ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi YeMizekeliso
UKUMKANI USOLOMON wakwaSirayeli mandulo “wayenokuthetha imizekeliso engamawaka amathathu.” (1 Kumkani 4:32) Ngaba sinokuwazi la mazwi akhe obulumko? Ewe, sinako. Incwadi yeBhayibhile yeMizekeliso, eyagqitywa ukubhalwa ngowe-717 B.C.E., inemizekeliso kaSolomon emininzi. Zizahluko ezibini zokugqibela kuphela ekuthiwa zabhalwa ngabanye ababhali—uAgure unyana kaYake nokumkani uLemuweli. Noko ke, bambi bakholelwa ukuba uLemuweli lelinye igama likaSolomon.
Amazwi aphefumlelweyo akwincwadi yeMizekeliso abhalelwe izizathu ezibini—‘ukuba ubani azi ubulumko nengqeqesho.’ (IMizekeliso 1:2) La mazwi asinceda sifumane ubulumko, obuthetha ukubona izinto ngokucacileyo nokusebenzisa ulwazi ukuze sicombulule iingxaki. Kule mizekeliso sifumana nengqeqesho okanye indlela yokuziphatha ngokufanelekileyo. Ukunikel’ ingqalelo kule mizekeliso nokuphulaphula icebiso layo kunokuchaphazela iintliziyo zethu, kusizisele ulonwabo size siphumelele.—Hebhere 4:12.
‘ZUZA UBULUMKO UBAMBE INGQEQESHO’
USolomon uthi: “Ubulumko bokwenyaniso buhlala budanduluka kakhulu esitratweni.” (IMizekeliso 1:20) Kutheni simele siphulaphule ilizwi labo elikhulu nelicacileyo? Isahluko 2 sichaza iinzuzo ezininzi ezifumaneka ngokuba nobulumko. Isahluko 3 sichaza indlela yokufumana ulwalamano noYehova. Wandula ke uSolomon athi: “Ubulumko yinto eyintloko. Zuza ubulumko; kunye nako konke oko ukuzuzayo, zuza ukuqonda. Bamba ingqeqesho; musa ukuyiyeka.”—IMizekeliso 4:7, 13.
Yintoni eya kusinceda sixhathise iindlela zokuziphatha okubi zeli hlabathi? Isahluko 5 seMizekeliso siyaphendula: Sebenzisa amandla okucinga, uze uzibone iindlela zehlabathi eziyimigibe. Cinga nangemiphumo emibi yokuziphatha kakubi. Isahluko esilandelayo silumkisa ngemikhwa nezimo zengqondo ezinokonakalisa ulwalamano lwethu noYehova. Isahluko 7 sisinika inkcazelo ebalulekileyo ngendlela azenza ngayo izinto umntu oziphethe kakubi. Isahluko 8, sichaza ngendlela ebangel’ umdla ukuxabiseka kobulumko nesibongozo sabo. Isahluko 9, esiqukumbela imizekeliso yokuqala exutyushiweyo, sinomzekeliso ochukumisayo osikhuthaza ukuba sifune ubulumko.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:7; 9:10—Ukoyika uYehova “kukuqalisa kolwazi” ‘nokuqala kobulumko’ ngayiphi indlela? Ukuba asimoyiki uYehova asinakuba nalwazi, kuba unguMdali wazo zonke zinto noMbhali weZibhalo. (Roma 1:20; 2 Timoti 3:16, 17) UnguMthombo walo lonke ulwazi lokwenyaniso. Ngenxa yoko, ulwazi lwenza ubani aqalise ukumoyika nokumhlonela ngokunzulu uYehova. Ukoyika uThixo sisiqalo sobulumko kuba ngaphandle kolwazi ubani akunakuba nobulumko. Ngaphezu koko, umntu ongamoyikiyo uYehova akanakusebenzisa naluphi na ulwazi analo ukuzukisa uMdali.
5:3—Kutheni unongogo ebizwa ngokuba ‘ngumfazi wasemzini’? IMizekeliso 2:16, 17 ichaza “umfazi wasemzini” njengomntu “owulibeleyo umnqophiso woThixo wakhe.” Nabani na owayenqula oothixo bobuxoki okanye etyeshela uMthetho kaMoses, kuquka unongogo, kwakusithiwa ngowasemzini.—Yeremiya 2:25; 3:13.
7:1, 2—Aquka ntoni “amazwi am” ‘nemiyalelo yam’? Ukongezelela kwiimfundiso zeBhayibhile, aquka imithetho yentsapho, okanye imimiselo ebekwe ngabazali ukuze kungenelwe amalungu entsapho. Abaselula bamele bayithobele kuquka neemfundiso zeZibhalo abazifumana kubazali babo.
8:30—Ngubani ‘umsebénzi onobuchule’? Ubulumko obumntwisiweyo, buzibiza ngokuba bungumsebenzi onobuchule. Esi simntwiso asisetyenziswanga ukuchaza iimpawu zobulumko nje kuphela, kodwa sibhekisela ngokufuziselayo kuNyana kaThixo olizibulo, uYesu Kristu, ngaphambi kokuba abe ngumntu. Kudala ngaphambi kokuba azalwe njengomntu emhlabeni, ‘waveliswa njengentlahlela yendlela kaThixo.’ (IMizekeliso 8:22) ‘Njengomsebénzi onobuchule,’ wayesebenza noYise ekudalweni kwezinto zonke.—Kolose 1:15-17.
9:17—Ayintoni “amanzi abiweyo,” ibe kutheni ‘emnandi’ nje? Ekubeni iBhayibhile ifanisa uyolo lweentlobano zesini emtshatweni njengokusela amanzi acocekileyo equleni, amanzi abiweyo amela ukuziphatha kakubi kwesini ngokufihlakeleyo. (IMizekeliso 5:15-17) Xa bengekabhaqwa abo benza lo mkhwa, lo nto yenza la manzi abe ngathi amnandi.
Oko Sikufundayo:
1:10-14. Simele sikuphephe ukubanjiswa kwiindlela ezimbi zaboni abathembisa ubutyebi.
3:3. Simele sibuxabise gqitha ububele bothando nenyaniso size ezo mpawu sizibonise ngokucacileyo njengoko besiya kwenjenjalo kwisacholo sexabiso. Ezi mpawu simele sizibhale nasezintliziyweni zethu, zibe yeyona nxalenye ibalulekileyo yobomi bethu.
4:18. Ulwazi lokomoya lukhula ngokuthe ngcembe. Ukuze sihlale sisekukhanyeni, simele siqhubeke sibonakalisa ukuthobeka nokululama.
5:8. Simele siziphephe zonke iimpembelelo zokuziphatha okubi, enoba ziza ngomculo, ukuzonwabisa, i-Internet okanye iincwadi namaphephancwadi.
5:21. Ngaba umntu othanda uYehova unokonakalisa ulwalamano oluhle analo noThixo oyinyaniso ngenxa nje yolonwabo lomzuzwana? Nakanye! Eyona nto isenza sihlale siziphatha ngendlela ecocekileyo kungenxa yokuba siyazi ukuba uYehova uyazibona iindlela zethu ibe uza kusiphendulisa.
6:1-5. Ezi ndinyana zisinika icebiso elihle lokuba sibuphephe ubuyatha ‘bokumela’ abanye okanye ukuzibophelela kwimicimbi edibene nemali ngenxa yabanye. Ukuba emva kokuba sizihlolisise ngenyameko izinto siyabona ukuba asenzanga ngobulumko, simele singaphozis’ amaseko ‘ukulithukuthezela idlelane lethu’ silicenge size senze konke esinako ukulungisa izinto.
6:16-19. Ezi zinto zisixhenxe ziquka phantse zonke iintlobo zokwenza okubi. Simele sizithiye.
6:20-24. Ukuqeqeshwa ngemithetho yeBhayibhile kwasebuntwaneni kunokunceda ubani angangeni emgibeni wokuziphatha okubi ngokwesini. Abazali abamele bakubethe ngoyaba ukudlulisela olo qeqesho.
7:4. Simele sibuthande ubulumko nokuqonda.
IMIZEKELISO YOKUSIKHOKELA
Imizekeliso kaSolomon eseleyo inamazwi angqalileyo. Ngokuyintloko ithetha ngezinto ezichaseneyo, ezinxulumeneyo ize yenze nothelekiso, ukudlulisela isifundo esibalulekileyo sokuziphatha, intetho nesimo sengqondo.
Isahluko 10 ukusa kwesama-24 zigxininisa ukubaluleka kokuba nentlonelo enzulu kuYehova. Imizekeliso isahluko 25 ukusa kwesama-29 yabhalwa “ngamadoda kaHezekiya ukumkani wakwaYuda.” (IMizekeliso 25:1) Le mizekeliso isifundisa ukukholosa ngoYehova nezinye izifundo ezibalulekileyo.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
10:6—‘Umlomo wabangendawo, ulugubungela njani ugonyamelo’? Oku kusenokwenzeka ngokuthi abangendawo basebenzise intetho egudileyo ukuquma izenzo zabo zenkohlakalo zokwenzakalisa abanye. Okanye ekubeni abangendawo ngokuqhelekileyo bephathwa kakubi, loo nkohlakalo bayifumanayo ibenza bathi cwaka.
10:10—Uyibangela njani intlungu “oqoba iliso lakhe”? “Umntu olitshivela” usenokungasebenzisi ‘intetho enobugwenxa’ kuphela kodwa usenokuzama ukufihla iinjongo zakhe ngokwenza izimbo zomzimba ‘njengokuqoba iliso lakhe.’ (IMizekeliso 6:12, 13) Olu hlobo lwenkohliso lunokwenza baxinezeleke abo abakhohlisayo.
10:29—Iyintoni “indlela kaYehova”? Apha kubhekiselwa kwindlela uYehova aqhubana ngayo nabantu kungekhona kwindlela esimele siphile ngayo. Indlela uThixo aqhubana ngayo nabantu iyinkuselo kwabo bangenasiphoso kodwa intshabalalo kwabangendawo.
11:31—Kutheni ongendawo emele avuzwe ngaphezu kwelungisa? Umvuzo ekuthethwa ngawo apha ubhekisela kumlinganiselo wesohlwayo esifunyanwa ngumntu ngamnye. Xa ilungisa lisenza isiphoso, lifumana umvuzo osisohlwayo ngenxa yeziphoso zalo. Ongendawo wona ngabom aze angafuni ukujika enze okulungileyo. Ngoko ufanele afumane isohlwayo esiqatha.
12:23—Ubani ‘ukugubungela njani ukwazi’? Ukugubungela ulwazi akuthethi kuthi ubani akalubonisi kwaphela. Kunoko, kuthetha ukuba ulwazi lwakhe ulubonisa ngobulumko, akacel’ injezu okanye azigwagwise ngalo.
14:17—‘Indoda enamandla okucinga ithiyeka’ njani? Ibinzana lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “amandla okucinga” lisenokuthetha ingqiqo okanye iingcinga ezingendawo. Kakade ke, umntu oneengcinga ezingendawo uthiyekile. Kukwanjalo nangomntu onengqiqo osebenzisa amandla akhe okucinga aze akhethe ‘ukungabi yonxalenye yehlabathi.’—Yohane 15:19.
18:19—“Umzalwana ekunxaxhwe nxamnye naye ungaphezu kwedolophu eyomeleleyo” njani? Njengedolophu eyomeleleyo engqingiweyo, umntu onjalo unokwala ngokupheleleyo ukuxolela lowo umonileyo. Imbambano ephakathi kwakhe nalowo umonileyo kungalula ukuba ibe ngumqobo “njengomvalo wenqaba yokuhlala.”
Oko Sikufundayo:
10:11-14. Ukuze sithethe izinto ezakhayo, iingqondo zethu zimele zizaliswe lulwazi oluchanileyo, sibe nothando oluphuma entliziyweni, nomlomo wethu ulawulwe bubulumko.
10:19; 12:18; 13:3; 15:28; 17:28. Simele sicinge ngaphambi kokuba sithethe size singathethi kakhulu.
11:1; 16:11; 20:10, 23. UYehova ufuna sinyaniseke kwezoshishino.
11:4. Bubudenge ukusukela izinto eziphathekayo ngoxa utyeshela isifundo seBhayibhile sobuqu, ukuya kwiintlanganiso, ukuthandaza nobulungiseleli basentsimini.
13:4. Akwanele nje ‘ukunqwenela’ ukuba nembopheleleko ebandleni okanye ukuphila kwihlabathi elitsha. Simele sikhuthale senze umgudu wokufikelela izinto eziyimfuneko.
13:24; 29:15, 21. Umzali onothando akamtefisi umntwana wakhe okanye azibethe ngoyaba iziphoso zakhe. Kunoko, utata okanye umama wenza okuthile ukulungisa ezo ziphoso ngaphambi kokuba zendele.
14:10. Ekubeni eyona ndlela sivakalelwa ngayo ingenakusoloko ichazwa kakuhle okanye iqondwe ngabanye, ngoko abanako ukusithuthuzela ngokupheleleyo. Kusenokufuneka sinyamezele ubunzima obuthile ngokukholosa ngoYehova kuphela.
15:7. Asimele sixelele umntu yonke into esiyaziyo ngaxeshanye, kanye njengokuba umlimi engagaleli yonke imbewu yakhe endaweni enye. Isilumko sisasaza ulwazi lwaso ngokuthe ngcembe xa kuyimfuneko.
15:15; 18:14. Ukuba nesimo sengqondo esihle kuya kusinceda sifumane ulonwabo, kwanaxa sixinezelekile.
17:24. Ngokungafaniyo ‘nesiyatha,’ esinamehlo nengqondo ebhadulayo kunokuba sinikel’ ingqalelo kwizinto ezibalulekileyo, simele sifune ukuqonda ukuze senze ngobulumko.
23:6-8. Simele sibuphephe ububele bokuhanahanisa.
27:21. Ukudunyiswa kunokutyhila oko sikuko. Ukuba ukudunyiswa kusenza sivume ukuba sinetyala kuYehova kuze kusikhuthaze ukuba siqhubeke simkhonza, lo nto iya kutyhila ukuba sithobekile. Ukuba ukudunyiswa kusenza sizive siphakamile oko kuya kubonisa ukuba asithobekanga.
27:23-27. Isebenzisa umzekelo wokwalusa, le mizekeliso igxininisa ukubaluleka kokwaneliswa kukuphila ubomi obulula obubangelwa kukusebenza ngenkuthalo. Ifanele ibethelele kuthi ukubaluleka kokukholosa ngoThixo.a
28:5. Ukuba ‘sifuna uYehova’ ngokuthandaza nokufunda iLizwi lakhe, ‘sinokuqonda yonk’ into’ efunekayo ukuze simkhonze ngendlela eyamkelekileyo.
‘IZIGIDIMI EZINZIMA’
Incwadi yeBhayibhile yeMizekeliso iqukumbela ‘ngezigidimi ezinzima’ ezibini. (IMizekeliso 30:1; 31:1) Sithelekisa ngendlela eyenza ubani azikise ukucinga, isigidimi sika-Agure sibonisa indlela angakwazi ngayo ukwanela umntu onyolukileyo nendlela ezifihlakele ngayo iindlela ezinokusetyenziswa yindoda ukulukuhla ibhinqa elingatshatanga.b Sikwalumkisa ngengozi yokuziphakamisa nokuthetha ngomsindo.
Isigidimi esinzima uLemuweli awasifumana kunina siqulethe icebiso lobulumko ngokusebenzisa iwayini nesiselo esinxilisayo nokugweba ngobulungisa. Inkcazelo engomfazi olungileyo iqukumbela ngala mazwi: “Mnikeni kwiziqhamo zezandla zakhe, imdumise emasangweni imisebenzi yakhe.”—IMizekeliso 31:31.
Yiba nobulumko, yamkela uqeqesho, hlakulela ukoyika uThixo uze ukholose ngoYehova. Imizekeliso ephefumlelweyo isifundisa izifundo ezibaluleke ngokwenene! Masenze konke okusemandleni ethu ukusebenzisa amacebiso ayo size sibe noyolo olufunyanwa ‘ngumntu owoyika uYehova.’—INdumiso 112:1.
[Imibhalo esemazantsi]
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
UYehova unguMthombo wolwazi lokwenyaniso
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Kuthetha ukuthini ‘ukuchithachitha ukwazi’?