-92 972 ngoxa iBritani inezingama-95 015. Kwalandela iJamani (eneencwadi ezingama-67 206), kweza iUnited States (49 276), ilandelwa yiFransi (41 234). IThe Daily Telegraph eliphephandaba laseLondon ithi: “Ubukhulu becala ukunkqenkqeza phambili kweBritani ehlabathini lonke kubangelwa lulwimi lwesiNgesi.”
Iingxelo zibonisa ukuba ishishini lokuthengisa iincwadi belisihla kangangeminyaka eliqela, ibe ngoku bamalunga nama-80 ekhulwini abantu abadala baseBritani abathenga incwadi enye okanye ezingaphezulu ngonyaka. Kodwa ngaba abantu bazifunda zonke iincwadi abazithengayo?
Incwadi eqhubeka isasazwa ize ifundwe kakhulu yiBhayibhile, ngoku efumaneka iyinxalenye okanye iphelele ngeelwimi ezingaphezu kwama-2120. Ukuba akukabi nawo umbhalo wayo, bhalela iofisi yeWatch Tower Society ekufutshane nawe uze uzifumanele omnye. Ukuba unayo iBhayibhile, yikhuphe uze uhlole iimbekiselo zeZibhalo ezikula manqaku eli phephancwadi. Ngokwenjenjalo, uya kufumana ulwazi lweBhayibhile olunik’ ubomi.
-
-
Imibuzo Evela KubafundiIMboniselo—1997 | Agasti 1
-
-
Imibuzo Evela Kubafundi
Ekubeni amaNgqina kaYehova ezabalazela ukunyaniseka yaye ethembana, kutheni evakalelwa kukuba kubalulekile ukwenza isivumelwano esibhaliweyo xa kukho umbandela woshishino phakathi kwawo?
Ukwenjenjalo kwawo kungokweZibhalo, kuluncedo yaye kubonisa uthando. Njani? Kaloku, makhe sihlole iinkalo ezibandakanyekileyo kwisivumelwano seshishini.
IBhayibhile inikela ingxelo ebhaliweyo yendlela uThixo awayeqhubana ngayo nabantu awayenze nabo umnqophiso, amaSirayeli. Iquka iinkqubano zoshishino ezibandakanya abanquli bokwenyaniso. IGenesis isahluko 23 siqulethe enye esisenokucinga ngayo. Xa uSara awayemthanda wafayo, uAbraham wafuna indawo yokungcwaba. Waqalisa ukuthethana namaKanan awayehlala kufutshane neHebron. Iindinyana 7-9 zibonisa ukuba wawaxelela ngokucacileyo ixabiso awayezimisele ukulihlawula ngomhlaba awayewufuna. Indinyana 10 ingqina ukuba walichaza esidlangalaleni elo xabiso, nabanye besiva esangweni lesixeko. Indinyana 13 ibonisa ukuba umnini-mhlaba wayefuna ukumpha loo mhlaba uAbraham, kodwa waphendula ngelithi loo mhlaba wayeya kuwamkela kuphela ukuba wayemthengisela. Indinyana 17, 18, neyama-20 zichaza indlela okwaqhubeka ngayo oko, kubonakala “emehlweni oonyana bakaHeti, kubo bonke abangenayo ngesango lomzi wakhe.”
Noko ke, ngaba kwakuya kuqhutywa ngendlela eyahlukileyo ukuba bobabini aba babethengiselana babengabanquli bokwenyaniso? Isahluko 32 sikaYeremiya siyaphendula. Ukususela kwindinyana 6, sifumanisa ukuba uYeremiya wayeza kuthenga umhlaba kumza wakhe. Indinyana 9 ibonisa ukuba kwavunyelwana ngexabiso elifanelekileyo. Ngoku khawufunde indinyana 10-12: “[Mna Yeremiya] ndakubhala ke encwadini, ndayitywina, ndangqinisa amangqina, ndayilinganisela imali ngesikali. Ndayithabatha ke incwadi yentengo, leyo itywiniweyo inomthetho nemimiselo, naleyo ivulekileyo; ndayinikela incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, emehlweni kaHanameli okabawokazi, nasemehlweni amangqina lawo abhalileyo encwadini yentengo, nasemehlweni amaYuda onke abehleli entendelezweni yentolongo.”
Ewe, nangona uYeremiya wayeqhubana nomntu awayenqula naye, nowayesisalamane sakhe, walandela inkqubo esengqiqweni engokwasemthethweni. Kwabhalwa iingxelo ezimbini—enye yashiywa ivuliwe ukuze ifumaneke lula xa ifuneka, eyesibini yatywinwa ukuze inikele ubungqina obengezelelekileyo ukuba kwakunokubakho amathandabuzo ngokuchana kwaleyo ivuliweyo. Njengoko indinyana 13 isitsho, yonke le nto yenziwa “emehlweni abo.” Ngoko yayiyinkqubo yoshishino esemthethweni eyenziwe esidlangalaleni neyayinamangqina. Ngoko, kuyacaca ukuba kukulandela umzekelo ongokweZibhalo ukuba abanquli bokwenyaniso basingathe imicimbi ngendlela eqinisekisiweyo nebhaliweyo.
Kwakhona kuluncedo. Siyazi indlela ayinyaniso ngayo amazwi athi “bonke bephela bafikelwa lixesha nasisihlo.” (INtshumayeli 9:11) Oku kwenzeka nakumaKristu azinikeleyo nathembekileyo. UYakobi 4:13, 14 ukubeka ngolu hlobo oku: “Wenani, ngoku, nina bathi: ‘Namhlanje okanye ngomso siza kuhambela kwesi sixeko ibe siza kuchitha unyaka apho, yaye siza kushishina size senze ingeniso,’ kanti anikwazi oko ubomi benu buya kuba kuko ngomso.” Ngenxa yoko, sisenokuqalisa iphulo elithile, elinjengokuthenga, ukwenza umsebenzi okanye inkonzo ekuvunyelweneyo ngayo, okanye ukwenzela umntu into ethile. Kodwa liya kukuzisela ntoni ingomso—inyanga okanye unyaka ozayo? Kuthekani ukuba thina okanye loo mntu uhlelwa yingozi? Oko kusenokubonakala kungenakwenzeka ukuba sigcinwe eso sivumelwano. Kuthekani ukuba asikwazi kuwenza loo msebenzi okanye loo nkonzo, okanye yena ukufumanisa kungenakwenzeka ukuhlawula okanye ukuphumeza imbopheleleko yakhe ngokwesivumelwano? Ukuba akukho sivumelwano sibhaliweyo, kusenokuphakama iingxaki ezinkulu, ezinokuzinziswa okanye ebezinokuphetshwa kuphela ngokwenza isivumelwano esilula esibhaliweyo.
Ukongezelela, sifanele singalibali ukuba nokungaqiniseki kweenkalo ezininzi zobomi kusenokude kufune ukuba omnye umntu abe nembopheleleko okanye azinzise imicimbi yethu (okanye yakhe) yoshishino. UYakobi wongezelela ngala mazwi kwindinyana 14: “Kuba niyinkungu ebonakala ithuba elincinane ize yandule ke ithi shwaka.” Xa sitheth’ inyaniso, sisenokufa ngesiquphe. Isivumelwano esibhaliweyo sisenokuba luncedo ukuze abanye baqhubeke besingatha imicimbi xa kunokwenzeka into engalindelekanga kumacala omabini.
Ngandlel’ ithile, oku kusikhokelela kwinkalo yesithathu—izivumelwano ezibhaliweyo zibonakalisa uthando. Ngokuqinisekileyo, ukuba nawuphi na kumacala omabini uyafa okanye ahlelwe yingozi emenza abe ngumlwelwe, ibiya kuba kukubonakalisa uthando ngomKristu ukuba abe ebezibhale phantsi iimbopheleleko zakhe okanye imali ayilindeleyo. Yaye kunokubonakalisa ukungathembeki, kubonakalisa uthando ngomzalwana esiqhubana naye ukuba abhale isivumelwano esikubonakalisa ngokucacileyo oko amele akwenze okanye amele akuzuze. Eli nyathelo liya kunciphisa nawuphi na unobangela wengqumbo ukuba elinye kula macala angafezekanga liyazilibala iinkcukacha ezithile okanye iimbopheleleko. Ibe ke ngubani phakathi kwethu ofezekileyo, ongalibaliyo, okanye maxa wambi aziqonde kakubi iinkcukacha okanye iinjongo ezithile?—Mateyu 16:5.
Zikho nezinye iindlela ezenza ukubhala izivumelwano zoshishino kube yimbonakaliso yothando ngomzalwana wethu, ngentsapho nangebandla liphela. Kodwa malicace elokuba, ngaphezu kokuba zibonakalisa uthando, iingxelo ezibhalwe iinkcukacha ezaneleyo ziluncedo yaye zingokweZibhalo.
-