Ingoma 21
Banoyolo Abanenceba!
Printed Edition
1. Bonke abo banenceba,
Bayathandwa nguYehova.
Bashumayela kuluntu
Ngayo inceba kaThixo.
Yena uncede abantu
Ngokunikela ngoNyana,
Afe ukuze basinde,
Baze bazuze ubomi.
2. Baphumle abanenceba,
Ekubeni bexolelwe.
Inceba abayenzelwe
NguKristu ngokubafela,
Bayazisa ngemincili
Ebantwini ngokubanzi,
Besithi kubo, “Vuyani,
UKristu uyalawula.”
3. UThixo uyabathanda
Abo babonis’ inceba.
Uya kubasikelela,
Ngenceba nothando lwabo.
Ngoko bonisa inceba,
Uxelise umzekelo
KaThixo noNyana wakhe,
Ukuze usikelelwe.
(Bona nezi: Luka 6:36; Roma 12:8; Yak. 2:13.)