1 Korinte
16 Ke kaloku ngokuphathelele ukuqokelelela+ abo bangcwele,+ kanye njengoko ndawayalelayo amabandla aseGalati,+ yenzani ngaloo ndlela nani. 2 Ngolokuqala usuku evekini ngamnye wenu endlwini yakhe makabekele bucala okuthile kuvimba ngokwengeniso ayizuzileyo, ukwenzela ukuba ningaqali ukuqokelela ndakuba ndifikile. 3 Ndakufika ndothuma nabaphi na abantu enibancomeleyo ngeencwadi,+ ukuba bathwale isipho senu sobubele basise eYerusalem. 4 Noko ke, ukuba kuyimfuneko ukuba nam ndiye, baya kusele behamba nam.
5 Ndiya kuza kuni emva kokuba ndigqithile eMakedoni, kuba ndiza kugqitha eMakedoni;+ 6 yaye mhlawumbi ndiya kuhlala kude kudlule nobusika ndikunye nani, ukuze nindikhaphe+ umganyana ukuya apho ndiya khona. 7 Kuba andifuni kunibona ngoku ekudluleni kwam, kuba ndithemba ukuhlala nani ixesha elithile,+ ukuba uYehova+ uyavuma.+ 8 Kodwa ndiza kuhlala e-Efese+ kude kube ngumthendeleko wePentekoste; 9 kuba ndivulelwe umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini,+ kodwa kukho abachasi abaninzi.
10 Ke kaloku, ukuba uTimoti+ uthe wafika, menzeni azive ekhululekile phakathi kwenu, kuba wenza umsebenzi kaYehova,+ kwanjengoko nam ndisenjenjalo. 11 Makungabikho namnye, ke ngoko, umjongela phantsi.+ Mkhapheni umganyana ngoxolo ukuza kum, kuba ndimlindele kunye nabazalwana.
12 Ke kaloku ngokuphathelele uApolo+ umzalwana wethu, ndambongoza kakhulu ukuba eze kuni kunye nabazalwana, kodwa ke akakafuni kuza ngoku; phofu ke uya kuza akulifumana ithuba.
13 Hlalani niphaphile,+ yimani niqinile elukholweni,+ yibani ngamadoda,+ yomelelani.+ 14 Zonke izinto zenu mazenziwe ngothando.+
15 Ke kaloku ndiyanibongoza, bazalwana: Niyazi ukuba indlu kaStefana yintlahlela+ kwelaseAkhaya nokuba bazinikele ekulungiseleleni abo bangcwele.+ 16 Ngamana nani ningahlala nizithoba kubantu abalolo hlobo nakuye wonk’ ubani onentsebenziswano nosebenzayo.+ 17 Kodwa ndinemihlali ngenxa yobukho bukaStefana+ noFortunato noAkhayiko, ngenxa yokuba basivalile isikhewu sokungabikho kwenu apha. 18 Kuba bawuhlaziyile umoya wam+ nowenu. Ngoko ke nikelani ingqalelo kubantu abalolo hlobo.+
19 Ayanibulisa amabandla aseAsiya.+ UAkwila noPriska ndawonye nebandla elisendlwini yabo+ banibulisa ngokusuk’ entliziyweni eNkosini. 20 Bonke abazalwana bayanibulisa. Bulisanani ngolwango olungcwele.+
21 Umbuliso lo ubhalwa ndim, mna Pawulos, ngesandla sam.+
22 Nabani na ongenawo umsa ngeNkosi, makaqalekiswe.+ Owu Nkosi yethu, yiza!+ 23 Ngamana ububele obungasifanelanga beNkosi uYesu bungaba nani. 24 Ngamana uthando lwam lungaba nani nonke nina bamanyene noKristu Yesu.