149 Dumisani uYa!
Mculeleni ingoma entsha uYehova;+
Mdumiseni ebandleni labathembekileyo.+
2 USirayeli makavuyiswe nguMenzi wakhe Ozukileyo;+
Oonyana beZiyon mabonwabe ngenxa kaKumkani wabo.
3 Mabadumise igama lakhe ngokudanisa.+
Mabamdumise ngengoma, bedlala amagubu neehadi.+
4 Kuba uYehova uyabathanda abantu bakhe.+
Ubahombisa ngokubasindisa abalulamileyo.+
5 Abathembekileyo mabavuye ngenxa yozuko lwabo;
Mabakhwaze bevuya kwiimandlalo zabo.+
6 Mabahlale bemdumisa ngengoma uThixo,
Baphathe nekrele elibukhali macala,
7 Ukuze baziphindezele ezintlangeni,
Bohlwaye nezizwana,
8 Ukuze babophe ookumkani bazo
Nezikhulu zazo ngamatsheyini,
9 Ukuze bazohlwaye njengoko kubhaliwe.+
Eli wonga lelabo bonke abathembekileyo kuye.
Dumisani uYa!