Eksodus
31 Waqhubeka uYehova ethetha kuMoses, esithi: 2 “Uyabona, ndibize ngegama uBhetsaleli+ unyana kaUri, unyana kaHure wesizwe sakwaYuda.+ 3 Ndomzalisa ngomoya kaThixo, ngobulumko nangokuqonda nangolwazi nangalo lonke uhlobo lobungcibi,+ 4 ukuze ayile amacebo, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu,+ 5 axonxe amatye, awaqingqe,+ axonxe nemithi ukuze enze imveliso yalo lonke uhlobo.+ 6 Yabona! mna ndityumbe kunye naye uOholiyabhi unyana ka-Ahisamaki wesizwe sakwaDan,+ nasentliziyweni yakhe wonk’ ubani olumkileyo entliziyweni ndibeke ubulumko, ukuze bazenze ngokwenene zonke izinto endikuyalele ngazo:+ 7 intente yokuhlangana+ neTyeya+ yesingqino nesigubungelo esiphezu kwayo,+ nempahla yonke yentente, 8 netafile nempahla yayo,+ nesiphatho sezibane segolide esulungekileyo nempahla yaso yonke,+ nesibingelelo sokuqhumisela,+ 9 nesibingelelo somnikelo otshiswayo nempahla yaso yonke,+ nesitya nesiphatho saso,+ 10 nezambatho ezinithiweyo nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli nezambatho zoonyana bakhe abakhonza njengababingeleli;+ 11 neoli yokuthambisa nesiqhumiso sobulawu sengcwele.+ Baya kwenza njengako konke endikuyalele ngako.”
12 Wathi uYehova ngokubhekele phaya kuMoses: 13 “Thetha ke wena koonyana bakaSirayeli, uthi, ‘Gcinani ngokukodwa iisabatha zam,+ kuba ingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo.+ 14 Yaye nimele niyigcine isabatha, kuba ingcwele kuni.+ Lowo uyihlambelayo wobulawa afe.+ Ukuba kukho nabani na owenza umsebenzi ngayo, loo mphefumlo mawunqunyulwe ebantwini bakowawo.+ 15 Nosebenza imihla emithandathu, kodwa ngomhla wesixhenxe yisabatha yokuphumla ngokupheleleyo.+ Ingcwele kuYehova. Nabani na owenza umsebenzi ngomhla wesabatha wobulawa afe. 16 Oonyana bakaSirayeli mabayigcine ke isabatha, bayenze isabatha kwizizukulwana zabo. Ingumnqophiso wexesha elingenammiselo.+ 17 Phakathi kwam noonyana bakaSirayeli ingumqondiso wexesha elingenammiselo,+ kuba ngemihla emithandathu uYehova wenza amazulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, wazihlaziya.’”+
18 Akugqiba ukuthetha naye eNtabeni yeSinayi wamnika uMoses amacwecwe amabini eSingqino,+ amacwecwe amatye ebhalwe ngomnwe kaThixo.+