Yobhi
Ndiza kuyiphalaza imbilini yam.
Ndiza kuthetha ndisentlungwini!
2 Ndiza kuthi kuThixo, ‘Sukundibeka ityala.
Ndixelele qha ukuba undisukela ngantoni.
3 Kukunceda ngantoni ukundicinezela,
Ukucaphukela umsebenzi wezandla zakho,+
Wakugqiba umamele icebiso labenzi-bubi?
4 Unamehlo enyama na,
Okanye ubona njengomntu?
5 Iyalingana na imihla yakho neyabantu,
Okanye iminyaka yakho ifana neyabantu,+
6 Le nto ude ukhangele isiphoso sam
Uze uqhubeke ukhangela isono sam?+
10 Zange undigalele njengobisi na,
Waza wandenza ngqindilili okwetshizi?
13 Kodwa ubuzazi ukuba ufuna ukundenzakalisa.*
Ndiyazi ukuba zonke ezi ngxaki zibangelwa nguwe.
15 Ukuba ndinetyala, ndiza kuthi shu!
16 Ukuba ndikhe ndaphakamisa intloko, undizingela okwengonyama,+
Uze undigagamele ngamandla akho.
17 Uzisa amangqina amatsha okundityhola,
Ibe uya uvutha umsindo wakho,
Kuba undithele chu ngokundihlasela.
18 Wandikhuphelani kanti esibelekweni?+
Akwaba ndandife ndingekabonwa mntu.
19 Ngendafana nongazange abekho;
Ngendasuka esibelekweni ndaya ngqo engcwabeni.’