INgoma 82
Abafazi Bangumkhosi Omkhulu
1. Namhla kukho umkhos’ omkhulu
Wabo bashumayelayo (ngokholo).
Ziintokazi ez’ngamaKristu
Ez’yalelwe nguy’ uThixo.
Ke aba bavuka ek’seni
Balungis’ izindlu zabo.
Belung’selel’ uk’y’ entsimini,
Ze benz’ inxalenye yabo.
2. Kwaba dade bakunye nathi
S’thandazel’ intsikelelo (kaThixo).
Kuba beshumayela gqitha,
Amadod’ atsho ngebhongo.
Abahlolokaz’ baneengxaki,
Ngokunjalo namagqala.
Bahlal’ iintlangan’so beziya,
Ke masibaxhase thina.
3. S’mele s’nyamekel’ abafazi,
Oomama kunye neentombi (ez’ninzi).
Ngenxa yesabelo kwis’vuno
Bezam’ uk’sindis’ ubomi.
Lo mkhosi ufanelekile.
Bozuziswa yiy’ iNkosi.
Masibe novelwano kwabo;
Awalolize loo ‘mazwi.’