IMizekeliso
12 Othanda ingqeqesho uthanda ukwazi,+ kodwa umthiyi wesohlwayo akaqiqi.+
2 Olungileyo uzuza inkoliseko kaYehova,+ kodwa umntu weengcinga ezingendawo umvakalisa engongendawo.+
3 Akukho mntu uya kumiselwa ngokuqinileyo bubungendawo;+ kodwa yona ingcambu yamalungisa, ayisayi kushukunyiswa.+
4 Umfazi ofanelekileyo usisithsaba kumnini wakhe,+ kodwa owenza okuziintloni unjengokubola emathanjeni akhe.+
5 Iingcamango zamalungisa zisisigwebo;+ ukulawulwa ngabangendawo yinkohliso.+
6 Amazwi abangendawo alalela igazi,+ kodwa umlomo wabathe tye uya kubahlangula.+
7 Abangendawo bayabhukuqwa bangabikho,+ kodwa indlu yamalungisa iya kuqhubeka imile.+
8 Ngokuba umntu omlomo unengqiqo uya kudunyiswa,+ kodwa ontliziyo ijijekileyo uya kudelwa.+
9 Ulunge ngakumbi ojongelwe phantsi enomkhonzi ngaphezu kozizukisayo kodwa eswele isonka.+
10 Ilungisa liyawunyamekela umphefumlo wesilwanyana sasekhaya,+ kodwa inceba yabangendawo iyinkohlakalo.+
11 Owulimayo umhlaba wakhe uya kwanela sisonka,+ kodwa osukela izinto ezingenaxabiso uswele intliziyo.+
12 Ongendawo unqwenela ixhoba elibanjiswe ngomnatha womntu onobubi;+ kodwa ke ingcambu yamalungisa, iyavelisa.+
13 Ngokunxaxha kwemilebe umntu onobubi uyarhintyelwa,+ kodwa ilungisa liyaphuma embandezelweni.+
14 Ngesiqhamo somlomo wayo indoda iyanela kokulungileyo,+ nesenzo sezandla zomntu siya kubuyela kuye.+
15 Indlela yesidenge ilungile emehlweni aso,+ kodwa ophulaphula icebiso sisilumko.+
16 Ngumntu osisidenge owazisa ingqumbo yakhe kwangaloo mini,+ kodwa onobuqili ugubungela ihlazo.+
17 Ophefumla ukuthembeka uya kuxela ubulungisa,+ kodwa ingqina elixokayo, lixela inkohliso.+
18 Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele,+ kodwa ulwimi lezilumko luyaphilisa.+
19 Ngumlebe wenyaniso+ oya kumiselwa ngokuqinileyo ngonaphakade,+ kodwa ulwimi lobuxoki luya kuba lolwephanyazo.+
20 Inkohliso isentliziyweni yabo bayila ububi,+ kodwa abo baceba uxolo banemihlali.+
21 Ilungisa+ aliyi kuhlelwa yinto eyenzakalisayo, kodwa abangendawo ngokuqinisekileyo baya kuzaliswa yintlekele.+
22 Imilebe exokayo iyinto ecekisekayo kuYehova,+ kodwa abo bathembekileyo uyakholiswa ngabo.+
23 Umntu onobuqili ugubungela ukwazi,+ kodwa intliziyo yeziyatha imemeza ubudenge.+
24 Isandla sabakhutheleyo siya kulawula,+ kodwa isandla esidangeleyo siya kusebenza ngokuqhutywa ngebhaxa.+
25 Inyameko yokuxhalaba esentliziyweni yendoda iya kuyibangela ukuba iqubude,+ kodwa ilizwi elilungileyo liyenza ibe nemihlali.+
26 Ilungisa lihlola idlelo lalo, kodwa indlela yabangendawo ibabangela babhadule.+
27 Odangeleyo akayi kuzisukela iinyamakazi,+ kodwa okhutheleyo yindyebo yomntu exabisekileyo.
28 Busemendweni wobulungisa ubomi,+ nokuhamba emendweni wabo kuthetha ukungafi.+