2 Samuweli
23 Ngawo la ke amazwi okugqibela kaDavide:+
“Amazwi kaDavide unyana kaYese,+
Namazwi endoda eyomeleleyo eyaphakanyiselwa phezulu,+
Othanjisiweyo+ kaTHIXO kaYakobi,
Nothandekayo kuncuthu lweengoma+ zakwaSirayeli.
3 Watsho uTHIXO kaSirayeli,
ILiwa likaSirayeli lathetha kum,+
‘Xa lowo ulawula uluntu elilungisa,+
Elawula ngokoyika uThixo,+
4 Ngoko kunjengokukhanya kwentsasa, lakukhanyisa ilanga,+
Intsasa engenamafu.
Kwakuqaqamba, kwakubakho imvula, kuphuma ingca emhlabeni.’+
5 Kuba ayinjalo na indlu yam kuThixo?+
Ngenxa yokuba undabele umnqophiso ohlala ngokungenammiselo,+
Obekwe kakuhle ngolungelelwano kuyo yonk’ into nonqatyisiweyo.+
Ngenxa yokuba lusindiso lwam lonke+ noyolo lwam lonke,
Eso ayisosizathu na sokuba eya kukhulisa?+
6 Kodwa abantu abangamatshivela+ bayagxothwa bemke,+ njengamatyholo anameva,+ bonke;
Kuba afanele angathatyathwa ngesandla.
7 Xa umntu ewachukumisa
Ufanele axhobe ngokupheleleyo ngentsimbi nomphini womkhonto,
Yaye aya kutshiswa ngomlilo.”+
8 Ngawo la amagama amadoda kaDavide anamandla:+ uYoshebhi-bhashebheti+ umTahakemoni, intloko kwabathathu. Wayevonyavonya umkhonto wakhe phezu kwamakhulu asibhozo abulawa ngasihlandlo sinye. 9 Ngakuye uEleyazare+ unyana kaDodo+ unyana ka-Ahohi wayephakathi kwamadoda amathathu anamandla awayekunye noDavide xa bawangcikivayo amaFilisti. Babehlanganisene apho edabini, aza ke amadoda akwaSirayeli abuya umva.+ 10 Nguye lowo wesukayo wawaxabela amaFilisti sada isandla sakhe satyhafa yaye isandla sakhe sasuka sanamathela ekreleni,+ ngokokude uYehova enze usindiso olukhulu ngaloo mini;+ yaye ke bona abantu, babuya emva kwakhe ukuza kuthimba nje kuphela abo baxatyelweyo.+
11 Ngakuye yayinguShama unyana ka-Age umHarari.+ AmaFilisti ahlanganisana eLehi, apho ke kwakukho isiqwenga somhlaba sizele ziintlumayo;+ yaye abantu bona basaba ngenxa yamaFilisti. 12 Kodwa yena wema esazulwini sesiqwenga eso wasihlangula waza wawaxabela amaFilisti, yaye uYehova wabasindisa ngosindiso olukhulu.+
13 Kwehla ke isithathu sabaziintloko emashumini amathathu+ saza seza ekuvuneni, kuDavide emqolombeni waseAdulam;+ kwakumiswe inkampu yamaFilisti eyenze idolophana entilini yamaRefa.+ 14 Kwaye uDavide ngoko wayekwindawo ekwakunzima ukuyifikelela;+ yaye inkampu+ yamaFilisti ngoko yayiseBhetelehem. 15 Emva kwethuba uDavide wavakalisa umnqweno wakhe waza wathi: “Owu ukuba nje bendingasela amanzi equla laseBhetelehem elisesangweni!”+ 16 Ngako oko loo madoda mathathu anamandla anyanzelisa angena kwinkampu yamaFilisti aza akha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni yaye eza ewathwele aza awazisa kuDavide;+ kwaye yena akazange avume ukuwasela, kodwa wawathululela+ kuYehova. 17 Waza wahlabela mgama wathi: “Makube lee kum,+ Yehova, ukuba ndingenza oku! [Ndilisele na] igazi+ lamadoda ahambe umphefumlo wawo usesichengeni?” Akavuma ke ukuwasela.
Zizo ke ezo izinto ezenziwa ngala madoda mathathu anamandla.
18 Ke yena uAbhishayi+ umntakwabo Yowabhi unyana kaTseruya,+ wayeyintloko yamashumi amathathu, kwaye wayevonyavonya umkhonto wakhe phezu kwamakhulu amathathu abuleweyo, yaye naye wayedume njengabo bathathu.+ 19 Nangona wayebalasele nangaphezu kwabanye aba bangamashumi amathathu, waza waba yintloko yabo, akafikanga kuluhlu lwabaya bathathu bokuqala.+
20 Ke yena uBhenaya+ unyana kaYehoyada+ unyana wendoda elikroti, owenza izenzo ezininzi eKabhetseli,+ waxabela oonyana ababini baka-Ariyeli wakwaMowabhi; kwaye yena mhla ngekhephu wehla waza waxabela ingonyama+ phakathi emhadini wamanzi.+ 21 Yayinguye lo waxabela indoda engumYiputa eyayinkulu ngokungaqhelekanga.+ Nakuba umYiputa wayenomkhonto esandleni sakhe, ukanti yena wehla waya kuye enentonga, wawuxhwila umkhonto lowo esandleni somYiputa waza wambulala ngomkhonto wakhe.+ 22 Wazenza ezi zinto uBhenaya+ unyana kaYehoyada; yaye wayedume njengamadoda amathathu anamandla.+ 23 Nangona wayebalasele nangaphezu kwamashumi lawo mathathu, akafikanga kuluhlu lwabaya bathathu; kodwa uDavide wammisa waphatha ifanankosi lakhe.+
24 UAsaheli+ umntakwabo Yowabhi wayephakathi kwamashumi lawo mathathu; uElihanan+ unyana kaDodo waseBhetelehem, 25 uShamaha+ umHarodi, uElika umHarodi, 26 uHeletse+ wasePaleti, uIra+ unyana kaIkeshi+ umTekowa, 27 uAbhi-ezere+ umAnatoti,+ uMebhunayi umHusha,+ 28 uTsalmon umAhowa,+ uMaharayi+ umNetofa, 29 uHelebhi+ unyana kaBhahana umNetofa, uItayi+ unyana kaRibhayi waseGibheya woonyana bakaBhenjamin, 30 uBhenaya+ umPiratoni, uHidayi wasentlanjeni yaseGahashe,+ 31 uAbhi-albhon umArbha, uAzimaveti+ umBhar-humi, 32 uEliyabha umShahalebhim, oonyana bakaYashen, uYonatan,+ 33 uShamaha umHarari, uAhiyam+ unyana kaSharare umHarari, 34 uElifelete unyana ka-Ahasebhayi unyana womMahakati, uEliyam unyana ka-Ahitofele+ umGilo, 35 uHetsero+ umKarmele, uParayi waseArabhu, 36 uIgali unyana kaNatan+ waseTsobha, uBhani umGadi, 37 uTseleke+ umAmoni, uNaharayi umBheheroti, abaphathi bezikrweqe zikaYowabhi unyana kaTseruya, 38 uIra umItri,+ uGarebhe+ umItri, 39 u-Uriya+ umHiti—bebonke bengamashumi amathathu anesixhenxe.