Ukuhlangulwa Kwisiqithi SaseRobinson Crusoe
IROBINSON CRUSOE sesinye seziqithi ezithathu kwiLwandlekazi iPasifiki ezenza iqela leziqithi ezibizwa ngokuba yiJuan Fernández, malunga neekhilomitha ezingama-640 ukusuka kunxweme lwaseChile.a Esi siqithi siziiskwemitha ezingama-93 safumana elo gama kwinoveli edumileyo yenkulungwane ye-18 enomxholo othi Robinson Crusoe, eyabhalwa ngumbhali oliNgesi uDaniel Defoe. Kuyabonakala ukuba le noveli yayisekelwe kwiziganeko ezihambis’ umzimba zendoda ethile yaseSkotlani, uAlexander Selkirk, eyayihlala yodwa kwesi siqithi kangangeminyaka emine.
Kumqondiso owenziwe ngamaplanga ngokuyinxenye kubhalwe kwathiwa: “Kule ndawo, mihla le ngaphezu kweminyaka emine, umatiloshe waseSkotlani uAlexander Selkirk exhalabile wayejonge enkalweni elindele iphenyana elaliza kumhlangula kobu bulolo.’’ Ekugqibeleni, uSelkirk wahlangulwa waza wabuyiselwa kwilizwe lakowabo, kwilizwe elalingasamkholisi emva kokuhlala yedwa kwiparadesi yakhe encinane. Kuthiwa kamva wathi: “Owu, siqithi sam esithandekayo! Ndinqwenela ukuba ndandingazange ndikushiye!”
Ekuhambeni kwexesha, esi siqithi sasetyenziswa njengethanga lamabanjwa, kuhlala abanye ababenze “ulwaphulo-mthetho ngokokholo” ngokuchasene neCawa yamaKatolika. Hayi indlela izinto ezazahluke ngayo kwisiqithi esiyiparadesi uSelkirk awayesazi! Noko ke, abahlala kwesi siqithi ngoku banandipha uxolo nokuzola okungekhoyo kwiinxalenye ezininzi zomhlaba. Ubomi obuzolileyo, ngokuqhelekileyo obuphilwayo kwiziqithi ezininzi, benza kube lula ukuqalisa incoko phantse naye wonke ubani.
Ngokusemthethweni, iRobinson Crusoe inabantu abanokuba ngama-500, kodwa ebudeni belona xesha lide enyakeni, ngabantu abanokuba ngama-400 kuphela abahlala kwesi siqithi. Esinye sezizathu kukuba abanye oomama nabantwana babo bahlala kwilizwe laseChile ebudeni bonyaka xa izikolo zivuliwe, babuyele esiqithini kuphela ebudeni beenyanga zeholide ukuchitha ixesha nenye inxalenye yentsapho.
Phezu kwako nje ukuhlala kwindawo enjengomyezo yaseRobinson Crusoe, abanye abahlala kwesi siqithi baziva belambile ngokomoya yaye bafuna izicombululo. Abanye bade bavakalelwa kukuba bafuna ukuhlangulwa ngokomoya.
Ukuhlangula Ngokomoya
Umsebenzi onjalo wokuhlangula ngokomoya waqaliswa malunga nowe-1979. Elinye ibhinqa elalifundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova eSantiago, eChile, lafudukela kwesi siqithi laza laqalisa ukufundisa abanye ngoko sele likufundile. Kamva omnye umdala webandla owayetyelele esi siqithi ngezomsebenzi wothuka akufumana iqela elincinane labafundi beBhayibhile lisenza inkqubela ngokomoya ngoncedo lweli bhinqa. Xa lo mdala etyelela esi siqithi kwakhona kwiinyanga ezintathu kamva, lo mfundisi weBhayibhile owayeyedwa nabafundi bakhe ababini babekulungele ukubhaptizwa, ngoko ke lo mdala wababhaptiza. Kamva, omnye wala maKristu abhaptiziweyo watshata yaye, ekunye nomyeni wakhe, waqhubeka efuna abanye ababefuna ukuhlangulwa ngokomoya. Umyeni wakhe wakhokela kumsebenzi wokwakha iHolo yoBukumkani nje eqhelekileyo, eyaqhubeka isetyenziswa liqela elincinane kwesi siqithi. Ekuhambeni kwexesha, ngenxa yezoqoqosho, bafuduka eRobinson Crusoe baya kwibandla elikumbindi waseChile, apho baqhubeka bekhonza uYehova ngenkuthalo.
Ngokuthe ngcembe, eli qela lincinane kwesi siqithi laqhubeka likhula njengoko abanye babehlangulwa kunqulo lobuxoki. Noko ke, ekubeni abafundi befudukela kwilizwe elikhulu ukuze bafumane imfundo yamabanga aphakamileyo, eli qela lancipha lanoodade ababini ababhaptiziweyo nentombazana encinane. Eli qela liyakhula ngexesha leholide xa bambi oomama bebuyele kwesi siqithi. Oku kuyawahlaziya la maKristu mathathu akwanti ekubeni eshiyeka odwa unyaka wonke. Ngenxa yokuzibhokoxa kwaba dade, amaNgqina kaYehova aziwa kakhulu eRobinson Crusoe. Liyinyaniso elokuba, abanye kwesi siqithi bawuchasile umsebenzi wabo yaye bazama ukunyanzela abanye ukuba basicekise isigidimi soBukumkani. Sekunjalo, iimbewu zenyaniso yeBhayibhile ezityalwe kwiintliziyo ezinyanisekileyo ziyaqhubeka zichuma.
Ukuqinisa Abo Bahlanguliweyo
Kanye ngonyaka umveleli ohambahambayo utyelela esi siqithi. Kunjani ukutyelela iqaqobana lamaNgqina akwisiqithi esikwanti? Omnye umveleli wesiphaluka uluchaza ngolu hlobo utyelelo lwakhe lokuqala eRobinson Crusoe:
“Olu hambo lwalumnandi. Lwaqala ngentsimbi yesixhenxe ekuseni ukunduluka kwethu eValparaiso ngenqwelo-mafutha sisinge kwiSikhululo Seenqwelo-moya iSantiago’s Cerrillos. Sakhwela kwinqwelo-moya encinane ekhwela abantu abasixhenxe. Emva kohambo lwasemoyeni lweeyure ezi-2 nemizuzu engama-45, sisekude sabona incopho yentaba eyayiphakame yafika emafini. Njengoko sasisondela, esi siqithi sasiqalisa ukubonakala—ulwalwa oluhle phakathi kulwandlekazi. Sasibonakala ngathi sidada nje emanzini amaninzi, njengenqanawa elahleke elwandle.
“Sakuba sifikile, sakhwela iphenyana elasisa kwidolophana yalapho. Apha naphaya, kwakubonakala amatye amakhulu kolu lwandlekazi nto leyo eyayisenza iziqithi ezincinane ezaziyindawo yokuphumla kwiintini ezinoboya zaseJuan Fernández. Iintini ezinoboya ziludidi olukhuselwayo kuba inani lazo liye lancipha kakhulu. Ngesiquphe, nto ithile yabhabha ecaleni kwephenyane ngaphambi kokuba inyamalale kwakhona elwandle. Yayiyintlanzi ebhabhayo, eneefin ezineepliti ezinjengamaphiko. Yayibonakala ikunandipha ukutsibatsiba ingena iphuma emanzini inqakula izinambuzane. Kakade ke, maxa wambi naleyo ibamba ezinye nayo iyabanjwa; ukutsibatsiba kwayo kunokutsala ingqalelo yezinye iintshaba ezilindele ukuyiginya njengoko ibuyela emanzini.
“Ekugqibeleni, safika kwidolophana yaseSan Juan Bautista (St. John the Baptist). Babebaninzi abantu besi siqithi ababeme kwizibuko, belindele iindwendwe zabo okanye befun’ ukwazi nje ukuba ngubani ofikayo ngeli xesha. Sachukumiseka yile ndawo intle esasiyibona—intaba enkulu neneengxondorha ebizwa ngokuba yiEl Yunque (iThe Anvil), egqunywe luhlaza oluhle, yaye elundini phayaa, kubonakala isibhakabhaka esiluhlaza esineengqimba zamafu amhlophe.
“Kungekudala saphawula iqela loodade bethu abangamaKristu nabantwana babo besilindele ezibukweni. Yayilixesha leholide, ngoko eli qela lalilikhulu kunesiqhelo. Emva kokubulisana ngokufudumeleyo, sasiwa kwindlwana entle eyayiza kuba ngumzi wethu kangangeveki.
“Yayiyiveki ekhetheke ngokwenene, yaye saqonda ukuba yayiza kukhawuleza idlule. Kwafuneka silisebenzise kakuhle ixesha lethu. Kanye ngolo suku, emva kwesidlo sasemini, satyelela umfundi weBhayibhile kungekudala owayeza kuba ngudade wethu wokomoya nenxalenye yeparadesi yokomoya kaThixo. Wayenemincili kodwa esoyika. Usukelo awayenalo lokubhaptizwa awayelulindele ixesha elide lwalusondela. Saqwalasela inkcazelo eyimfuneko naye ukuze akulungele ukuba ngumvakalisi weendaba ezilungileyo. Kusuku olulandelayo, waba nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela okwesihlandlo sokuqala. Ngosuku lwesithathu, saqwalasela kunye naye oko kufunekayo ukuze abhaptizwe. Wabhaptizwa ngaphambi kokuphela kwaloo veki.
“Iintlanganiso ezaziqhutywa ebudeni beveki zazixhaswa gqitha, kukho abantu ababengadlulanga kwabali-14. Suku ngalunye kwakukho amalungiselelo enkonzo yasentsimini, amabuyelo nezifundo zeBhayibhile namatyelelo okwalusa. Olunjani lona ukhuthazo koodade abasebenza bodwa unyaka wonke!”
Bekusoloko kunzima kakhulu kumadoda akwesi siqithi ukusabela kwinyaniso, mhlawumbi ngenxa yomsebenzi wempangelo ofuna umgudu omkhulu. Umsebenzi oyintloko kukubamba iilobster, nto leyo engelula kwaphela. Ikhethe linendima enkulu kwindlela engentle abasabela ngayo abaninzi. Sekunjalo, sinethemba lokuba abantu abangakumbi abahlala kwesi siqithi, amadoda namabhinqa, baya kusabela kwixesha elizayo.
De kube ngoku, abantu abalishumi baye bahlangulwa kwesi siqithi ngokwazi inyaniso ngeenjongo zikaYehova uThixo. Abanye babo baye basishiya esi siqithi ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo. Kodwa enoba bayahlala okanye akunjalo, ukuhlangulwa kwabo kokomoya kuye kwaba nentsingiselo ngakumbi kunokuhlangulwa kuka-Alexander Selkirk. Ngoku banandipha iparadesi yokomoya naphi na apho bahlala khona. Oodade abasahlala kwesi siqithi nabantwana babo banandipha indawo enjengomyezo, kodwa nangaphezu koko, banethemba lokuphila xa lonke ihlabathi liyiparadesi yokwenyaniso ngokupheleleyo.
Umsebenzi Wokuhlangula Uyaqhubeka
Ngokwelizwe, eli qela lincinane lamaNgqina kaYehova aseRobinson Crusoe lihlala kude kubazalwana noodade bokomoya. Sekunjalo, aliziva lilahliwe, njengendoda yaseSkotlani uSelkirk. Ngoncwadi olungokobuthixo oluqhubeka luthunyelwa, iividiyo zeendibano ezithunyelwa kulo lisebe laseChile leWatch Tower Society kathathu ngonyaka, nokutyelelwa ngumveleli wesiphaluka kanye ngonyaka, linoqhagamshelwano olusondeleyo nentlangano kaYehova. Ngoko liqhubeka liyinxalenye ekhutheleyo ‘yabazalwana bonke ehlabathini.’—1 Petros 5:9.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokusemthethweni esi siqithi sibizwa ngokuba yiMás a Tierra.
[Iimaphu/Umfanekiso okwiphepha 9]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
CHILE
Santiago
ROBINSON CRUSOE ISLAND
San Juan Bautista
El Yunque
PACIFIC OCEAN
SANTA CLARA ISLAND
[Umfanekiso]
Njengoko isiqithi siye sibonakala, ubani ubona ilitye elikhulu elihle phakathi kulwandlekazi
[Inkcazelo]
Map of Chile: Mountain High Maps® Copyright © 1997 Digital Wisdom, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]
Intaba enkulu neyingxondorha ebizwa ngokuba yiEl Yunque (iThe Anvil)
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Idolophana yaseSan Juan Bautista (St. John the Baptist)
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Iziqithi ezincinane ziba yindawo yoku-phumla yeentini ezinoboya nolunye uhlobo lweentini ekuthiwa zii-“sea lions”
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Sakhwela inqwelo-moya ukusuka eSantiago, eChile
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Unxweme olunamatye lweSiqithi iRobinson Crusoe
[Umfanekiso okwiphepha 10]
IHolo yoBukumkani nje eqhelekileyo kwesi siqithi