Isaya
Jonga! UYehova ukhwele kwilifu elikhawulezayo ibe uza eYiputa.
Oothixo baseYiputa abangento yanto baza kungcangcazela phambi kwakhe,+
Nentliziyo yeYiputa iza kunyibilika ngaphakathi kuyo.
2 “Ndiza kuthelekisa amaYiputa kunye namanye amaYiputa,
Ibe aza kulwa odwa,
Umntu nomntakwabo, umntu nommelwane wakhe,
Isixeko silwe nesixeko, ubukhosi bulwe nobukhosi.
Aza kubhenela koothixo abangento yanto,
Kumakhubalo, emagqirheni nakubavumisi.+
4 IYiputa ndiza kuyiyeka iphathwe yinkosi engqwabalala,
Ilawulwe ngukumkani okhohlakeleyo,”+ itsho iNkosi yokwenene, uYehova wemikhosi.
6 Imilambo iza kunuka.
Imisinga yomNayile waseYiputa iza kuwutha, ize yome.
Iingcongolo nemizi ziza kubola.+
7 Izityalo ezisecaleni koMlambo umNayile, ngasekupheleni kwawo,
Umhlaba uza kuphetshethwa ngumoya, umke.
8 Nabalobi baza kuzila,
Nabo baphosa iihaki zokuloba kuMlambo umNayile baza kukhala usizi lwento.
Kwanabo baneka iminatha yabo yokuloba emanzini baza kuncipha.
10 Nabo benza amalaphu baza kutyumka intliziyo.
Bonke abaqeshwa baza kuba sentlungwini.
11 Iinkosana zaseTsowan+ zizidenge.
Ezona zilumko kubacebisi bakaFaro zinamacebiso angabhadlanga.+
Utsho njani kuFaro ukuba:
“Ndiyinzala yezilumko,
Inzala yookumkani bakudala”?
12 Ziphi ke ngoku ezo zilumko zakho?+
Mazitsho kaloku ukuba uYehova wemikhosi ugqibe entwenini ngeYiputa.
13 Iinkosana zaseTsowan zenze ngobudenge;
Iinkosana zaseNofu*+ ziqhathiwe,
Izibonda zeentlanga zayo ziyilahlekisile iYiputa.
Ibe bayayilahlekisa iYiputa kuyo yonke into eyenzayo,
Njengenxila lityibilika kumhlanzo walo.
15 Kwaye iYiputa ayizukuba nawo nonjani na umsebenzi,
Nokuba ngowentloko okanye ngowomsila, ihlumelo okanye umzi.*
16 Ngaloo mini iYiputa iza kufana nabafazi, yoyike ize ingcangcazele ngenxa yokulingiswa sisandla sikaYehova wemikhosi.+ 17 Kwaye umhlaba wakwaYuda uza kuyenza yoyike iYiputa. Iza koyikiswa kwakukuva igama likaYuda, ngenxa yesigqibo sikaYehova wemikhosi.+
18 Ngaloo mini kuza kubakho izixeko ezihlanu ezithetha ulwimi lakwaKanan eYiputa,+ ezikwicala likaYehova wemikhosi. Esinye isixeko siza kubizwa ngokuba sisiXeko Sokuchitha.
19 Ngaloo mini kuza kubakho isibingelelo sikaYehova kumbindi welizwe laseYiputa nentsika kaYehova emdeni walo. 20 Siza kuba luphawu nobungqina kuYehova wemikhosi kwilizwe laseYiputa; kuba baza kukhalela kuYehova ngenxa yabacinezeli, aze yena abathumelele umsindisi ozukileyo oza kubasindisa. 21 UYehova uza kwaziwa ngamaYiputa, ibe aza kumazi kakuhle uYehova ngaloo mini. Aza kubingelela aze akhuphe izipho, afunge kuYehova aze azenze izinto azifungileyo. 22 UYehova uza kuyibetha iYiputa,+ ayibethe aphinde ayiphilise; ibe iza kubuyela kuYehova. Uza kuziphendula izicelo zayo, ayiphilise.
23 Ngaloo mini kuza kubakho uhola wendlela+ ophuma eYiputa usiya eAsiriya. IAsiriya iza kuza eYiputa, neYiputa iye eAsiriya, yaye iYiputa neAsiriya ziza kumkhonza kunye uThixo. 24 Ngaloo mini uSirayeli uza kuba kunye neYiputa neAsiriya,+ abe yintsikelelo emhlabeni, 25 kuba uYehova wemikhosi uza kube eyisikelele, ngelithi: “Mabasikeleleke abantu bam iYiputa, nomsebenzi wezandla zam iAsiriya nelifa lam uSirayeli.”+