IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
YINTONI eyenza irasta lacheba iinwele zalo laza layeka ukubathiya abelungu? Khona, yintoni eyenza umfana owayeyindlobongela eyayithengisa iziyobisi watshintsha indlela awayephila ngayo? Khawuzivele kubo.
“Andisenalo ikhethe.”—HAFENI NGHAMA
IMINYAKA YOBUDALA: 34
ILIZWE LOKUZALWA: ZAMBIA
UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYELIRASTA
INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO NGAPHAMBILI: Ndazalelwa eZambia kwinkampu yeembacu. Umama wam wasaba eNamibia ngexesha lemfazwe waza waba lilungu lombutho weSouth West Africa People’s Organization (SWAPO). Lo mbutho wawusilwa norhulumente wengcinezelo woMzantsi Afrika owawulawula eNamibia ngeloo xesha.
Iminyaka yam eli-15 yokuqala ndayichitha kwiikampu zeembacu ezahlukahlukeneyo. Ulutsha kwiinkampu zeSWAPO lwaluqeqeshelwa ukuxhasa loo mbutho wenkululeko. Safundiswa ipolitiki nokuthiya abelungu.
Xa ndandineminyaka eli-11 ubudala ndandifuna ukuzinikela kwicawa eyayiyingxubevange yamaRoma Katolika, amaLuthere, iTshetshi nezinye. Umfundisi endathetha naye wandinqanda. Ukususela ngaloo mini, ndaqalisa ukukholelwa ukuba akukho Thixo. Kodwa ke, xa ndandineminyaka eli-15 ubudala ndaba lirasta kuba ndandithanda umculo wawo ndabe ndinomnqweno wokukhulula abantu abamnyama kwingcinezelo. Ndakhulisa iinwele, ndatshay’ intsangu ndaza ndalwela inkululeko yabantu abantsundu. Noko ke, andizange ndiyeke ukuziphatha kakubi nokubukela ifilimu ezinophalazo gazi. Ndaqhubeka ndithetha krwada.
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ngowe-1995 xa ndandineminyaka engama-20 ubudala ndacingisisa ngobomi bam. Ndandifunda zonke iincwadi zamaRasta endandizifumana. Ezinye zazo zazicaphula iivesi zeBhayibhile, kodwa ke ingcaciso yazo ndandingayiva. Ndagqiba ekubeni ndikhe ndizifundele ngokwam iBhayibhile.
Kamva, omnye umhlobo wam owayeliRasta wandinika incwadi yeBhayibhile eyayipapashwe ngamaNgqina kaYehova. Ndayifunda le ncwadi ndisebenzisa iBhayibhile. Kamva ndadibana namaNgqina kaYehova ndaza ndaqalisa ukufunda iBhayibhile kunye nawo.
Nangona kwakunzima, ndakuyeka ukutshaya nokunxila. (2 Korinte 7:1) Ndacheba iinwele ndaza ndayeka ukubukela ifilimu ezibonisa amanyala, ugonyamelo nentetho ekrwada. (Efese 5:3, 4) Ekugqibeleni ndayeka nokuthiya abelungu. (IZenzo 10:34, 35) Ukuze ndenze olu tshintsho kwafuneka ndiyeke ukuphulaphula umculo okhuthaza ucalucalulo ndize ndahlukane nabahlobo ababenokundikhuthaza ukuba ndibuyele kundalashe.
Emva kokuba ndenze olo tshintsho ndakhangela iHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova ndaza ndacela ukuba lilungu lawo. Aqhubeka endifundisa iBhayibhile. Intsapho yam ayizange ithande xa ndagqiba kwelokuba ndibhaptizwe ndize ndibe liNgqina likaYehova. Umama wathi ndingaya kuyo nayiphi na icawa kodwa ndingabiliNgqina likaYehova. Omnye umalume wam owayengusomaqhuzu kurhulumente, wayehlala endigxeka ngokuba ndiye ndaba liNgqina.
Ndancedwa kukufunda nokuxelisa indlela uYesu awayeqhubana ngayo nabantu ukuze ndikwazi ukomelela nakuba ndandigxekwa. Xa ndathelekisa iimfundiso zamaNgqina kunye neBhayibhile, kwacaca mhlophe ukuba ndandifumene inkonzo efundisa inyaniso. Ngokomzekelo, alandela umyalelo weBhayibhile wokushumayela kwabanye abantu. (Mateyu 28:19, 20; IZenzo 15:14) Kwaye awangeneleli kwipolitiki.—INdumiso 146:3, 4; Yohane 15:17, 18.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile kundincede kakhulu. Ngokomzekelo, ukuyeka intsangu kundenze ndakwazi ukonga imali. Andisaqhunywa yaye ndisempilweni, engqondweni nasemzimbeni.
Ngoku ndiyabubona ukuba buya phi ubomi bam. Kanti okubaluleke nangakumbi kukuba ndiziva ndisondele kuThixo.—Yakobi 4:8.
“Ndafunda ukuwulawula umsindo wam.”—MARTINO PEDRETTI
IMINYAKA YOBUDALA: 43
ILIZWE LOKUZALWA: OSTRELIYA
UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYETHENGISA IZIYOBISI
INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO NGAPHAMBILI: Ekukhuleni kwam intsapho yakowethu yayisoloko ifuduka. Sendikhe ndahlala kwiidolophu ezincinane, esixekweni esikhulu, yaye kangangexesha elithile ndakha ndahlala nabantu bomthonyama baseOstreliya. Ndisalikhumbula nanamhla oku ixesha endalichitha ndihlala emaphandleni nabazala noomalume bam—siloba, sizingela yaye sidlala neminye imidlalo.
Utata wayeyimbethi manqindi yaye wandifundisa ukulwa ndiseyinkwenkwe. Loo nto yandenza ndanguphuma silwe. Xa ndandiqalisa ukuqina ndandichitha ixesha elininzi ndisela ezibharini. Mna nabahlobo bam sasisoloko sicela undikho. Sasihlaba abantu ngeemela sibabetha nangeentonga.
Ndandithengisa iziyobisi nezinto ezibiweyo. Ndandiphinda ndithunywe nangabantu abathengisa iziyobisi ukuba ndiye kuqokelela imali yabo, ndigrogrisa abantu ababatyalayo ngemipu. Ndandifuna ukuba sisigwinta. Ndandikholelwa ukuba umntu kufuneka umbulale engekakubulali.
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO IBHAYIBHILE UBOMI BAM: Ukukhula kwam ndandikhe ndeva ngamaNgqina kaYehova. Ndikhumbula xa ndandineminyaka engaphezu kwama-20 ndibuza umama ukuba wayewazi na ukuba ahlala phi. Emva kweentsuku ezimbini kwafika elinye iNgqina ekwakusithiwa nguDixon ekhaya. Emva kokuba sincokole ithutyana wandimema ukuba ndiye enkonzweni yamaNgqina kaYehova. Ndaya, ibe sele kudlule iminyaka engama-20 ndisiya. AmaNgqina kaYehova ayiphendule ngokusuka eBhayibhileni yonke imibuzo ebendinayo.
Ndavuya ndisakuva ukuba uYehova unomdla kuye ngamnye wethu, nkqu nabahedeni. (2 Petros 3:9) Ndafumanisa ukuba wayenguBawo onothando owayeza kundinyamekela naxa ndingenabani. Kwakhona, ndavuya gqitha ndisakuva ukuba uza kuzixolela izono zam ukuba ndiyaguquka. Incwadi yamaEfese 4:22-24 iye yandinceda kakhulu. Ezo vesi zandikhuthaza ukuba ‘ndilahle ubuntu obudala’ ndize ‘ndambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo.’
Kwandithabatha ixesha ukutshintsha ubomi bam. Kwakudla ngokuphela iveki ndingakhange ndizisebenzise iziyobisi, kodwa ngeempelaveki xa ndihleli nabahlobo abangalunganga ndandidla ngokunikezela. Ndaqonda ukuba kwakuza kufuneka ndifudukele kwenye indawo ukuze ndicoce ubomi bam, ibe ndenza kanye loo nto. Abanye abahlobo bam bacela ukundikhapha ibe ndavuma. Endleleni baqalisa ukutshaya intsangu baza bandinika nam. Kodwa ke ndala, ndibachazela ukuba ndifuduka nje kungenxa yokuba ndifuna ukushiya loo mikhwa. Bajika endleleni ndaza mna ndaqhubeka nohambo. Kamva ndeva ukuba baxhomisa ibhanki.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Kwabalula ukubutshintsha ubomi bam ndisakwahlukana nabahlobo ababi. Ngowe-1989 ndabhaptizwa ndaza ndaba liNgqina. Emva kokuba ndibhaptiziwe, udade wethu, umama notata bazeka mzekweni.
Ngoku ndineminyaka eli-17 nditshatile ibe ndinabantwana abathathu endibathanda kunene. Ndiye ndafunda ukuwulawula umsindo wam nokuthanda abantu bazo zonke ‘izizwe, iintlanga neelwimi.’ (ISityhilelo 7:9) Ndivakalelwa kukuba ndiye ndazibonela ubunyaniso bala mazwi kaYesu athi: “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, ngokwenene ningabafundi bam, niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.”—Yohane 8:31, 32.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 19]
Ukuze nditshintshe kwafuneka ndahlukane nomculo okhuthaza ubuhlanga
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 20]
Mna nabahlobo bam sasingoophuma silwe. Sasidla ngokuhlaba abantu ngeemela sibabethe nangeentonga