Abantu BakaThixo Babuyela Kwilizwe Labo
UMMANDLA obizwa ngokuba yi-Iran kule mihla ungqongwe ziintaba ezimbini ezidumileyo—iElburz (ekumazantsi oLwandle lweCaspian) kwakunye neZagros (ekumzantsi-mpuma wePersian Gulf). Zahlulahlulwe ziintlambokazi ezichumileyo namageduka anemithi ethe tshitshilili. Noko imozulu iyancumisa kwezi ntlambo, kodwa xa usiya unyuka, ufika kukho amathafa awomileyo nanemimoya ebhudlayo, ibe ebusika ingqele yalapho iqhaqhazelis’ amazinyo. Kude kufuphi apho kukho intlango enabemi abambalwa. Kulo mmandla, okwimpuma yeMesopotamiya, kwavela uBukumkani bamaMedi namaPersi.
AmaMedi ayemi kumantla alo mmandla, nangona kwathi ethubeni aya kutsho eArmenia, naseKilikiya. Wona amaPersi, ayemi kumzantsi-ntshona walo mmandla, okwimpuma yeNtlambo yeTigrisi. Njengoko ayephantsi kolawulo lukaKoreshi phakathi kwinkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, la magunya mabini aba yimbumba yamanyama, aza abumba iGunya elinye Lehlabathi lamaMedi namaPersi.
UKoreshi waya kuthimba iBhabhiloni ngowama-539 B.C.E. Ubukumkani bakhe banda baya kutsho eIndiya. Banwenwela nangasentshona, baquka iYiputa nendawo ngoku ebizwa ngokuba yiTurkey. Wayefanele uDaniyeli ukuthi uBukumkani bamaMedi namaPersi bufana ‘nebhere’ ekhohlakeleyo ‘edla inyama eninzi.’ (Dan 7:5) UKoreshi lo wayenobuntu, yaye ebaphatha ngolwazelelelo abantu. Ubukumkani bakhe wabahlulahlula baba ngamaphondo. Ngalinye kula maphondo lalinenkulumbuso yalo, ngokuqhelekileyo eyayiba ngumPersi, kubekho ke nabanye abalawuli ababephantsi kwayo. Iintlanga ezahlukahlukeneyo ezaziphantsi kobu bukumkani zazikhuthazwa ukuba zingazilahli izithethe nonqulo lwazo.
Elandela lo mgaqo, uKoreshi wawakhulula amaYuda ukuba ahambe aze abuyisele unqulo lokwenyaniso, aphinde akhe ngokutsha iYerusalem, ngokutsho kukaEzra noNehemiya. Ngaba ucinga ukuba le nyambalala ingaka yabantu yagoduka isebenzisa indlela awahamba ngayo uAbraham, ndlela leyo enyusa umEfrate isiya ngaseKarkemishe, okanye mhlawumbi ibe yahamba ngendlela emfutshane enqumla eTademore naseDamasko? IBhayibhile ayithethi nto ngaloo nto. (Bona iphepha 6-7.) Ekuhambeni kwexesha, amaYuda aphinda ahlala kweminye imimandla yobo bukumkani, njengakwiNtili yomNayile nakwiindawo ezikumazantsi. Iqaqobana lamaYuda alizange limke eBhabhiloni, nto leyo ekusenokwenzeka ukuba yabangela umpostile uPetros atyelele apho kwiinkulungwane eziliqela kamva. (1Pe 5:13) Eneneni, uBukumkani bamaMedi namaPersi baba negalelo ekusasazekeni kwamaYuda kumazwe amaninzi ngexesha lobukumkani bamaGrike nobamaRoma obalandelayo.
Emva kokuthimba iBhabhiloni, amaMedi namaPersi asenza iziko lolawulo eso sixeko sinelanga elinqanqazayo ukutshis’ oku ehlotyeni. Phakathi kwezixeko zakomkhulu, kwakukho iShushan, eyayisakuba likomkhulu lakwaElam. Kulapho ke ekwathi kamva uKumkani wamaPersi uAhaswerosi (ekubonakala ukuba wayenguXerxes I) wathabatha uEstere wamenza inkosikazi yakhe waza watshitshisa iqhinga lokutshabalalisa bonke abantu bakaThixo ababephantsi kobo bukumkani bukhulu. Phakathi kwezixeko zekomkhulu lamaMedi namaPersi kwakukho nezinye ezibini, iEkbhatana (ekwindawo ephakame kangangeemitha ezili-1 900, nenemozulu entle ehlotyeni) kwakunye nePasargadae (ephakame ngendlela elinganayo, nemalunga neekhilomitha ezingama-650 ukuya kumzantsi-mpuma).
Laphelela phi ke eli gunya lehlabathi? Lithe kanye xa liqonda ukuba lizibambile iintambo igunya lamaMedi namaPersi, langenelela kwimvukelo eyayibangelwa ngamaGrike awayekumda okumntla-ntshona. Ngelo xesha iGrisi yayahlulelene kukho iimfazwe zezixeko, kodwa yadibana xa iyonke yaza yayibetha yayoyisa imikhosi yamaPersi kwidabi elaliwa eMarathon naseSalami. Yenzeka ngolo hlobo ke into yokuba amaGrike amanyane aze alawule amaMedi namaPersi.
[Ibhokisi ekwiphepha 25]
Ekhokelwa nguZerubhabheli, amaSirayeli amalunga nama-50 000 athabatha uhambo lweekhilomitha ezingama-800 ukuya kwezili-1 600 (kuxhomekeka ukuba athabatha yiphi na indlela) ebuyela eYerusalem. Afika apho indlal’ ibomvu. Ilizwe lawo lalisele lineminyaka engama-70 ngoku liyinkangala. Aqalisa ukubuyisela unqulo lokwenyaniso ngokuphinda akhe isibingelelo aze anyuse amadini kuYehova. Uthe xa usiya kusithela owama-537 B.C.E., abhiyozela uMthendeleko weMinquba. (Yer 25:11; 29:10) Emva koko, abeka isiseko sendlu kaYehova.
[Ibhokisi ekwiphepha 25]
IINCWADI ZEBHAYIBHILE EZINEZIGANEKO ZELO XESHA:
UDaniyeli
UHagayi
UZekariya
UEstere
IiNdumiso (inxalenye)
Eyoku-1 neyesi-2 yeziKronike
UEzra
UNehemiya
UMalaki
[Imaphu ekwiphepha 24]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
UBukumkani BamaMedi NamaPersi
A2 IMAKEDONI
A2 ITHRACE
A4 IKirene
A4 ILIBHIYA
B2 IByzantium
B2 ILYDIA
B3 ISardesi
B4 IMemfis (INofu)
B5 IYIPUTA
B5 INo-amon (IThebes)
B5 ISiyene
C3 IKILIKIYA
C3 ITarso
C3 I-Issus
C3 IKarkemishe
C3 ITademore
C3 ISIRIYA
C3 Isidon
C3 IDamasko
C3 ITire
C4 IYerusalem
D2 IPhasis
D2 IARMENIA
D3 IASIRIYA
D3 INineve
D4 IBhabhiloni
E3 IMEDI
E3 IEkbhatana (IAchmetha)
E3 IHYRCANIA
E4 IShushan (ISusa)
E4 IELAM
E4 IPasargadae
E4 IPersepolis
E4 IPERSI
F3 IPARTI
F4 IDRANGIANA
G2 IMaracanda (ISamarkand)
G3 ISOGDIANA
G3 IBACTRIA
G3 IARIA
G4 IARACHOSIA
G4 IGEDROSIA
H5 I-INDIYA
[Ezinye iindawo]
A2 IGRISI
A3 IMarathon
A3 IAthene
A3 ISalami
C1 ISKITIYA
C4 IElati (IEloti)
C4 ITema
D4 IARABHIYA
[Iintaba]
E3 IINTABA ZE-ELBURZ
E4 IINTABA ZEZAGROS
[Amanzi]
B3 Ulwandle LweMeditera (Ulwandle Olukhulu)
C2 Ulwandle Olumnyama
C5 Ulwandle Olubomvu
E2 Ulwandle LweCaspian
E4 IPersian Gulf
[Imilambo]
B4 UmNayile
C3 UmEfrate
D3 ITigrisi
H4 I-Indus
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Amajoni kaKoreshi kwafuneka anqumle iiNtaba zeZagros ukuze aye kufika eBhabhiloni
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Ngasentla: Isango Leentlanga Zonke, ePersepolis
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Umfanekiso omncinane: Ingcwaba likaKoreshi, ePasargadae