Ingoma 45
Qhubela Phambili!
Printed Edition
1. Qhubela phambili elukholweni!
UThixo ufuna sikhule ngokomoya.
Phucula inkonzo yakho kuThixo,
Wosikelelwa nguye.
Masizibhokoxe ngovuyo,
Njengayo iNkosi uYesu.
Kholosa ngoThixo akomeleze,
Umele inyaniso.
2. Qhubela phambili ushumayele!
Yazisa ngobomi obungunaphakade.
Dumisa uThixo unemihlali,
Ngokuya kwindlu ngendlu.
Iintshaba ziyasoyikisa,
Noko ke sikhonza ngehlombe.
Imini kaThixo iyasondela,
Ngoko ke shumayela.
3. Qhubela phambili ubabuyele
Bonke abanomdla kwisigidimi sethu.
Umoya kaThixo wokukhokela,
Ze ube neziqhamo.
Bonisa uthando kubantu,
Ubuyele kwabo banomdla.
Bancede ukuze yonke imihla,
Bafunde inyaniso.
(Bona nezi: Fil. 1:27; 3:16; Heb. 10:39.)