Imibuzo Evela Kubafundi
Isebenza kangakanani kumaKristu namhlanje imiqathango nxamnye nokutshata kwezalamane, ebhalwe eMthethweni kaMoses?
UMthetho owanikwa uhlanga lwakwaSirayeli nguYehova awunikeli nkcukacha zingako ngemisitho neenkqubo zomtshato ezazisetyenziswa. Noko ke, imisela imiqathango ngokuphathelele ukutshata izalamane zohlobo oluthile. Ngokomzekelo, kwiLevitikus 18:6-20, kukho uluhlu oluthintela ukuba neentlobano ‘nesalamane esisondeleyo.’ Eso sicatshulwa sinikela iinkcukacha ezizeleyo ngokuphathelele izalamane ezingenakuba neentlobano zesini kunye. Kakade ke, amaKristu akakho phantsi koMthetho kaMoses okanye akabophelelekanga kwimimiselo yawo. (Efese 2:15; Kolose 2:14) Sekunjalo, oku akuthethi ukuba amaKristu anokusuka nje awutyeshele lo mbandela xa ekhetha iqabane lomtshato. Zininzi izizathu ezibangela ukuba oku kube njalo.
Okokuqala, kukho imithetho karhulumente engakuvumeliyo ukutshata kwezalamane ezisondeleyo, yaye ngokusisiseko amaKristu afanele ayithobele imithetho yelizwe ahlala kulo. (Mateyu 22:21; Roma 13:1) Kakade ke, loo mithetho iyahluka kwiindawo ngeendawo. Inkoliso yemithetho yanamhlanje elolu hlobo ngokuyintloko isekelwe kwizibakala eziphathelele imizila yemfuza. Iyaziwa into yokuba ukutshata kwezalamane ezisondeleyo kusenokuzibeka esichengeni sokuzala abantwana abaneziphene nezifo ezithile. Ngenxa yeso sizathu nangenxa ‘yokuthobela amagunya awongamileyo,’ amaKristu atshatayo athobela imithetho yasekuhlaleni ephathelele umtshato.
Kukho nombandela wezinto ezamkelekileyo nezingamkelekanga kwindawo ahlala kuyo umntu. Phantse kuzo zonke iintlanga zabantu kukho imithetho namasiko angakuvumeliyo ukutshata kwabantu abazizalamane ezisondeleyo, ulwalamano olunjalo ngokufuthi lugqalwa njengombulo yaye ngaloo ndlela aluvumelekanga. Nakuba ukwalelwa kwemitshato phakathi kwezalamane ezithile kusenokwahluka kwiintlanga ngeentlanga, iThe Encyclopædia Britannica ithi “ngokuqhelekileyo, kubantu ababini abazizalamane ezisondeleyo, uba ngqongqo ngakumbi umthetho owalela ukutshata kwezalamane okanye othintela ukuba zibe neentlobano zesini.” Ngaloo ndlela, kwanakulwalamano olungagqalwa njengombulo, amaKristu akafuni ukuwatyeshela ngokupheleleyo amasiko awamkelekileyo ekuhlaleni okanye izinto ezisengqiqweni ezingamkelekanga ekuhlaleni, ukuze angazisi ugculelo kwibandla lobuKristu okanye kwigama likaThixo.—2 Korinte 6:3.
Enye into engamele ityeshelwe sisazela esisinikwe nguThixo. Bonke abantu bazelwe benemvo yokwazi okulungileyo nokuphosakeleyo, okuhle nokubi. (Roma 2:15) Isazela sabo siyabaxelela ngento eqhelekileyo nefanelekileyo nangento engaqhelekanga nekhubekisayo, ngaphandle kokuba siye sagqwetheka okanye senziwa lukhuni ngokuqhelisela imikhwa egqwethekileyo. UYehova wayebhekisela koku xa wanika amaSirayeli umthetho onxamnye nokutshata kwabantu abazizalamane ezisondeleyo. Siyafunda: “Nize ningenzi ngokokwenza kwelizwe laseYiputa, enanihlala kulo; yaye ningenzi ngokokwenza kwelizwe lakwaKanan, endinisa kulo; ningahambi ngokwemimiselo yawo.” (Levitikus 18:3) AmaKristu ayasixabisa isazela sawo esiqeqeshwe yiBhayibhile yaye akasivumeli sonakaliswe kukugqwetheka kwengiqo yeentlanga ngokuphathelele okulungileyo nokuphosakeleyo.—Efese 4:17-19.
Ngoko ke, sifikelela kwisiphi isigqibo? Ngoxa amaKristu engekho phantsi koMthetho kaMoses, isazela sawo siyawaxelela ngokucacileyo ukuba ukutshata kwabantu abazizalamane ezisondeleyo—njengobawo nentombi yakhe, umama nonyana wakhe, umntu nodade wabo—akwamkelekanga konke konke phakathi kwamaKristu.a Njengoko ulwalamano phakathi kweentsapho lusanda, amaKristu ayaqonda ukuba kukho imithetho nemimiselo ephathelele ukutshata ngokusemthethweni yaye kukho imilinganiselo eyamkelekileyo phakathi kwebutho elithile labantu naphakathi kweentlanga ngeentlanga. Konke oku kumele kunikelwe ingqalelo kuko ukuze senze ngokuvisisana nomyalelo weZibhalo othi: “Umtshato mawubekeke phakathi kwenu nonke.”—Hebhere 13:4.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ingxubusho eneenkcukacha ezongezelelekileyo ngokuphathelele lo mbandela, nceda ubone inqaku elithi “Imitshato Yombulo—AmaKristu Amele Ayijonge Njani?” kwiMboniselo, kaOktobha 1, 1978, iphepha 19-22.