Marko
2 Noko ke, emva kweentsuku ezithile wangena kwakhona eKapernahum yaye kwabakho ingxelo yokuba usekhaya.+ 2 Ngenxa yoko abaninzi bahlanganisana, kangangokuba kwakungasekho ndawo, ingekho kwanangasemnyango, waza waqalisa ukuthetha ilizwi+ kubo. 3 Yaye kwafika abantu bemzisele ofe umzimba ethwelwe ngabane.+ 4 Kodwa bengakwazi ukumzisa kanye kuYesu ngenxa yesihlwele, bashenxisa uphahla apho wayekhona, baza bakuba begqobhozile baluhlisa ukhuko awayelele kulo lowo ufe umzimba.+ 5 Yaye xa uYesu wabona ukholo lwabo+ wathi kofe umzimba: “Mntwana, izono zakho zixolelwe.”+ 6 Ke kaloku kwakukho abathile bababhali apho, behleli yaye beqiqa ezintliziyweni zabo ngelithi:+ 7 “Kutheni lo mntu ethetha ngolu hlobo? Uyanyelisa. Ngubani onokuxolela izono ngaphandle komnye, uThixo?”+ 8 Kodwa uYesu, eqondile ngoko nangoko ngomoya wakhe ukuba babeqiqa ngaloo ndlela, wathi kubo: “Kutheni niqiqa ezi zinto ezintliziyweni zenu?+ 9 Kukuphi okulula ngakumbi, ukuthi kofe umzimba, ‘Izono zakho zixolelwe,’ okanye ukuthi, ‘Sukuma uthabathe ukhuko lwakho uhambe’?+ 10 Kodwa ukuze nazi ukuba uNyana womntu+ unegunya lokuxolela izono phezu komhlaba,”+—wathi kofe umzimba: 11 “Ndithi kuwe, Sukuma, thabatha ukhuko lwakho, uhambe ugoduke.”+ 12 Ngako oko wasukuma, yaye ngoko nangoko wathabatha ukhuko lwakhe waza waphuma phambi kwabo bonke,+ kangangokuba basuka nje bathabatheka bonke, baza bamzukisa uThixo, besithi: “Asizange siyibone into enjengale.”+
13 Kwakhona waya ngaselwandle; yaye sonke isihlwele saqhubeka sisiza kuye, waqalisa ukusifundisa. 14 Kodwa njengoko wayedlula, wabona uLevi+ unyana ka-Alfeyu ehleli kwiofisi yerhafu, waza wathi kuye: “Yiba ngumlandeli wam.” Waphakama wamlandela.+ 15 Kamva wangqendeva etafileni endlwini yakhe, yaye abaqokeleli berhafu+ naboni abaninzi babengqendeve noYesu nabafundi bakhe, kuba kwakukho abaninzi babo yaye baqalisa ukumlandela.+ 16 Kodwa ababhali babaFarisi, bakubona ukuba wayesidla naboni nabaqokeleli berhafu, bathi kubafundi bakhe: “Ngaba udla nabaqokeleli berhafu naboni?”+ 17 Akukuva oku uYesu wathi kubo: “Kwabo bomeleleyo akufuneki gqirha, kodwa kwabo bagulayo uyafuneka. Ndize kubiza, kungekhona abantu abangamalungisa, kodwa aboni.”+
18 Ke kaloku abafundi bakaYohane nabaFarisi babezila ukutya. Ngoko beza kuye baza bathi: “Kutheni abafundi bakaYohane nabafundi babaFarisi bezila ukutya, kodwa abakho abafundi bengakuzili ukutya?”+ 19 Waza uYesu wathi kubo: “Ngoxa umyeni ekunye nabo abahlobo bomyeni abanako ukuzila ukutya,+ andibi kunjalo? Lo gama umyeni ekunye nabo abanako ukuzila ukutya.+ 20 Kodwa iya kufika imihla yaxa umyeni eya kususwa kubo, yaye baya kwandula ke bazile ukutya ngaloo mhla.+ 21 Akukho bani uthungela isiziba selaphu elingarhwaqelanga phezu kwesambatho sangaphezulu esidala; ukuba wenjenjalo, amandla aso apheleleyo asitsala sisuke, esitsha kwesidala, yaye ukukrazuka kuba kubi ngakumbi.+ 22 Kanjalo, akukho bani ufaka iwayini entsha kwiintsuba zewayini ezindala; ukuba wenjenjalo, iwayini iyazigqabhuza iintsuba, kuze kulahleke iwayini kwakunye neentsuba.+ Kodwa abantu bafaka iwayini entsha kwiintsuba zewayini ezintsha.”+
23 Wathi edlula kumasimi okudla okuziinkozo ngesabatha, abafundi bakhe baqala ukukha+ izikhwebu zokudla okuziinkozo.+ 24 Ngoko abaFarisi basuka bathi kuye: “Khangela apha! Kutheni besenza okungekho mthethweni ngesabatha?”+ 25 Kodwa wathi kubo: “Anizange nakanye na nifunde oko kwenziwa nguDavide+ xa wayeswele, elambile, yena nabantu ababekunye naye?+ 26 Indlela awangena ngayo endlwini kaThixo, kwingxelo ephathelele uAbhiyatare+ umbingeleli oyintloko, waza wadla izonka ezingumboniso,+ ekungekho mthethweni+ ngaye nabani na ukuzidla ngaphandle kwababingeleli, yaye zimbi wazinika kwanabantu ababekunye naye?”+ 27 Ngoko wahambisa wathi kubo: “Isabatha yabakho ngenxa yomntu,+ kungekhona umntu ngenxa yesabatha;+ 28 ngoko ke uNyana womntu uyiNkosi yayo nesabatha.”+