Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
Bazalwana Noodade Abathandekayo:
HAYI indlela esikuvuyela ngayo ukunibhalela! Siyanincoma ngothando nangokuzincama enisoloko nikubonisa. Njengoko niza kubona kule Ncwadi Yonyaka, kuye kwenziwa umsebenzi omhle gqitha kunyaka wenkonzo odluleyo. Kwakhona, siye sachitha ngaphezu kweeyure eziliwaka lezigidi kumsebenzi wokushumayela nowokufundisa, sikhuthaza abantu ngokungqalileyo ukuba basondele kuYehova. Ngaba akulolungelo ukuba ngabasebenzi kunye noThixo ozukileyo onguBawo wethu wasezulwini?—1 Kor. 3:9.
Njengoko sikhangele umsebenzi ongaphambi kwethu, siqinisekile ukuba niya kuqhubeka nixelisa inzondelelo nokholo lwabakhonzi bakaThixo, njengoko ichaziwe eBhayibhileni. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wayezimisele ukuzibhokoxa ekuhambiseleni phambili izilangazelelo zoBukumkani. Kuyabonakala ukuba, kwakusebudeni bonyaka wakhe wokugqibela wokuba se-Efese awathi wabhala incwadi yakhe yokuqala eya kwibandla lamaKristu laseKorinte. Ubhala athi ngokuphathelele oko wayeceba ukukwenza: “Ndiza kuhlala e-Efese kude kube ngumthendeleko wePentekoste; kuba ndivulelwe umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini, kodwa kukho abachasi abaninzi.”—1 Kor. 16:8, 9.
UPawulos wayecebe ukuya eMakedoni naseKorinte. Noko ke, wafumana ithuba lokwenza umsebenzi obalulekileyo waza wahlala kangangethuba elithile e-Efese. UPawulos wayebhetyebhetye; wabona ithuba elihle lokuhambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani kwindawo awayekuyo, ngoko watshintsha ucwangciso lwakhe. UPawulos wayevulelwe umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini, yaye wayezimisele ukulixhakamfula elo thuba.
Ukwenjenjalo kwakungumsebenzi omkhulu—oquka ukushumayela iindaba ezilungileyo nokomeleza ibandla lase-Efese. Kamva, uPawulos wathi kumadoda amakhulu eso sixeko: “[Andizange] ndinifihlele nto, ndanixelela zonke izinto eziyingenelo, ndanifundisa esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu. Kodwa ndanikela ubungqina ngokucokisekileyo kumaYuda nakumaGrike ngenguquko kuThixo nokholo kwiNkosi yethu uYesu.”—IZe. 20:20, 21.
Ngokufanayo, abaninzi kuni bazalwana noodade baye bawaxhakamfula amathuba abevulekile. Kunyaka wenkonzo odluleyo, ubuncinane bangama-798 938 abaye balungelelanisa iimeko zabo ukuze babe nesabelo kuhlobo oluthile lwenkonzo yobuvulindlela. Abanye benu baye baya eziphelweni zomhlaba ukuze babe ngabavangeli basemazweni. Nisasaza iindaba ezilungileyo ngokuzimisela yaye nomeleza amabandla. Abanye kuni baye bafunda ezinye iilwimi ukuze bakwazi ukunceda abantu abathetha ulwimi lwasemzini abakufutshane nabo. Kanti abanye baye bahlengahlengisa iimeko zabo ukuze basebenze kwintsimi engabelwanga bani okanye bakhonze kwiindawo ezinemfuneko enkulu. Abanye baye bafumanisa ukuba umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini uvuleke esikolweni, kwindawo yempangelo, okanye kwezinye iimeko apho kunokunikelwa khona ubungqina ngokuphumelelayo, njengokusebenzisa umnxeba. Amava avela ehlabathini lonke angqina ukuba abantu bakaThixo, abaselula nabakhulileyo, bakhangela ngokuzimisela baze baxhakamfule amathuba okudlulisela ulwazi lwenyaniso kubantu abakuzo zonke iindawo.
Qinisekani ukuba uYehova uyayibona yaye uyixabisa ngokwenene imigudu yenu. IBhayibhile ithi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.” (Heb. 6:10) Qhubekani niwaphaphela amathuba okuhambisela phambili unqulo olunyulu. Abanye kuni basenokukwazi ukuyandisa inkonzo yabo. Sonke sinokuzabalazela ukwenza inkonzo yethu ibe yimpumelelo ngakumbi.
Uthumo lokushumayela asinakulufeza ngaphandle kokuchaswa. Khumbula ukuba emva kokuba uPawulos ethethe ngomnyango omkhulu okhokelela emsebenzini owawumvulekele, wabhala wathi: “Kukho abachasi abaninzi.” KuPawulos, abo bachasi babequka amaYuda nabeeNtlanga, abanye kubo babemhlasela ngokuphandle, kanti abanye besenza amayelenqe nxamnye naye ngokufihlakeleyo.—IZe. 19:24-28; 20:18, 19.
Nathi namhlanje sijamelene nemeko efanayo. Njengoko sisondela ekutshatyalalisweni kwale nkqubo ingendawo, silindele inkcaso engakumbi. USathana ‘unomsindo omkhulu,’ yaye ubukhulu becala lo msindo uwujolise kwabo bakhonza uThixo. (ISityhi. 12:12) Ungaze ulibale ukuba uSathana ‘ngumlawuli wehlabathi.’ UYesu wabaxelela oku abafundi bakhe: “Ukuba beniyinxalenye yehlabathi, ihlabathi beliya kukuthanda oko kukokwalo. Ke ngenxa yokuba ningeyonxalenye yehlabathi, kodwa ndininyulile mna naphuma kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.”—Yoh. 14:30; 15:19.
Sizimisele ukungavumeli nabani na ukuba alwenze buthathaka ukholo lwethu kuThixo okanye asiphazamise kumsebenzi wethu wokushumayela. Siyazi ukuba baya kuqhubeka bekho abo basihlaselayo nabasenzela amayelenqe. Kodwa, siqhubela phambili ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani, sinentembelo yokuba uYesu uya kumtyumza uSathana nemikhosi yakhe ngexesha likaYehova elifanelekileyo. Abachasi abazange bamyekise ukushumayela umpostile uPawulos; abasayi kubayekisa ke nabakhonzi bakaYehova banamhlanje. Nakuba uSathana enomsindo yaye nehlabathi linentiyo, umoya kaYehova usebenza ngamandla kubantu Bakhe. Hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukwazi ukuba inani labo bashumayela iindaba ezilungileyo liye lafikelela incopho entsha yezi-6 304 645!
Sithandazela ukuba niqhubeke nisebenzisa amathuba okuhambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani obumangalisayo bukaYehova. Qinisekani ukuba sinithanda ngokwenene njengoko sisebenza “ngaxhatha linye” enkonzweni yOyena Thixo Uphakamileyo, uYehova.—Zef. 3:9.
Abazalwana benu,
IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova