Eyesibini KaSamuweli
9 UDavide wathi: “Ngaba kusekho umntu osashiyekileyo wendlu kaSawule endinokumthanda ngokungagungqiyo ngenxa kaYonatan?”+ 2 Kwakukho isicaka endlini kaSawule ekwakuthiwa nguTsibha.+ Ngoko basibizela kuDavide, waza wathi kuso: “UnguTsibha?” Saphendula sathi: “Ndisisicaka sakho.” 3 Ukumkani wathi: “Ngaba kusekho umntu oshiyekileyo kwindlu kaSawule endinokumbonisa uthando lukaThixo olungagungqiyo?” UTsibha wamphendula ukumkani wathi: “Ukho unyana kaYonatan oshiyekileyo. Ulimele ezinyaweni.”+ 4 Ukumkani wambuza wathi: “Uphi?” UTsibha yena wathi: “Usendlini kaMakire+ unyana ka-Amiyeli eLo-debhare.”
5 Ngokukhawuleza uKumkani uDavide wathi makayokubizwa waza wamthatha endlini kaMakire unyana ka-Amiyeli eLo-debhare. 6 Xa uMefibhoshete unyana kaYonatan unyana kaSawule wadibana noDavide, ngoko nangoko wawa ngobuso waza waqubuda. UDavide wathi: “Mefibhoshete!” yena wathi: “Nasi isicaka sakho.” 7 UDavide wathi kuye: “Sukoyika. Ngokuqinisekileyo ndiza kukuthanda ngokungagungqiyo+ ngenxa kaYonatan utata wakho. Ndiza kukubuyisela wonke umhlaba kaSawule utatomkhulu wakho, ibe uza kusoloko usitya* etafileni yam.”+
8 UMefibhoshete waqubuda waza wathi: “Xa besingubani isicaka sakho, ukuba ungade uhoye inja efileyo+ enjengam?” 9 Ukumkani wathi makubizwe uTsibha, isicaka sikaSawule, wathi kuye: “Yonke into ebiyekaSawule nendlu yakhe yonke ndiyinika umzukulwana wenkosi yakho.+ 10 Uze umlimele, wena noonyana bakho nezicaka zakho, nimzisele isivuno, sibe kukutya kwabantu bomzukulwana wenkosi yakho, batye. Kodwa yena uMefibhoshete, umzukulwana wenkosi yakho, uza kusoloko esitya etafileni yam.”+
UTsibha wayenoonyana abayi-15 nezicaka eziyi-20.+ 11 Emva koko, uTsibha wathi kukumkani: “Isicaka sakho siza kwenza yonke into inkosi yam ukumkani ethi masiyenze.” Ngoko uMefibhoshete watya etafileni kaDavide* njengomnye woonyana bakakumkani. 12 UMefibhoshete wayenonyana omncinci. Igama lakhe lalinguMikha.+ Bonke abantu ababehlala endlini kaTsibha baba zizicaka zikaMefibhoshete. 13 UMefibhoshete wayehlala eYerusalem, kuba wayesoloko esitya etafileni kakumkani,+ ibe wayelimele ezinyaweni.+