Yobhi
Ngamadoda angaphantsi kum ngeminyaka,
Anootata endandingenakuvuma
Nokuba bahlale nezinja ezigade umhlambi wam.
2 Andincede ngantoni ke amandla awo?
Awasenamandla ngoku.
4 Akha iinqoba ematyholweni;
Ukutya kwawo ziingcambu zomthi wonwele.
6 Ahlala kumathambeka asezintlanjeni,
Emingxunyeni nasemaweni.
11 UThixo undihluthe izixhobo zam waza wandithoba,
Ngoku enza nje unothanda kum.
12 Eza eligquba ngasekunene kwam,
Kunyanzeleke ukuba ndibaleke,
Ibe andivalela indlela ukuze anditshabalalise.
13 Adiliza iindlela endihamba kuzo,
Ezenza zibe nzima nangakumbi iingxaki zam,+
Kube kungekho mntu uwanqandayo.*
14 Agaleleka ngathi atyhoboza eludongeni;
Afika sele kukubi kakade kum.
19 UThixo undiphose eludakeni;
Ndithotyiwe ndanjengothuli nothuthu.
20 Ndikhalela uncedo kuwe, kodwa awundiphenduli;+
Ndiyema ukuze ndikucenge, kodwa undijonga nje ungandihoyi.
23 Kaloku ndiyazi ukuba uza kundinikela ekufeni,
Kwindlu abaza kudibana kuyo bonke abaphilayo.
25 Khange ndibakhalele na abo behlelwe ziingxaki?
Khange ndiwakhalele na amahlwempu?+
26 Nangona bendifuna izinto ezilungileyo, ndehlelwe zezimbi;
Bendilindele ukukhanya, kodwa kwafika ubumnyama.
27 Asiyekanga ukuxuxuzela isisu sam;
Ndifikelwe yimihla yentlungu.
28 Akukho kukhanya; ndihamba ndikhathazekile.+
Ndiyaphakama ebandleni, ndikhalele uncedo.
31 Uhadi lwam lukhala ngenxa yokuzila kuphela,
Nefleyiti yam yeyokulila.