Ingoma 91
Thixo Wam, Bawo Wam, NoMhlobo Wam
Printed Edition
1. Siphahlwe ziinkathazo;
Sineenyembezi kwaneentlungu.
Kodwa yonke imihla
Ndoba nokuphumla.
(CHORUS)
Kuba uThixo unam,
Uyandixhasa ntsuku zonke.
Ngoko andoyiki nto,
Kuba yena uhamba nam.
Ewe, ungumkhuseli,
umlondolozi nomxhasi wam.
UThixo wam, unguBawo,
KwanoMhlobo.
2. Ngoku andisekho mtsha;
Ndineenkathazo zobu bomi.
Ke noko ndinethemba
Eliqinileyo.
(CHORUS)
Kuba uThixo unam,
Uyandixhasa ntsuku zonke.
Ngoko andoyiki nto,
Kuba yena uhamba nam.
Ewe, ungumkhuseli,
umlondolozi nomxhasi wam.
UThixo wam, unguBawo,
KwanoMhlobo.
(Bona nesi: INdu. 71:17, 18.)