INdumiso
Kumalathisi. Uncuthu lwengoma kaDavide.
2 Usuku emva kolunye usuku lubangela ukumpompoza kwentetho,+
Yaye ubusuku emva kobunye ubusuku bubonakalisa ulwazi.+
4 Ulutya lwawo lokulinganisa luphume lwaya emhlabeni wonke,+
Namazwi awo aya esiphelweni somhlaba onemveliso.+
Ulimisele kuwo ilanga intente,+
5 Kwaye lifana nomyeni xa ephuma egumbini lakhe lomsitho womtshato;+
Ligcoba njengokuba isenza indoda enamandla ukuze ibaleke emendweni.+
6 Liphuma kwesinye isiphelo samazulu,
Lize liwugqibe umjikelo walo kwesinye isiphelo sawo;+
Yaye akukho nto ifihliweyo kubushushu balo.+
7 Umthetho+ kaYehova ugqibelele,+ ubuyisa umphefumlo.+
Isikhumbuzo+ sikaYehova sikholosekile,+ simenza abe nobulumko ongenamava.+
9 Ukoyika+ uYehova kusulungekile, kumi ngonaphakade.
Izigwebo+ zikaYehova ziyinyaniso;+ zingqineke zibubulungisa ngokupheleleyo.+
10 Zinqweneleka ngakumbi kunegolide, ewe, kunegolide esulungekiswe kakhulu;+
Yaye zimnandi ngakumbi kunobusi+ nencindi yobusi bamanqatha.+