Ezra
3 Ekufikeni kwenyanga yesixhenxe+ oonyana bakaSirayeli babekwizixeko zabo. Yaye abantu bahlanganisana eYerusalem+ njengamntu mnye.+ 2 UYeshuwa+ unyana kaYehotsadaki nabazalwana bakhe ababingeleli noZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli+ nabazalwana bakhe besuka baza bakha isibingelelo soTHIXO kaSirayeli, ukuze banikele imibingelelo etshiswayo kuso, njengoko kubhaliwe+ kumthetho kaMoses umntu kaTHIXO oyinyaniso.
3 Ngoko basimisela ngokuqinileyo isibingelelo endaweni yaso,+ kuba bafikelwa kukothuka ngenxa yezizwana zelo lizwe,+ yaye baqalisa ukunikela kuso imibingelelo etshiswayo kuYehova, imibingelelo etshiswayo yakusasa neyangokuhlwa.+ 4 Baza benza umthendeleko weminquba+ njengoko kubhaliwe,+ ngemibingelelo etshiswayo usuku nosuku ngokwenani ngokommiselo woko kwakufanele suku ngalunye.+ 5 Yaye emva koko kwakukho umnikelo otshiswayo+ rhoqo nalowo wokuthwasa kweenyanga+ nowawo onke amaxesha omthendeleko ongcwalisiweyo+ kaYehova naye wonk’ ubani owayenikela ngokuvumayo umnikelo wokuzithandela+ kuYehova. 6 Ukususela kusuku lokuqala lwenyanga yesixhenxe+ kuse phambili baqalisa ukunikela imibingelelo etshiswayo kuYehova, xa isiseko setempile kaYehova sasingekabekwa.
7 Imali bayinika+ abaqingqi+ neengcibi,+ banika amaSidon+ namaTire+ izinto ezidliwayo+ neziselo neoli,+ ukuze bathabathe amaplanga omsedare eLebhanon+ bawase elwandle eYopa,+ ngokwemvume ababeyinikwe nguKoreshi+ ukumkani wasePersi.
8 Yaye ngonyaka wesibini wokuza kwabo endlwini yoTHIXO oyinyaniso eYerusalem, ngenyanga yesibini,+ kwaqala uZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli+ noYeshuwa+ unyana kaYehotsadaki nabanye abazalwana babo, ababingeleli nabaLevi, nabo bonke abo babephuma ekuthinjweni+ eYerusalem; baza ke abaLevi+ bababeka ezikhundleni ukususela kwiminyaka engamashumi amabini ukunyuka ukuba bongamele umsebenzi wendlu kaYehova.+ 9 Ngako oko uYeshuwa,+ oonyana bakhe nabazalwana bakhe, noKademiyeli noonyana bakhe, noonyana bakaYuda, bema njengeqela elinye ukuze bongamele abo babesebenza endlwini yoTHIXO oyinyaniso, kwanoonyana bakaHenadadi,+ oonyana babo nabazalwana babo, abaLevi.
10 Xa abakhi babeka isiseko+ setempile kaYehova, ababingeleli bekwizinxibo zasemthethweni,+ benamaxilongo,+ nabaLevi oonyana baka-Asafu,+ benamacangci,+ bema ukuze badumise uYehova ngokolwalathiso+ lukaDavide ukumkani wakwaSirayeli. 11 Yaye basabela ngokudumisa+ nokubulela kuYehova, “kuba ulungile,+ kuba ububele bakhe bothando kuSirayeli bobexesha elingenammiselo.”+ Bonke ke abantu, bakhwaza kakhulu+ bedumisa uYehova ekubekweni kwesiseko sendlu kaYehova. 12 Ababingeleli abaninzi+ nabaLevi neentloko zezindlu zooyise,+ amadoda amadala awayeyibonile indlu yangaphambili,+ babelila+ ngelizwi elikhulu ekubekweni kwesiseko+ sale ndlu phambi kwamehlo abo, ngoxa abanye abaninzi babephakamisa ilizwi bekhwaza ngovuyo.+ 13 Ngoko ke abantu babengakwazi ukwahlula isandi sokukhwaza ngemihlali+ kwisandi sokulila kwabantu, kuba abantu babekhwaza kakhulu, yaye isandi sasivakala nakude.