INgoma yeZinyuko.
132 Mkhumbulele, Yehova, uDavide+
Konke ukuthotywa kwakhe;+
2 Indlela awafunga ngayo kuYehova,+
Indlela awabhambathisa ngayo kuLowo unaMandla+ kaYakobi wathi:+
3 “Andizi kungena ententeni yendlu yam.+
Andizi kunyuka ndiye emandlalweni kwindawo yam yokuphumla ezukileyo,+
4 Andizi kuwanika ubuthongo,+
Nokozela amehlo am aqaqambileyo,+
5 Ndide ndimfumanele indawo uYehova,+
Umnquba ozukileyo waLowo unaMandla kaYakobi.”+
6 Khangela! Sivile ngawo e-Efratha,+
Siwufumene emihlabeni yehlathi.+
7 Masingene emnqubeni wakhe ozukileyo;+
Masiqubude esitulweni seenyawo zakhe.+
8 Khawusukume, Yehova, uye endaweni yakho yokuphumla,+
Wena neTyeya+ yamandla akho.+
9 Ababingeleli bakho mabambeswe ubulungisa,+
Nabanyanisekileyo bakho mabamemelele ngovuyo.+
10 Ngenxa kaDavide umkhonzi wakho,+
Musa ukubujika ubuso bothanjisiweyo wakho.+
11 UYehova ufungile kuDavide,+
Enyanisweni akayi kuhlehla kuko oko:+
“Owesiqhamo sesisu sakho+
Ndiya kumbeka etroneni yakho.+
12 Ukuba oonyana bakho baya kuwugcina umnqophiso wam+
Nezikhumbuzo zam endiya kubafundisa zona,+
Kwanoonyana babo ngonaphakade+
Baya kuhlala etroneni yakho.”+
13 Kuba uYehova unyule iZiyon;+
Uyilangazelele ukuba ibe yindawo yakhe yokuhlala:+
14 “Yiyo le indawo yam yokuphumla ngonaphakade;+
Ndiya kuhlala apha, kuba ndiyilangazelele.+
15 Isixhaso sayo ndiya kusisikelela nakanjani na.+
Amahlwempu ayo ndiya kuwanelisa ngesonka.+
16 Nababingeleli bayo ndiya kubambesa ngosindiso;+
Nabanyanisekileyo bayo nakanjani na baya kumemelela ngovuyo.
17 Ndiya kulukhulisa apho uphondo lukaDavide.+
Lowo uthanjisiweyo wam ndimmisele ngolungelelwano isibane.+
18 Iintshaba zakhe ndiya kuzambesa ngehlazo;+
Kodwa kuye isithsaba+ sakhe siya kuchuma.”+