Eyesibini YeziKronike
8 Ekupheleni kweminyaka eyi-20 uSolomon awakha ngayo indlu kaYehova nendlu yakhe, + 2 waphinda wazakha izixeko awayezinikwe nguHiram,+ waza wahlalisa amaSirayeli* kuzo. 3 Ngaphezu koko uSolomon waya eHamati-tsobha, wayithimba. 4 Emva koko wakha* iTademore entlango nazo zonke izixeko ezingoovimba+ awayezakhe eHamati.+ 5 Wakha neBhete-horon Engasentla+ neBhete-horon Esezantsi,+ izixeko ezomeleleyo ezineendonga, iingcango nemivalo, 6 wakha neBhahalati+ nazo zonke izixeko zakhe ezingoovimba, izixeko zeenqwelo,+ izixeko zabakhweli-mahashe, nayo nantoni na uSolomon awayefuna ukuyakha eYerusalem, eLebhanon nakuwo wonke umhlaba owawuphantsi kwakhe.
7 Bonke abantu ababeshiyeke kuma-Amori, kumaHiti, kumaPerizi, kumaHivi nakumaYebhusi,+ ababengengawo amaSirayeli,+ 8 inzala yabo eyayishiyeke elizweni, leyo ingazange itshatyalaliswe ngamaSirayeli,+ yabhaliswa nguSolomon ukuba isetyenziswe ngenkani de kube namhlanje.+ 9 Kodwa akukho namnye kumaSirayeli owenziwa ikhoboka nguSolomon kumsebenzi wakhe,+ kuba ayengamagorha akhe, abaphathi bamagosa omkhosi, abaphathi babaqhubi beenqwelo nababakhweli-mahashe bakhe.+ 10 Babeyi-250 abaphathi bamasekela kaKumkani uSolomon, amadoda awayegade abasebenzi.+
11 Kwakhona uSolomon wayisusa intombi kaFaro+ kwisiXeko SikaDavide wayisa kwindlu awayeyakhele yona,+ kuba wathi: “Nangona ingumfazi wam, ayifanele ihlale kwindlu kaKumkani uDavide wakwaSirayeli, kuba iindawo eze kuzo iTyeya kaYehova zingcwele.”+
12 Emva koko uSolomon wanikela kuYehova imibingelelo etshiswayo+ phezu kwesibingelelo+ sikaYehova awayesakhe phambi kweveranda.+ 13 Imihla ngemihla wayenikela imibingelelo ngokomyalelo kaMoses ngeeSabatha,+ ngokuthwasa kweenyanga+ nangamatheko amiselweyo aba kathathu ngonyaka,+ iTheko Lezonka Ezingenagwele,+ iTheko Leeveki+ neTheko Lamakhusi.*+ 14 Wakhetha namaqela ababingeleli+ ukuze basebenze ngendlela awayeyalele ngayo uDavide utata wakhe, wamisa nabaLevi kwizikhundla ababesebenza kuzo, ukuze badumise+ yaye basebenze phambi kwababingeleli besenza izinto ezazifanele zenziwe suku ngalunye. Wabeka noonogada basemnyango ngokwamaqela abo kwiigeyithi ezahlukahlukeneyo,+ kuba lowo yayingumyalelo kaDavide umntu kaThixo wokwenene. 15 Abazange bawushiye umyalelo kakumkani oya kubabingeleli nakubaLevi ngayo nantoni na okanye ngoovimba. 16 Ngoko umsebenzi kaSolomon walungiselelwa kakuhle* ukususela ngemini esabekwa ngayo isiseko sendlu kaYehova+ de yagqitywa. Ngoko indlu kaYehova yagqitywa.+
17 Kungelo xesha uSolomon awaya e-Etsiyon-gebhere+ nase-Eloti+ kunxweme lolwandle kwilizwe lakwaEdom.+ 18 UHiram+ wathumela izicaka zakhe ukuba zise iinqanawa neengcali zolwandle kuSolomon. Zahamba nezicaka zikaSolomon zaya eOfire,+ zayokuthatha iitalente* zegolide eziyi-450+ zazizisa kuKumkani uSolomon.+