Umsebenzi Ohlaziyayo
1 Isigidimi seBhayibhile siyabahlaziya bonke abo basamkelayo baze basisebenzise ebomini babo. (INdu. 19:7, 8) Siyabakhulula kwiimfundiso zobuxoki nakwizinto ezenzakalisayo size sinikele ithemba eliqinisekileyo ngekamva. Noko ke, asingabo bamkela iindaba ezilungileyo kuphela abangenelwayo. Abo babelana nabanye ngeenyaniso ezihlaziyayo zeBhayibhile nabo bayahlaziywa.—IMize. 11:25.
2 Ubulungiseleli Busenza Sibe Namandla: UYesu wathi abo bamkela idyokhwe yokuba ngabafundi bakaKristu, equka umsebenzi wokushumayela nokwenza abafundi, ‘bayifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yabo.’ (Mat. 11:29) Naye wafumana amandla ngokushumayela kwabanye. Kwakufana nokutya kuye. (Yoh. 4:34) Xa wathuma abafundi abangama-70 ukuba baye kushumayela, bavuya njengoko babexhaswa nguYehova.—Luka 10:17.
3 Nanamhlanje amaKristu amaninzi afumana amandla ngokwenza umsebenzi wokushumayela. Omnye udade wathi: “Ubulungiseleli buyahlaziya kuba benza ubomi bam bucace yaye bube nenjongo. Iingxaki zobuqu noxinezeleko lwemihla ngemihla luyancipha xa ndisenkonzweni.” Omnye umlungiseleli onenzondelelo wathi: “Ubulungiseleli . . . bumenza uYehova abe ngumntu wokwenene kum yonke imihla buze bundinike uxolo nolonwabo olungenakufumaneka ngenye indlela.” Elinjani ilungelo esinalo ‘lokuba ngabasebenzi abangamadlelane kaThixo’!—1 Kor. 3:9.
4 Idyokhwe KaKristu Yeyobubele: Nangona amaKristu ebongozwa ukuba ‘azibhokoxe ngamandla,’ uYesu akafuni senze ngaphezu koko sinokukwenza. (Luka 13:24) Phofu, usimema ngobubele ukuba ‘singene edyokhweni kunye naye.’ (Mat. 11:29, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Abo kufuneka bahlangabezane neemeko ezinzima, banokuba nentembelo yokuba inkonzo yabo yomphefumlo uphela, nokuba isikelwe umda, iyamkholisa uThixo.—Marko 14:6-8; Kol. 3:23.
5 Hayi indlela ekuhlaziya ngayo ukukhonza uThixo oxabisa nantoni na esiyenzayo ngenxa yegama lakhe! (Heb. 6:10) Ngamana singasoloko simnika okona kona.