ABagwebi
5 Yaye ngaloo mini uDebhora+ kunye noBharaki+ unyana ka-Abhinowam+ bavuma,+ besithi:
3 Phulaphulani, bokumkani;+ bekani iindlebe, magosa aphakamileyo:
Mna, ewe, mna, ndiya kuvuma kuYehova.
Ndiya kucula uncuthu lwengoma+ kuYehova, uThixo kaSirayeli.+
4 Yehova, ekuphumeni kwakho eSehire,+
Ekuhambeni kwakho kumhlaba wakwaEdom,+
Umhlaba wanyikima,+ avuza namazulu,+
Namafu avuza amanzi.
6 Ngemihla kaShamgare+ unyana ka-Anati,
Ngemihla kaYaheli,+ kwakungahanjwa emendweni,
Yaye abahambi beendlela babehamba ngomendo ojikelezayo.+
7 Kwayeka ukubakho abahlali kwilizwe elivulekileyo, bayeka ukubakho kwaSirayeli,+
De mna, Debhora,+ ndaphakama,
De ndaphakama njengomama kwaSirayeli.+
Kungoko kwathi kwabakho imfazwe emasangweni.+
Ikhaka lalingenakubonwa, okanye incula,
Phakathi kwamashumi amane amawaka kwaSirayeli.+
9 Intliziyo yam ingakubaphathi bakwaSirayeli,+
Ababezinikele ngokuzithandela phakathi kwabantu.+
Bongani uYehova.+
10 Nina bakhweli beemazi zamaesile ezibomvu bulubhelu,+
Nina bahlala kwiikhaphethi ezimfumamfuma,
Nani bahamba endleleni,
Qwalaselani!+
11 Amanye amazwi abo babesaba amanzi kwiindawo zokukha amanzi,+
Apho abalisa ngezenzo zikaYehova zobulungisa,+
Izenzo zobulungisa zabo bakhe bahlala kwilizwe elivulekileyo kwaSirayeli.
Kungoko bathi abantu bakaYehova behla baya emasangweni.
13 Kungoko bathi abo basindayo behla beza kwabo baziingangamsha;
Abantu bakaYehova behla beza kum nxamnye nabanamandla.
14 Imvelaphi yabo yayisentilini+ yakwaEfrayim,
Kunye nawe, Owu Bhenjamin, phakathi kwezizwana zakho.
Abaphathi bavela kwaMakire,+
Yaye bavela kwaZebhulon abo baphatha izixhobo zababhali.+
15 Yaye iinkosana kwaIsakare+ zazinoDebhora,
Kwaye uBharaki,+ wayenjengoIsakare.
Wathunyelwa entilini ngeenyawo.+
Phakathi kwezahlulo zakwaRubhen kwakukuninzi ukugocagocwa kwentliziyo.+
16 Kwakutheni ukuze uhlale phantsi phakathi kweengxowa ezimbini zomthwalo,
Ukuze uphulaphule ukukhala kwembande emihlambini?+
Kwizahlulo zakwaRubhen kwakukuninzi ukugocagocwa kwentliziyo.+
17 UGiliyadi wahlala endaweni yakhe yokuhlala ngaphesheya kweYordan;+
Yaye uDan, kwakutheni ukuze aqhubeke ehleli ezinqanaweni?+
UAshere wahlala ezipholele kunxweme lolwandle,
Kwaye wahlala ngakumhlaba owomileyo.+
19 Ookumkani bafika, balwa;
Kungoko abathi ookumkani baseKanan balwa+
ETahanaki+ ngakumanzi aseMegido.+
Abazange bathabathe nzuzo yasilivere.+
21 Umsinga waseKishon wabakhukulisa,+
Umsinga wemihla yamandulo, umsinga waseKishon.+
Wanyathela ngamandla,+ Owu mphefumlo wam.
22 Kungoko zathi iimpuphu zamahashe zangqisha+
Ngenxa yokuba iinkunzi zakhe zamahashe zaphala ziphalile.
23 ‘Qalekisani+ iMerozi,’ yatsho ingelosi kaYehova,+
‘Baqalekiseni ngokungapheziyo abemi bayo,
Kuba abakhange beze kumnceda uYehova,
Babe luncedo kuYehova nabo banamandla.’
24 UYaheli+ umfazi kaHebheri umKeni+ ngoyena uya kusikelelwa phakathi kwabafazi,
Phakathi kwabafazi ententeni ngoyena uya kusikelelwa.+
26 Wolulela isandla sakhe esikhonkwaneni sentente,
Nesandla sakhe sokunene kwisando somthi sabasebenzi abakhutheleyo.+
Yaye wambethelela uSisera, wayigqobhoza intloko yakhe,+
Kwaye waziqhekeza waza wazigqobhoza iintlafuno zakhe.
27 Wathi folokohlo phakathi kweenyawo zakhe, wawa, walala phantsi;
Wathi folokohlo phakathi kweenyawo zakhe, wawa;
Apho wathi folokohlo khona, wawela apho woyiswa.+
28 Umfazi wakhangela ngefestile waza wahlala emlindile,
Unina kaSisera ngesikroba,+
‘Kutheni inqwelo yakhe yokulwa ilibele nje ingafiki?+
Kutheni na izingqi zeempuphu zenqwelo yakhe zihamba kade nje?’+
29 Abalumkileyo kumanenekazi akhe azizidwangube+ ayephendula,
Ewe, wayeziphendula kwayena ngamazwi akhe,
30 ‘Akufanele bafumane na, akufanele babe amaxhoba na,+
Isibeleko—izibeleko ezibini kwindoda nganye eyomeleleyo,+
Amaxhoba ezinto ezidayiweyo zikaSisera, amaxhoba ezinto ezidayiweyo,
Isambatho esilukiweyo, izinto ezidayiweyo, izambatho ezilukiweyo ezibini
Zeentamo zamadoda angamaxhoba?’
31 Ngaloo ndlela mazitshabalale zonke iintshaba zakho,+ Yehova,
Yaye abakuthandayo+ mababe njengokuphuma kwelanga ngamandla alo.”+
Yaye ilizwe alizange libe nasiphazamiso singakumbi amashumi amane eminyaka.+