Yobhi
27 UYobhi waqhubeka ethetha,* esithi:
2 “Ephila nje uThixo, ondivimbe ubulungisa,+
Ephila nje uSomandla, obenze nzima ubomi bam,+
3 Ndisaphefumla nje,
Ndisenamandla obomi endiwanikwe nguThixo,+
4 Imilebe yam ayizukuthetha zinto zingalunganga;
Nolwimi lwam aluzukuthetha nkohliso!
5 Andisoze ndithi nina ningamalungisa!
Andizukuyeka ukuba msulwa de ndife!+
7 Akwaba iintshaba zam zingohlwaywa njengabenzi-bubi,
Nabo bandihlaselayo bohlwaywe njengabo benza izinto ezingalunganga.
10 Okanye ngaba uza kumthanda uSomandla?
Ngaba uza kukhalela kuThixo ngamaxesha onke?
12 Jongani! Ukuba nonke nibone imibono,
Kutheni ke nithetha izinto ezingekhoyo?
14 Nokuba angaba noonyana abaninzi, baza kubulawa ngekrele,+
Nenzala yakhe ayizukuba nakutya kwaneleyo.
15 Abasindileyo baza kubulawa sisibetho,
Baze bangalilelwa nabahlolokazi babo.
16 Nokuba angade abe nemfumba yesilivere ngathi luthuli,
Aze abe nempahla yodidi efumbe okodongwe,
17 Nokuba angayiqokelela,
Iza kunxitywa lilungisa,+
Baze abamsulwa bahlulelane ngesilivere yakhe.
19 Uza kulala esisityebi, kodwa obo butyebi buza kuthi shwaka,
Kube kungasekho nto xa evula amehlo.