Eksodus
30 “Uze wenze isibingelelo esiyindawo yesiqhumiso;+ usenze ngomthi womnga. 2 Ubude baso boba yikubhite nobubanzi baso bube yikubhite, sibe namacala amane alinganayo, kuze kona ukuphakama kwaso kube ziikubhite ezimbini. Ziphume kuso iimpondo zaso.+ 3 Umphezulu waso wowaleka ngegolide esulungekileyo, namacala aso onke, neempondo zaso; uze usijikeleze ngomphetho wegolide.+ 4 Wosenzela namakhonkco egolide abe mabini. Uze uwenze ngezantsi komphetho waso macala omabini, abe ziindawo zokuxhasa izibonda zokusithwala.+ 5 Zona izibonda umele uzenze ngomthi womnga, uzaleke ngegolide.+ 6 Uze usibeke phambi kwekhuselo elikufuphi netyeya yesingqino,+ phambi kwesigubungelo esiphezu kweSingqino, apho ndiya kuhlangana nawe khona.+
7 “Woqhumisela kuso+ uAron ngesiqhumiso sobulawu.+ Imiso ngemiso, woqhumisela ngaso ekulungiseni kwakhe izibane.+ 8 Ekuzikhanyiseni kwakhe uAron izibane phakathi kweengokuhlwa ezimbini, woqhumisela ngaso. Siya kwenziwa rhoqo isiqhumiso eso phambi koYehova ezizukulwaneni zenu. 9 Kuso nize ninganyusi siqhumiso singekho sikweni+ okanye umnikelo otshiswayo okanye umnikelo wokudla okuziinkozo; nomnikelo othululwayo nize ningawuthululeli kuso. 10 UAron makacamagushele iimpondo zaso kube kanye ngonyaka.+ Asicamagushele ngenxalenye yegazi lomnikelo wesono+ lokucamagusha kube kanye ngonyaka, ezizukulwaneni zenu. Sisesona singcwele kuYehova.”
11 Waqhubeka uYehova ethetha kuMoses, wathi: 12 “Xa ubala inani loonyana bakaSirayeli,+ ngoko ngamnye kubo makanikele intlawulelo yomphefumlo wakhe kuYehova ekubalweni kwabo,+ ukuze kungabikho sibetho kubo ekubalweni kwabo.+ 13 Naku abaya kukunikela bonke abadlulela kwababaliweyo: isiqingatha seshekele ngokweshekele yendawo engcwele.+ Ishekele leyo ilingana neegera ezingamashumi amabini. Isiqingatha seshekele leyo soba ngumnikelo kuYehova.+ 14 Wonk’ ubani odlulela kwabo babhalisiweyo, besusela kwabangamashumi amabini eminyaka ubudala kuse phambili, makamnike uYehova umnikelo.+ 15 Isityebi masinganikeli ngakumbi, nosweleyo makanganikeli ngaphantsi kwesiqingatha seshekele,+ ekunikeleni kwenu umnikelo kuYehova ukuze kucanyagushelwe imiphefumlo yenu.+ 16 Uze uyithabathe imali yesilivere yokucamagusha koonyana bakaSirayeli, uyinikele enkonzweni yentente yokuhlangana,+ ukuze ibe sisikhumbuzo ngenene koonyana bakaSirayeli phambi koYehova, sokucanyagushelwa kwemiphefumlo yenu.”
17 Wathetha ngokubhekele phaya uYehova kuMoses, wathi: 18 “Yenza isitya sokuhlambela sobhedu,+ nesiphatho saso sobhedu, usibeke phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo uze ugalele amanzi kuso.+ 19 UAron noonyana bakhe bamele bahlambele kuso izandla neenyawo zabo.+ 20 Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana bohlamba ngamanzi ukuze bangafi, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni ukuze balungiselele, baqhumisele ngomnikelo wasemlilweni kuYehova.+ 21 Bamele bahlambe izandla zabo neenyawo zabo ukuze bangafi,+ oko kube ngummiselo kubo kuse kwixesha elingenammiselo, kuye nakwinzala yakhe ezizukulwaneni zayo.”+
22 Waqhubeka uYehova ethetha kuMoses, esithi: 23 “Wena ke, zithabathele obona bulawu bubalaseleyo:+ amagaqa emore+ abe ngumlinganiselo wamakhulu amahlanu, nesinamon emnandi+ esisiqingatha soko, ibe ngumlinganiselo wamakhulu amabini anamashumi amahlanu, nekalamo emnandi+ ibe ngumlinganiselo wamakhulu amabini anamashumi amahlanu, 24 nekasiya+ ibe ngumlinganiselo wamakhulu amahlanu ngokweshekele yendawo engcwele,+ nehin yeoli yeminquma.+ 25 Wothi ke wenze ioli engcwele yokuthambisa, umxube wesithambiso, njengoko esenza umenzi wezithambiso.+ Yoba yioli engcwele yokuthambisa.+
26 “Uze uthambise ngayo intente yokuhlangana+ netyeya yesingqino, 27 netafile nempahla yayo yonke nesiphatho sezibane nempahla yaso nesibingelelo sokuqhumisela, 28 nesibingelelo somnikelo otshiswayo nempahla yaso yonke nesitya nesiseko saso. 29 Uze uzingcwalise ukuze zibe zezona zingcwele.+ Nabani na ozichukumisayo woba ngcwele.+ 30 UAron+ noonyana bakhe+ uze ubathambise, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum.+
31 “Wothetha koonyana bakaSirayeli, uthi: ‘Yoba yioli engcwele yokuthambisa kum le kwizizukulwana zenu.+ 32 Ize ingathanjiswa nyameni yamntu, yaye nize ningenzi enjengayo ngomxube wayo. Ingcwele yona. Mayihlale ingcwele kuni. 33 Nabani na owenza isithambiso esinjengayo nosukuba ethambisa ngayo owasemzini makanqunyulwe angabikho ebantwini bakowabo.’”+
34 Wahlabela mgama wathi uYehova kuMoses: “Zithabathele ubulawu:+ amafutha estorakisi neonika negalebhana yobulawu nentlaka yokuqhumisa esulungekileyo.+ Mazibe yimilinganiselo elinganayo. 35 Uze wenze ngabo isiqhumiso,+ umxube oqholiweyo, ngokomenzi wezithambiso, uwugalele ityuwa,+ usulungeke, ube yinto engcwele. 36 Woyiguba inxalenye yawo ibe ngumgubo ocolekileyo uze uyibeke phambi kweSingqino ententeni yokuhlangana,+ apho ndiya kuhlangana nawe khona.+ Yoba yeyona ingcwele kuni. 37 Nize ningazenzeli isiqhumiso esinjengeso uya kusenza ngalo mxube.+ Kuwe simele sibe njengento engcwele kuYehova.+ 38 Nabani na owenza esinjengaso ukuze anandiphe ivumba laso makanqunyulwe+ angabikho ebantwini bakowabo.”