Nehemiya
12 Naba ababingeleli nabaLevi abenyuka noZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli+ noYeshuwa:+ NguSeraya, uYeremiya, uEzra, 2 uAmariya, uMaluke, uHatushe, 3 uShekaniya, uRehum, uMeremoti, 4 uIdo, uGinetoyi, uAbhiya, 5 uMiyamin, uMahadiya, uBhilega, 6 uShemaya, uYoyaribhe, uYedaya, 7 uSalu, uAmoki, uHilekiya noYedaya. Abo ke babeziintloko zababingeleli nabantakwabo ngemihla kaYeshuwa.
8 AbaLevi yayinguYeshuwa, uBhinuwi, uKademiyeli,+ uSherebhiya, uYuda noMataniya,+ owayejongene nekwayara yokubulela, ekunye nabantakwabo. 9 Phambi kwabo kwakumi abantakwabo uBhakebhukiya noUni begadile. 10 UYeshuwa wazala uYoyakim, uYoyakim wazala uEliyashibhi,+ uEliyashibhi wazala uYoyada.+ 11 UYoyada wazala uYonatan, uYonatan wazala uYaduwa.
12 Naba ababingeleli ababeziintloko zezindlu ngemihla kaYoyakim: KwaSeraya+ nguMeraya; kwaYeremiya nguHananiya; 13 kwaEzra+ nguMeshulam; kwa-Amariya nguYehohanan; 14 kwaMaluki nguYonatan; kwaShebhaniya nguYosefu; 15 kwaHarim+ nguAdena; kwaMerayoti nguHelekayi; 16 kwaIdo nguZekariya; kwaGineton nguMeshulam; 17 kwa-Abhiya+ nguZikri; kwaMiniyamin ngu . . . ;* kwaMowadiya nguPiletayi; 18 kwaBhilega+ nguShamuwa; kwaShemaya nguYehonatan; 19 kwaYoyaribhe nguMatenayi; kwaYedaya+ ngu-Uzi; 20 kwaSalayi nguKalayi; kwa-Amoki nguEbhere; 21 kwaHilekiya nguHashabhiya; kwaYedaya nguNetaneli.
22 Iintloko zezindlu zabaLevi nababingeleli ngemihla kaEliyashibhi, uYoyada, uYohanan noYaduwa,+ zabhalwa phantsi de kwalawula uDariyo umPersi.
23 AbaLevi ababeziintloko zezindlu babebhalwe kwincwadi yembali yaloo maxesha, ukuyokutsho ngemihla kaYohanan unyana kaEliyashibhi. 24 Iintloko zabaLevi yayinguHashabhiya, uSherebhiya noYeshuwa+ unyana kaKademiyeli,+ ibe abantakwabo abangoonogada babemi bengamaqela phambi kwabo, bedumisa yaye bebulela ngokomyalelo kaDavide+ indoda yoThixo wokwenene. 25 UMataniya,+ uBhakebhukiya, uObhadiya, uMeshulam, uTalemoni noAkubhi+ babegade+ oovimba abakufutshane neegeyithi. 26 Bawenza lo msebenzi ngemihla kaYoyakim unyana kaYeshuwa+ unyana kaYozadaki, nangemihla kaNehemiya ongumlawuli noEzra+ ongumbingeleli nomkhupheli.*
27 Xa kwakunikezelwa udonga lwaseYerusalem, kwabizwa abaLevi kuzo zonke iindawo ababehlala kuzo baziswa eYerusalem, ukuze kubhiyozwe, konwatywe, kuculwe iingoma zokubulela+ kukhaliswa amacangci, imirhubhe neehadi. 28 Oonyana beemvumi beza bevela* kwisithili esikufutshane,* kuzo zonke iindawo ezingqonge iYerusalem, kwiilali zamaNetofa,+ 29 eBhete-giligali,+ kummandla waseGebha+ naseAzimaveti,+ kuba iilali zeemvumi zazijikeleze lonke elaseYerusalem. 30 Ababingeleli nabaLevi bazicoca, bacoca abanye abantu,+ iigeyithi+ kunye nodonga.+
31 Ndasa iinkosana zakwaYuda phezulu eludongeni. Emva koko ndamisela iikwayara zokubulela ezinkulu ezimbini nabantu bokuzilandela. Eyokuqala yayihamba ngasekunene phezu kodonga isiya ngakwiGeyithi yeeMfumba Zothuthu.+ 32 Yayilandelwa nguHoshaya, nezinye iinkosana zakwaYuda, 33 uAzariya, uEzra, uMeshulam, 34 uYuda, uBhenjamin, uShemaya noYeremiya. 35 Babehamba naba nyana bababingeleli ababephethe amaxilongo:+ UZekariya unyana kaYonatan unyana kaShemaya unyana kaMataniya unyana kaMikaya unyana kaZakure unyana ka-Asafu,+ 36 nabantakwabo uShemaya, uAzareli, uMilalayi, uGilalayi, uMahayi, uNetaneli, uYuda noHanani, bedlala izixhobo zomculo zikaDavide+ indoda yoThixo wokwenene, uEzra+ umkhupheli* ehamba phambi kwabo. 37 Ukufika kwabo kwiGeyithi Yomthombo,+ bahamba bayokutsho kwiZitepsi+ Zesixeko SikaDavide,+ benyuka kwiqhina elisentla kwendlu kaDavide, bayokutsho kwiGeyithi Yamanzi+ engasempuma.
38 Ikwayara yesibini yokubulela yayihamba kwelinye icala,* ilandelwa ndim nehafu yabantu, sagqitha kwiNqaba Yee-oveni,+ kuDonga Olubanzi,+ 39 kwiGeyithi YakwaEfrayim,+ kwiGeyithi Yesixeko Esidala,+ kwiGeyithi Yeentlanzi,+ kwiNqaba KaHananeli,+ kwiNqaba IMeya, kwiGeyithi Yeegusha,+ sayokuma kwiGeyithi Yoonogada.
40 Ethubeni, ezi kwayara zokubulela zimbini zayokuma phambi kwendlu yoThixo wokwenene; kwaza kwafika mna, ihafu yamasekela baphathi eyayihamba nam, 41 nababingeleli ababephethe amaxilongo, uEliyakim, uMahaseya, uMiniyamin, uMikaya, uEliyohenayi, uZekariya, uHananiya, 42 uMahaseya, uShemaya, uEleyazare, u-Uzi, uYehohanan, uMalekiya, uElam noEtsere. Neemvumi zazicula ziphantsi kukaIzrahiya.
43 Ngaloo mini benza imibingelelo emininzi bevuya,+ kuba uThixo wokwenene wayebonwabise ngeyona ndlela. Nabafazi nabantwana babonwabe kakhulu,+ kangangokuba babevakala nakwiindawo ezikude neYerusalem.+
44 Ngaloo mini kwamiselwa amadoda aza kujongana noovimba+ beminikelo,+ isivuno sokuqala+ nezishumi.+ Ayesigcina kwabo vimba isivuno asiqokelele kumasimi ezixeko, esasimele+ sinikwe ababingeleli nabaLevi.+ Kaloku yayibavuyisa kakhulu abantu bakwaYuda into yokubona ababingeleli nabaLevi besebenza etempileni. 45 Baqalisa ukusebenzela uThixo wabo, nokwenza umsebenzi wabo wokucoca, ngokomyalelo kaDavide noSolomon unyana wakhe, njengokuba neemvumi noonogada basegeyithini babesenza. 46 Kaloku kudala, ngemihla kaDavide noAsafu kwakukho abaphathi beekwayara ezicula iingoma zokudumisa nokubulela uThixo.+ 47 Ngemihla kaZerubhabheli+ nangemihla kaNehemiya onke amaSirayeli ayenika iimvumi+ noonogada basegeyithini+ ukutya okwanele usuku ngalunye. Ayenika nabaLevi,+ baze bona banike inzala ka-Aron.