Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa / UBukumkani BukaThixo / Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?
Impendulo esuka eBhayibhileni
UBukumkani bukaThixo buza kuthatha indawo yabo bonke oorhulumente babantu buze bulawule umhlaba wonke. (Daniyeli 2:44) Emva koko, uBukumkani bukaThixo . . .
Buza kutshabalalisa abantu ababi abasenzakalisayo ngokuzingca kwabo. “
Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni.
”—IMizekeliso 2:22.Buza kuphelisa zonke iimfazwe. “
[UThixo] uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.
”—INdumiso 46:9.Buza kuzisa impumelelo nonqabiseko emhlabeni. “
Baya kuhlala ngoxolo, ngamnye phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, yaye akuyi kubakho bani uboyikisayo.
”—Mika 4:4, iGood News Translation.Buza kwenza umhlaba ube yiparadesi. “
Iya kuba nemihlali intlango nommandla ongumqwebedu, nethafa eliyinkqantosi liya kuvuya lize lityatyambe njengesafroni.
”—Isaya 35:1.Buza kunika abantu umsebenzi owonwabisayo nowanelisayo. “
Nomsebenzi wezandla zabanyuliweyo [bakaThixo] baya kuwusebenzisa ngokupheleleyo. Abayi kubulalekela ilize.
”—Isaya 65:21-23.Buza kuphelisa izifo. “
Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’
”—Isaya 33:24.Buza kuphelisa ukwaluphala. “
Inyama yakhe mayihlaziyeke ngakumbi kunasebutsheni; makabuyele emihleni yamandla obutsha bakhe.
”—Yobhi 33:25.Buza kuvusa abafileyo. ‘
Bonke abo bakumangcwaba enkumbulo baya kuliva ilizwi lakhe.
’—Yohane 5:28, 29.