EkaDavide.
28 Ndiqhubeka ndibiza wena, Yehova.+
Owu Liwa lam, musa ukuba sisithulu kum,+
Ukuze ungathi cwaka kum+
Ukuze kungafuneki ndifane nabo bahlela emhadini.+
2 Live ilizwi lokubongoza kwam xa ndikhalela uncedo kuwe,
Xa ndiphakamisela izandla zam+ kwelona gumbi lingaphakathi lendawo yakho engcwele.+
3 Musa ukunditsala kunye nabantu abangendawo nabo baqhelisela oko kwenzakalisayo,+
Abo bathetha uxolo namaqabane abo+ kodwa ezintliziyweni zabo kukho okubi.+
4 Banike ngokokwenza kwabo+
Nangokobubi boqheliselo lwabo.+
Banike ngokomsebenzi wezandla zabo.+
Babuyisele ngokokwenza kwabo.+
5 Kuba abayihloneli imisebenzi kaYehova,+
Nemisebenzi yezandla zakhe.+
Uya kubachitha angabakhi.
6 Makabongwe uYehova kuba elivile ilizwi lezibongozo zam.+
7 UYehova ungamandla am+ nekhaka lam.+
Intliziyo yam ikholose ngaye,+
Yaye ndincediwe, ukuze intliziyo yam igcobe,+
Yaye ndiya kumbonga ngengoma yam.+
8 UYehova ungamandla kubantu bakhe,+
Kwaye uligwiba losindiso oluzukileyo labathanjiswa bakhe.+
9 Basindise abantu bakho, ulisikelele ilifa lakho;+
Ubaluse uze ubathwale ukusa kwixesha elingenammiselo.+