Imibuzo Yabafundi
Ngaba UThixo Uyasamkela Isithembu?
Akasamkeli; umgaqo awawumiselayo e-Eden yayingowokuba indoda ibe nomfazi omnye kuphela. Kamva uYesu Kristu waphinda wawubethelela lo mgaqo kubalandeli bakhe.—Genesis 2:18-24; Mateyu 19:4-6.
Ngaba amadoda awayephila kumaxesha angaphambi kobuKristu njengoAbraham, uYakobi, uDavide noSolomon ayengatshatanga isithembu? Ewe kunjalo, kodwa ke yona iBhayibhile ithini ngobomi bezo ntsapho? Ibonisa usukuzwano nengxabano eyayikho kwintsapho ka-Abraham nekaYakobi ngenxa yesithembu. (Genesis 16:1-4; 29:18–30:24) Kamva uMthetho kaThixo waquka lo myalelo kukumkani ngamnye: “Makangazandiseli bafazi, ukuze ingaphambuki intliziyo yakhe.” (Duteronomi 17:15, 17) USolomon wawophula loo mthetho wasuka watshata nabafazi abangaphezu kwama-700! Okubuhlungu kukuba, intliziyo kaSolomon yaphambuka kuYehova ngenxa yempembelelo embi yabafazi bakhe abaninzi. (1 Kumkani 11:1-4) Kucacile ukuba iBhayibhile ayithethi kakuhle ngesithembu.
Sekunjalo, abanye abantu basenokuzibuza ukuba kwakutheni ukuze uYehova asinyamezele isithembu kubantu bakhe. Khawucinge ngale ndlela: Ngaba wakha wagcina ifanitshala endala nangona kwakufuneka itshintshwe, kuba wawucinga ukuba kwakungafanelekanga ukuyilahla ngeloo xesha? Siyavuma, iindlela neengcinga zikaThixo ziphakamile kunezethu. (Isaya 55:8, 9) Nakuba kunjalo, sinokuziqonda izizathu ezithile ezabangela ukuba asivumele isithembu ngelo xesha.
Khumbula kaloku ukuba e-Eden, uYehova wayethembise “ngembewu” eyayiza kutshabalalisa uSathana. Kamva, uAbraham waxelelwa ukuba wayeza kuba nguyise wohlanga olukhulu nokuba iMbewu eyayithenjisiwe yayiza kuvela kumnombo wakhe. (Genesis 3:15; 22:18) USathana wayefuna ukuqiniseka ukuba ayifiki loo Mbewu. Ngoko uMtyholi wayezimisele ukulutshayela uhlanga lwakwaSirayeli. Wayesoloko emhenda uSirayeli ukuze uThixo ayeke ukukholiswa nguye yaye angamkhuseli.
Ukuze abakhusele kolo hlaselo uYehova wayethumela abaprofeti bakhe balumkise abantu xa bephambuka kwimilinganiselo yobulungisa. Noko ke, wayesazi kwangaphambili ukuba abantu babengazukuthobela kwaneyona mithetho isisiseko, njengokuphepha ukunqula izithixo. (Eksodus 32:9) Ukuba babengazukukwazi ukuthobela umthetho osisiseko ngolo hlobo babeza kukwazi njani ukuthobela umthetho owalela isithembu? Ekubeni ebazi kakuhle abantu, uYehova wabona ukuba yayingelo xesha lokuba asiphelise isithembu—esasisele sandile ngaloo mihla. Ukuba wayesalele isithembu ngeloo xesha, uSathana wayeza kufumana indlela elula yokulukuhlela amaSirayeli esonweni.
Ukusivumela kukaThixo isithembu okwexeshana kwakunezinye iingenelo. Isithembu salwandisa ngokukhawuleza uhlanga. Ubuninzi babantu baqinisekisa ukuba uhlanga lwaluza kuqhubeka lukho kude kufike uMesiya. Kwakhona isithembu sifanele ukuba sabanceda abanye abafazi bakwazi ukufumana ikhusi nekhaya ngamaxesha anobungozi.
Kodwa ke, khumbula ukuba asingoYehova owasungula isithembu. Wasivumela kangangexesha elithile, ngoxa wayesilawula ngokungqongqo ukuqinisekisa ukuba asisetyenziswa kakubi. (Eksodus 21:10, 11; Duteronomi 21:15-17) Xa uYehova wenza isigqibo sokuba asiphelise phakathi kwabanquli bakhe, wasebenzisa uNyana wakhe ukuba abuyisele umthetho womtshato owawumiselwe e-Eden. Ngaloo ndlela uYesu akazange asivumele isithembu phakathi kwabalandeli bakhe. (Marko 10:8) Ngenxa yoko, le nyaniso yacaca ngakumbi: UMthetho kaMoses wawufanelekile ngexesha lawo, kodwa “umthetho kaKristu” ulunge ngakumbi.—Galati 6:2.